Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHOKISI YOKUFUNDISA 19B

Amanzi Aba Ngumlambo!

Amanzi Aba Ngumlambo!

UHezekile ubona amanzi ephuma kwindawo engcwele kaYehova aze akhawuleze ande abe ngumlambo okhukulisayo. Ecaleni komlambo ubona imithi eneziqhamo ezityiwayo nephilisayo. Ithetha ntoni yonke le nto?

Iintsikelelo Ezinjengomlambo

KWIXESHA LAKUDALA: Emva kokubuyela kwamaYuda awayethinjiwe kwilizwe lawo, afumana iintsikelelo ezininzi ezifana nomlambo njengoko ayephinda ekhonza uYehova ngendlela ayifunayo

KWIXESHA LETHU: Ngo-1919 abantu baphinda bamkhonza kakuhle uYehova, ibe loo nto yenza ukuba sifumane izinto ezisinceda simkhonze ngendlela ayifunayo nezisinceda sibe nethemba lobomi obungunaphakade

KWIXESHA ELIZAYO: Emva kweArmagedon, uYehova uza kusisikelela ngeendlela ezininzi, njengokusinceda sifezeke nokusifundisa izinto ezintsha

Amanzi Aphilisayo

KWIXESHA LAKUDALA: UYehova wayebasikelela abantu bakhe naxa babesanda, ebanceda baqhubeke bemkhonza ngendlela ayifunayo

KWIXESHA LETHU: Njengokuba besiya besanda abantu bakaThixo, bonke baye bancedwa yinyaniso eseBhayibhileni, bafunda ngoYehova baza bamkhonza ngendlela ayifunayo kunye nabanye abakhonzi bakhe

KWIXESHA ELIZAYO: Abo baza kube besinde kwiArmagedon baza kukhonza uYehova kunye neemiliyoni zabantu abaza kube bevusiwe ibe uYehova uza kubasikelela bonke

Imithi Eneziqhamo Ezityiwayo Nephilisayo

KWIXESHA LAKUDALA: UYehova wabafundisa izinto eziqinisa ukholo waza wabanceda bamkhonza ngendlela ayifunayo. Wabanceda bakwazi ukuyeka ukukhonza izithixo nayo nantoni edibene neenkonzo zobuxoki

KWIXESHA LETHU: Zininzi izinto ezinceda abantu bakaThixo bahlale bethembekile kuye, bangazenzi izono ezinzulu, baze baphephe ukucinga njengeli hlabathi

KWIXESHA ELIZAYO: UKristu kunye nabo aza kulawula nabo abayi-144 000, baza kunceda abantu abathembekileyo bafezeke baze baphile ngonaphakade