Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHOKISI YOKUFUNDISA 2B

UHezekile​—Ubomi Bakhe Nexesha Awayephila Ngalo

UHezekile​—Ubomi Bakhe Nexesha Awayephila Ngalo

Igama elithi Hezekile lithetha ukuba “UThixo Uyomeleza.” Nangona iziprofeto zakhe zinezilumkiso ezininzi, xa uwonke umyalezo wazo udibana kakuhle noko kuthethwa ligama lakhe, kwaye uqinisa ukholo labantu abafuna ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo.

ABAPROFETI BEXESHA LAKHE

  • UYEREMIYA

    usuka kwintsapho yababingeleli, kwaye ixesha elininzi ebeprofeta eYerusalem (647-580 B.C.E.)

  • UHULIDA

    wayeprofeta xa kwafunyanwa incwadi yoMthetho etempileni malunga no-642 B.C.E.

  • UDANIYELI

    wayephakathi kwesizwe sakwaYuda (abaphuma kuso ookumkani) esathinjwayo sasiwa eBhabhiloni ngo-617 B.C.E.

  • UHABHAKUKI

    usenokuba wayeprofeta kwaYuda xa uYehoyakim wayesandula ukulawula

  • UOBHADIYA

    waprofeta ngokutshatyalaliswa kwe-Edom, mhlawumbi ngexesha lokutshatyalaliswa kweYerusalem

BAPROFETA NINI? (LE MINYAKA NGU-B.C.E.)

IZINTO EZIBALULEKILEYO EZENZEKA NGEXESHA LIKAHEZEKILE (LE MINYAKA NGU-B.C.E.)

  1. m.643: Uyazalwa

  2. 617: Usiwa ekuthinjweni eBhabhiloni

  3. 613: Uqalisa ukuprofeta; ubona umbono kaYehova

  4. 612: Ubona umbono wokukhonzwa kwezithixo etempileni

  5. 611: Uqalisa ukuprofeta ngokugwetywa kweYerusalem

  6. 609: Umfazi wakhe uyafa kuze kuqalise ukurhangqwa okokugqibela kweYerusalem

  7. 607: Uyava ukuba iYerusalem itshatyalalisiwe

  8. 593: Ubona umbono wetempile

  9. 591: Uchaza kwangaphambili ukuba uNebhukadenetsare uza kuhlasela iYiputa; ugqiba ukubhala

OOKUMKANI BAKWAYUDA NABASEBHABHILONI

  1. 659-​629: UYosiya ukhuthaza ukukhonzwa kukaYehova ngendlela ayifunayo aze afe esilwa noFaro Neko

  2. 628: UYehowahazi ulawula kakubi kangangeenyanga ezintathu aze abanjwe nguFaro Neko

  3. 628-​618: UYehoyakim wenza izinto ezimbi aze anyanzeleke ukuba alawule phantsi kukaFaro Neko

  4. 625: UNebhukadenetsare woyisa umkhosi waseYiputa

  5. 620: UNebhukadenetsare uhlasela uYuda okokuqala aze enze uYehoyakim alawule phantsi kwakhe eYerusalem

  6. 618: UYehoyakim ujikela uNebhukadenetsare kodwa kusenokwenzeka ukuba ufa xa iBhabhiloni ihlasela iLizwe Lesithembiso okwesibini

  7. 617: UYehoyakin, obizwa nangokuba nguYekoniya, ulawula kakubi kangangeenyanga ezintathu aze anikezele kuNebhukadenetsare

  8. 617-​607: UZedekiya ngukumkani owenza izinto ezimbi noligwala, obekwa nguNebhukadenetsare ukuba alawule phantsi kwakhe

  9. 609: UZedekiya ujikela uNebhukadenetsare, aze uNebhukadenetsare ahlasele uYuda okwesithathu

  10. 607: UNebhukadenetsare utshabalalisa iYerusalem, abambe uZedekiya, amtyhaphaze, aze amse eBhabhiloni