Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHOKISI YOKUFUNDISA 4A

‘Ndandibukele Izidalwa Eziphilayo’

‘Ndandibukele Izidalwa Eziphilayo’

Ngokuqinisekileyo uHezekile wayekhe wayibona imifanekiso eyenziwe ngamatye, yeenkunzi zeenkomo nezeengonyama ezinamaphiko nezinobuso bomntu, zimi phambi kwamabhotwe naphambi kweetempile ngokungathi zigadile. Yayixhaphakile le mifanekiso eAsiriya naseBhabhiloni. Njengomntu wonke, umele ukuba wayemangaliswa yindlela emikhulu ngayo, eminye ide ibe ziimitha ezintandathu ukuphakama. Kodwa ke, nokuba yayimikhulu kangakanani le mifanekiso, yayingaphili, ibe yayenziwe ngamatye.

Ngokwahlukileyo koko, izidalwa ezine ezabonwa nguHezekile embonweni, ‘yayizizidalwa eziphilayo.’ Zazahluke nyhani! Lo mbono wamchukumisa kakhulu uHezekile, wade wathetha ngezi ‘zidalwa ziphilayo’ kangangezihlandlo ezingaphezu kwezisibhozo ekuqaleni kwesiprofeto sakhe. (Hez. 1:​5-22) Indlela ezazihamba ngayo ezi zidalwa zine kunye netrone kaThixo, imele ukuba yamenza uHezekile waqonda ukuba yonke indalo ilawulwa nguYehova. Kuba xa le trone isima zazisima, xa ihamba zazihamba. Nanamhlanje lo mbono usenza sibuqonde kakuhle ubukhulu namandla kaYehova, kunye nelungelo lakhe lokulawula.​—1 Kron. 29:11.