Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHOKISI YOKUFUNDISA 16B

Ukuncwina, Ukugcuma, Ukuphawula Nokukroboza​—Nini Ibe Njani?

Ukuncwina, Ukugcuma, Ukuphawula Nokukroboza​—Nini Ibe Njani?

Umbono okuHezekile isahluko 9 uyenzeka nakweli xesha lethu. Ukwazi ukuba izinto ziza kwenzeka njani, kuza kusinceda sibe nesibindi njengoko lisiya esiphelweni eli hlabathi

‘Ukuncwina nokugcuma’

NINI: Ngemihla yokugqibela, ngaphambi kwexesha lentlungu engathethekiyo

NJANI: Abantu abathanda uThixo babonisa ngamazwi nangezinto abazenzayo ukuba abafuni nokuzibona izinto ezimbi ezenzeka kweli hlabathi. Bayazamkela iindaba ezilungileyo, baqalise ukwenza izinto njengoKristu, babonakalise ukuba bazinikele kuYehova ngokubhaptizwa, baze bangayeki ukuxhasa abathanjiswa

‘Ukuphawula’

NINI: Ngexesha lentlungu engathethekiyo

NJANI: Indoda enophondo lweinki lukanobhala ekumbono kaHezekile imela uYesu Kristu xa ezokugweba iintlanga. Abo ‘basisihlwele esikhulu’ baza kuphawulwa njengeegusha, nto leyo ebonisa ukuba baza kusinda kwiArmagedon

‘Ukukroboza’

NINI: NgeArmagedon

NJANI: UYesu nemikhosi yasezulwini, eza kube ineengelosi kunye ne-144 000, baza kutshabalalisa eli hlabathi lenza izinto ezimbi, baze bona abo bakhonza uYehova kakuhle bangene kwihlabathi elitsha