Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHOKISI YOKUFUNDISA 20A

Ukwahlulwa Komhlaba

Ukwahlulwa Komhlaba

Ukuchazwa kakuhle kwemida yelizwe kwanceda uHezekile nabanye ababethinjiwe baqiniseka ukuba ilizwe labo laliza kuphinda libe lihle. Sifunda ntoni kulo mbono namhlanje? Makhe sithethe ngezimbini:

Indawo eqinisekileyo nomsebenzi oxabisekileyo

Bonke abantu ababebuye ekuthinjweni babeza kufumana ilifa kwiLizwe Lesithembiso. Nanamhlanje, bonke abakhonzi bakaYehova banendawo kwintlangano yakhe. Nokuba senza umsebenzi obonakala uphantsi kangakanani kwintlangano yakhe, sinendawo eqinisekileyo kuyo nomsebenzi oxabisekileyo. KuYehova sonke sixabiseke ngendlela elinganayo.

Ilifa elilinganayo

Kumbono kaHezekile, bonke abantu abakwiLizwe Lesithembiso babeza kufumana ngokulinganayo kwizinto ezaziza kuveliswa leli lizwe. Nanamhlanje, uYehova unika bonke abakhonzi bakhe iintsikelelo ezilinganayo kwintlangano yakhe.