Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO LESIBINI

‘Yingcwele Yam Enayingcolisayo’—Abantu Bayayeka Ukukhonza UYehova Ngendlela Ayifunayo

‘Yingcwele Yam Enayingcolisayo’—Abantu Bayayeka Ukukhonza UYehova Ngendlela Ayifunayo

HEZEKILE 5:11

SIZA KUTHETHA: Ngezinto ezimbi ezazisenziwa kwaYuda naseYerusalem

UYehova wawathanda amaSirayeli waza wawaphatha ‘njengelifa lakhe elikhethekileyo.’ (Eks. 19:5, umbhalo osemazantsi.) Kodwa wona akhonza oothixo bobuxoki ngaphakathi kanye kwitempile eyayibizwa ngegama lakhe! Amkhathaza kakhulu uYehova aza enza kwathethwa kakubi ngaye. Kwakutheni ukuze amaSirayeli enze into embi kangaka? Sinokufunda ntoni kwisiprofeto sikaHezekile esithetha ngokutshatyalaliswa kweYerusalem? Kwaye sinokufunda ntoni kwindlela amaSirayeli awaphathana ngayo neentlanga ezazikufuphi nawo?

KWELI CANDELO

ISAHLUKO 5

‘Bona Izinto Ezimbi Nezenyanyekayo Abazenzayo’

UHezekile ubona izinto ezothusayo ezazisenziwa sisizwe sonke.

ISAHLUKO 6

“Sikufikele Ngoku Isiphelo”

Iziprofeto zikaHezekile zibonisa indlela uYehova aza kuyitshabalalisa ngayo iYerusalem.

ISAHLUKO 7

Iintlanga ‘Ziza Kutsho Zazi Ukuba NdinguYehova’

Iintlanga ezazithethe kakubi ngoYehova, zaza zatshutshisa okanye zenza abantu bakhe bayeka ukuzinikela kuye, zaziza kohlwaywa. Sifunda ntoni kwindlela awaphathana ngayo amaSirayeli nezo ntlanga?