Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHOKISI YOKUFUNDISA 1A

Kukuthini Ukukhonza?

Kukuthini Ukukhonza?

Ukukhonza kunokuchazwa “njengokubonisa intlonipho nokuthanda nokuba ngowuphi uthixo.” EBhayibhileni, igama eliguqulelwe ngokuthi “ukukhonza” linokuthetha ngomntu ohlonipha kakhulu okanye ozinikele kwinto ethile ephilayo. (Mat. 28:9) Lisenokuchaza nento eyenziwayo ebonisa ukukhonza uThixo okanye isithixo. (Yoh. 4:23, 24) Yinto ekuthethwa ngayo ngelo xesha ekwenza ubone ukuba ungaliqonda njani eli gama.

NguYehova, uMdali noMongami Wendalo Iphela qha, esimele sizinikele kuye. (ISityhi. 4:10, 11) Simkhonza ngokubonisa ukuba siyalihlonipha ilungelo lakhe lokulawula, nangokuzukisa igama lakhe. (INdu. 86:9; Mat. 6:9, 10) Ezi zinto zimbini, ilungelo likaYehova lokulawula kunye negama lakhe, kuthethwa kakhulu ngazo kwincwadi kaHezekile. Amazwi athi “iNkosi enguMongami uYehova” avela izihlandlo ezingaphezu kwe-200 kuHezekile, aze wona athi nazi okanye bazi “ukuba ndinguYehova” avele kayi-55.​—Hez. 2:4; 6:7.

Ukukhonza uThixo ayonto siyiva ngaphakathi qha, kodwa kufuneka sibonise ngemisebenzi. (Yak. 2:26) Xa sizinikela kuYehova, sithembisa ukuba kuyo yonke into esiyenzayo siza kumthobela njengoMongami wethu, size silihloniphe kakhulu igama lakhe. Ukhumbule ukuba xa wayephendula uSathana, uYesu wathi ‘simele sikhonze uYehova yedwa.’ (Mat. 4:10) Njengabakhonzi bakaYehova, sikufuna nyhani ukumkhonza. * (Dut. 10:12) Simkhonza ngokwenza izinto ezifuna sizincame. Zeziphi ezo zinto?

Zininzi iindlela zokukhonza uYehova, kwaye uzixabise zonke. Siyamkhonza xa sishumayela kwabanye, siphendula kwiHolo YoBukumkani, xa sincedisa ekwakheni nasekucoceni iindawo esizingenela kuzo iintlanganiso. Sikwamkhonza naxa siba khona kunqulo lwentsapho, sinceda abazalwana noodade abahlelwe yintlekele, sincedisa kwiindibano naxa sisebenza eBheteli. (Heb. 13:16; Yak. 1:27) Xa sikuxabisile ukukhonza uYehova, siza kwenza “umsebenzi ongcwele imini nobusuku.” Siyakuthanda ukukhonza uThixo wethu uYehova!​—ISityhi. 7:15.

^ isiqe. 5 Elinye igama lesiHebhere elithetha ukukhonza likwathetha “ukunqula.” Ngoko ukukhonza nokunqula yinto enye.​—Eks. 3:12, umbhalo osemazantsi.