Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHOKISI YOKUFUNDISA 19A

Iintsikelelo Ezinjengomlambo Ezivela KuYehova

Iintsikelelo Ezinjengomlambo Ezivela KuYehova

Makhe sijonge ezinye iivesi zeBhayibhile ezisebenzisa igama elithi “umlambo” nelithi “amanzi” xa zithetha ngeentsikelelo ezininzi ezivela kuYehova. Xa sizifunda ezi vesi, sikhuthazeka kakhulu kukubona indlela uYehova asisikelela ngayo. Njani?

YOWELI 3:​18 Kwesi siprofeto sifunda ngomthombo ophuma kwindawo engcwele yetempile. Lo mthombo unkcenkceshela “iNtlambo Yemithi Yomnga” eyomileyo. Ngoko bobabini, uYoweli noHezekile babona amanzi aphilisa izinto. Bobabini bathetha ngomlambo ophuma endlini kaYehova okanye etempileni.

ZEKARIYA 14:8 Umprofeti uZekariya ubona “amanzi aphilayo” ephuma eYerusalem. Ihafu yawo iya kulwandle olusempuma, okanye uLwandle Olufileyo, ize enye ihafu iye kulwandle olusentshona, okanye uLwandle LweMeditera. IYerusalem ‘yayisisixeko soKumkani omkhulu,’ uYehova uThixo. (Mat. 5:​35) Ukuthetha kukaZekariya ngeYerusalem, kusikhumbuza ukuba uYehova uza kulawula umhlaba wonke kwixesha elizayo. Amanzi akwesi siprofeto abonisa ukuba uYehova uza kusikelela amaqela amabini abantu abathembekileyo eParadesi. Elinye iqela ngabo baza kube besinde kwixesha lentlungu engathethekiyo, elinye ngabo baza kube bevuswe emva koko.

ISITYHILELO 22:​1, 2 Umpostile uYohane ubona umlambo ofana nalo ukumbono kaHezekile. Kodwa wona awusuki etempileni, usuka etroneni kaYehova. Ngoko njengakumbono kaZekariya, kubonakala ukuba lo mbono uthetha ngeentsikelelo eziza kubakho ngexesha loLawulo Lweminyaka Eliwaka.

Zifana kakhulu iintsikelelo esiza kuzifumana xa kulawula uYehova kunye nezo zimelwa ngumlambo osembonweni kaHezekile. Loo nto yenziwa kukuba, zonke ezi ntsikelelo zivela kuYehova zisiya kubantu bakhe abathembekileyo.

INDUMISO 46:4 Le vesi ithetha ngezinto ezimbini, ukukhonzwa kukaYehova nolawulo lwakhe. Apha kuthethwa ngomlambo ovuyisa “isixeko sikaThixo,” nto leyo ebonisa uBukumkani nolawulo. Kuphinda kuthethwe ‘ngentente engcwele nezukileyo yOyena Uphakamileyo,’ ebonisa ukukhonzwa kukaYehova ngendlela ayifunayo.

Ezi vesi zisiqinisekisa ukuba uYehova uza kubasikelela ngeendlela ezimbini abantu bakhe. Ulawulo lwakhe kunye nelungiselelo asenzele lona lokuba simkhonze ngendlela ayifunayo luza kusinceda ngonaphakade. Ngenxa yoko, masizimisele ngoku ukufuna ‘amanzi aphilayo,’ okanye izinto uYehova uThixo kunye noNyana wakhe abasenzele zona eziza kusinceda sifumane ubomi obungunaphakade!​—Yer. 2:​13; Yoh. 4:10.