Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHOKISI YOKUFUNDISA 14A

Izinto Esizifundayo Kumbono KaHezekile Wetempile

Izinto Esizifundayo Kumbono KaHezekile Wetempile

Ukukhonzwa KukaThixo Kuphakanyisiwe Yaye Kukhuselekile

Itempile esembonweni imi “entabeni ephakeme kakhulu” (1). Ngaba nathi siyigcina iphakamile indlela esimkhonza ngayo uYehova, njengeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu?

Udonga olwalujikeleze itempile (2), kunye neyadi enkulu eyayiphakathi kodonga ­netempile (3), zisikhumbuza ukuba singavumeli nantoni na engcolileyo iphazamise ukukhonza kwethu uYehova. Ukuba imisebenzi eqhelekileyo “yomntu wonke” yayimele ibe kude nokukhonzwa kukaThixo, kubeke phi ke kwizinto ezingcolileyo okanye ukuziphatha kakubi? Ngoko abakhonzi bakaYehova namhlanje bamele bangasondeli nokusondela kwizinto ezinjalo!​—Hez. 42:20.

Iintsikelelo Ezingasoze Ziphele

Kuphuma umjelo omncinci kwindawo engcwele yetempile, uze ukhule ube ngumsinga ophilisa ilizwe kunye nezinto ezikulo (4). Siza kuthetha ngezi ntsikelelo kwiSahluko 19 sale ncwadi.

Indlela Enye Yokukhonza Kubo Bonke

Iigeyithi zangaphandle ezinde (5) neegeyithi zangaphakathi (9) zisikhumbuza ukuba uYehova unendlela ephakamileyo afuna baziphathe ngayo bonke abantu abamkhonzayo. Qaphela ukuba iigeyithi zangaphandle zazilingana neegeyithi zangaphakathi. Zazimele zilingane, kuba kaloku uYehova ufuna bonke abakhonzi bakhe baziphathe kakuhle, nokuba benza eyiphi ­imisebenzi.

Ukutya Etafileni KaYehova

Amagumbi okutyela (8) asikhumbuza ukuba ngexesha lakudala, abantu babenako ukuzitya ezinye zezinto ababebingelela ngazo etempileni, ngaloo ndlela besitya kunye noYehova. Le nto yahlukile kwitempile enkulu kaYehova akhonza kuyo amaKristu namhlanje, kuba kuyo kuye kwenziwa “umbingelelo omnye” qha. (Heb. 10:​12) Kodwa sisawenza umbingelelo wokudumisa.​—Heb. 13:5.

Into Asiqinisekisa Ngayo UThixo

Unokukufumanisa kumangalisa ukumetwa kwale tempile. Kodwa kusifundisa into ebalulekileyo. Kusiqinisekisa ukuba injongo kaYehova yokuba akhonzwe ngendlela ayifunayo iza kwenzeka nyhani, kanye njengokuba ukumetwa kwamanani etempile kungenakutshintshwa. Nangona kumbono wakhe uHezekile kungekho nto ithi wabona abantu, uyathetha ngokululeka kukaYehova ababingeleli, iinkosi nabanye abantu. Bonke abakhonzi bakaThixo bamele baziphathe ngendlela ayifunayo.