Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHOKISI YOKUFUNDISA 9E

‘Ixesha Lokubuyiselwa Kwazo Zonke Izinto’

‘Ixesha Lokubuyiselwa Kwazo Zonke Izinto’

IZenzo 3:21

Xa umpostile uPawulos wathetha ‘ngexesha lokubuyiselwa kwazo zonke izinto,’ wayeprofeta ngexesha elimangalisayo elaliza kuqala ekumiselweni kukaKristu njengoKumkani, de kube sekupheleni koLawulo Lwakhe Lweminyaka Eliwaka.

  1. 1914​—UYesu Kristu umiselwa njengoKumkani ezulwini. Ukubuyiselwa kwabantu bakaThixo kuqala ngo-1919

    Imihla Yokugqibela

  2. IARMAGEDON​—Kuqala uLawulo Lweminyaka Eliwaka lukaKristu, kwaye ‘ixesha lokubuyiselwa kwazo zonke izinto’ liza neentsikelelo kubantu abathembekileyo basemhlabeni

    ULawulo Lweminyaka Eliwaka

  3. UKUPHELA KOLAWULO LWEMINYAKA ELIWAKA​—UYesu uyawugqiba wonke umsebenzi wokubuyisela aze anikele uBukumkani kuTata wakhe

    IParadesi Kanaphakade

ULAWULO LUKAYESU LUZA . . .

  • kwenza igama likaThixo liphinde lizukiswe

  • kuphelisa ukugula

  • kwenza abantu abadala babe batsha

  • kuvusa abantu abaswelekileyo

  • kwenza abantu baphinde bafezeke

  • kwenza umhlaba ube yiParadesi