Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO LESITHATHU

‘Ndiza Kuniqokelela’—UYehova Uza Kuphinda Akhonzwe Ngendlela Ayifunayo

‘Ndiza Kuniqokelela’—UYehova Uza Kuphinda Akhonzwe Ngendlela Ayifunayo

HEZEKILE 20:41

SIZA KUTHETHA: Ngeziprofeto zikaHezekile ezithi uYehova uza kuphinda akhonzwe ngendlela ayifunayo

AmaSirayeli awamanyenanga, kuba aye amjikela uYehova. Azifake ngokwawo kule meko, kuba aye akhonza izithixo aza alingcolisa negama lakhe. Nangona ekule meko ilusizi, uYehova uxelela uHezekile ukuba athethe ngeziprofeto ezinik’ ithemba. Usebenzisa imizekelo nemibono emangalisayo, ekhuthaza amaSirayeli athinjiweyo nabo bonke abanye abafuna aphinde akhonzwe ngendlela ayifunayo.

KWELI CANDELO

ISAHLUKO 8

“Ndiza Kuvelisa Umalusi Omnye”

UThixo wathi uHezekile makaprofete ngoMesiya uMlawuli ozayo noMalusi wezimvu zakhe, oza kwenza ukuba akhonzwe ngendlela ayifunayo kwakhona.

ISAHLUKO 9

“Ndiza Kubanika Intliziyo Emanyeneyo”

Ngaba zinento eziyithethayo kuthi iziprofeto ezazisiya kumaYuda awayethinjwe eBhabhiloni?

ISAHLUKO 10

‘Niza Kuphila’

Uhezekile ubona umbono wethafa eligcwele amathambo. Uthetha ntoni?

ISAHLUKO 11

“Ndikwenze Unogada”

Uyintoni umsebenzi kanogada? Ulumkisa ngantoni?

ISAHLUKO 12

‘Ndiza Kubenza Babe Luhlanga Olunye’

UYehova uthembisa ukuphinda abamanyanise abantu bakhe.

ISAHLUKO 13

‘Baxelele Ngale Tempile’

Wawuthetha ntoni umbono wetempile eyabonwa nguHezekile?

ISAHLUKO 14

“Lo Ngumthetho Wetempile”

Zeziphi izinto ekusenokwenzeka zafundwa ngamaYuda awayethinjiwe kumbono kaHezekile wetempile? Lo mbono usifundisa ntoni thina namhlanje?