Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Bakhonzi BakaYehova Abathandekayo:

Ngo-1971, abantu abaninzi ababekwiNdibano Yesithili eyayinomxholo othi “Igama LikaThixo,” bavuyiswa kukufumana iincwadi ezininzi ezintsha. Akukho mntu wayecinge ukuba bangafumana iincwadi ezinjalo. Omnye umzalwana wathi xa ethetha ngenye yazo: “Zange sayifumana incwadi ethetha ngolu hlobo ngezinto eziza kwenzeka!” Wayethetha ngeyiphi? Wayethetha ngencwadi ethi “The Nations Shall Know That I Am Jehovah”​—How? Kwakutheni ukuze bayivuyele kangaka le ncwadi? Kungenxa yokuba yayinendlela entsha yokucacisa iziprofeto ezikwincwadi kaHezekile, ezaziza kuchaphazela ubomi babantu kwixesha elizayo.

Kwiminyaka eyalandelayo emva kokuba kukhululwe incwadi ethi ‘Know Jehovah,’ abantu bakaThixo baye banda kakhulu. Babekade bepha kwi-1,5 miliyoni, ngoku bangaphezu kwe-8 miliyoni. (Isa. 60:​22) Aba bakhonzi bakaYehova baninzi bathetha iilwimi ezingaphezu kwe-900. (Zek. 8:​23) Abaninzi abazange bafunda incwadi ecacisa kakuhle iziprofeto eziphefumlelweyo ezikwincwadi kaHezekile.

Ukongezelela, ukususela ngo-1971 iye yaphucuka indlela esiziqonda ngayo ezinye izinto eziseBhayibhileni njengoko kusiya kukhanya. (IMize. 4:​18) Ngo-1985 sabona ngokucacileyo ukuba kutheni ‘ezinye izimvu’ kusithiwa zingamalungisa yaye zingabahlobo bakaThixo. (Yoh. 10:​16; Roma 5:​18; Yak. 2:​23) Ngo-1995 saqonda ukuba abantu baza kugwetywa ‘njengeegusha neebhokhwe’ ‘ngexesha lentlungu engathethekiyo.’ (Mat. 24:​21; 25:​31, 32) Zonke ezi zinto ziye zayitshintsha indlela esiyiqonda ngayo incwadi kaHezekile.

“Nyana womntu, jongisisa, mamela kakuhle, uze uyifake engqondweni yonke le nto ndiza kukubonisa yona, kuba uziselwe loo nto apha.”​—HEZEKILE 40:4

Kule minyaka imbalwa igqithileyo, ukukhanya kuye kwaya kukhanya kakhulu. Khawucinge ngezinto esizifunda kwimizekelo kaYesu. Ezininzi kuzo sitsho sazazi ngokucacileyo ngoku. Eminye yaloo mizekelo ithetha ngezinto eziza kwenzeka ngexesha lentlungu engathethekiyo eseliza kufika. Ngokufanayo, indlela esiziqonda ngayo ezinye iziprofeto ezikwincwadi kaHezekile iye yaphucuka. Ezinye zazo sisiprofeto esithetha ngoGogi wakwaMagogi (isahluko 38 no 39), esithetha ngomsebenzi wendoda enophondo lweinki lukanobhala (isahluko 9), nesithetha ngethafa elinamathambo omileyo nokudityaniswa kweentonga ezimbini (isahluko 37). Zonke ezi ziprofeto zicaciswe ngendlela entsha kunaleyo yayibhalwe kwincwadi ethi ‘Know Jehovah.’

Kungenxa yaloo nto ke abantu bakaYehova beye babuza besithi, “Siza kuyifumana nini incwadi enendlela entsha yokucacisa iziprofeto zikaHezekile?” Incwadi ethi Ekugqibeleni​—UYehova Ukhonzwa Ngendlela Ayifunayo ikholo loo nto. Xa ufunda izahluko zayo eziyi-22 uze ucingisise ngemifanekiso ekuyo, uza kubona indlela ekuye kwaphandwa kakuhle ngayo xa ibibhalwa. Siye sacingisisa saza sathandaza ukuze sazi ukuba kwakutheni ukuze uYehova enze kubekho incwadi kaHezekile ebangela umdla eBhayibhileni. Siye sacingisisa nangemibuzo ethi: Ziintoni ezikwincwadi kaHezekile ezazinokunceda abantu ababephila ngexesha lakhe, nezinokusinceda nathi namhlanje? Zeziphi iziprofeto ezithetha ngezinto eziseza kwenzeka? Ngaba simele sihlale sikhangela ukuba zimela ntoni iziprofeto zikaHezekile? Iimpendulo zale mibuzo zisinceda siyiqonde bhetele le ncwadi ixabisekileyo yeBhayibhile.

Njengoko uyifunda yonke incwadi kaHezekile, uza kumangaliswa yinxalenye esezulwini yentlangano kaYehova. Enye into eza kukumangalisa ziindlela eziphakamileyo uYehova afuna baziphathe ngazo abo basezulwini nabasemhlabeni ukuze bamkhonze ngendlela ayifunayo. Le ncwadi ethi Ukhonzwa Ngendlela Ayifunayo iza kukunceda uzixabise izinto uYehova azenzele abantu bakhe, naseza kubenzela zona. Uza kuqaphela ukuba zimbini ezona zinto zibethelelwayo kule ncwadi. Eyokuqala kukuba, ukuze simvuyise uYehova kufuneka siyazi size siyivume into yokuba unguMongami Wendalo Yonke. Eyesibini kukuba, simele simkhonze uYehova ngendlela ayifunayo, nobomi bethu buhambisane nendlela ephakamileyo afuna siziphathe ngayo.

Sinqwenela ukuba le ncwadi ikuncede uzimisele ukukhonza uYehova ngendlela ezukisa igama lakhe elikhulu nelingcwele. Sinqwenela nokuba ikukhuthaze ukuba uhlale ulinde ixesha apho iintlanga ziza kutsho zazi ukuba unguYehova.​—Hez. 36:​23; 38:23.

Kwanga uTata wethu osithandayo, uYehova, angakusikelela kakhulu ngemizamo oyenzayo ukuze uyiqonde incwadi awaphefumlela umprofeti uHezekile ukuba ayibhale.

Abazalwana benu,

IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova