Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHOKISI YOKUFUNDISA 18A

UYehova Ulumkisa Abantu Ngemfazwe Enkulu Ezayo

UYehova Ulumkisa Abantu Ngemfazwe Enkulu Ezayo

IBhayibhile ineziprofeto ezininzi ezilumkisa ngemfazwe enkulu. Kuloo mfazwe uYehova uza kutshayela zonke iintshaba zakhe nezabantu bakhe. Ezinye zezo ziprofeto zezi zidweliswe apha ngezantsi. Qaphela iindlela ezifana ngazo, uze ujonge nendlela uYehova aye waqinisekisa ngayo ukuba bonke abantu bayaziva baze babe nento abayenzayo.

NGEXESHA LAMASIRAYELI

UHEZEKILE: “‘[UGogi] ndiza kumbizela ikrele kuzo zonke iintaba zam,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”​—Hez. 38:​18-23.

UYEREMIYA: “[UYehova] uza kuwisa isigwebo ngokwakhe kubo bonke abantu. Uza kubanikela kwikrele abenzi-bubi.”​—Yer. 25:​31-33.

UDANIYELI: ‘UThixo wezulu uza kumisa ubukumkani obuza kubutyumza bubuphelise bonke obunye ubukumkani.’​—Dan. 2:44.

NGEXESHA LABAPOSTILE

UYESU: “Elo iza kube ilixesha lentlungu engathethekiyo engazange ibonwe ukususela ekuqaleni.”​—Mat. 24:​21, 22.

UPAWULOS: ‘UYesu neengelosi zakhe ezinamandla bohlwaya abo bangamaziyo uThixo.’​—2 Tes. 1:​6-9.

UPETROS: “Imini kaYehova iza kufika njengesela. . . . Wona umhlaba nezinto ezenziwa kuwo zibhencwe.”​—2 Pet. 3:10.

UYOHANE: “Emlonyeni [kaYesu] kuphuma ikrele elide elibukhali, ukuze azixabele ngalo iintlanga.”​—ISityhi. 19:​11-18.

NGEXESHA LETHU

IBhayibhile yeyona ncwadi iguqulelwa ngeelwimi ezininzi neyona yakha yasasazwa kakhulu

ABAKHONZI BAKAYEHOVA NAMHLANJE . . . 

  • Bahambisa iincwadi ezingaphezu kweebhiliyoni ezithetha ngeBhayibhile ezifumaneka ngeelwimi ezininzi kakhulu

  • Bashumayela iiyure ezingamakhulu eemiliyoni nyaka ngamnye