Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 9

“Ndiza Kubanika Intliziyo Emanyeneyo”

“Ndiza Kubanika Intliziyo Emanyeneyo”

HEZEKILE 11:19

SIZA KUTHETHA: Ngokukhonzwa kukaYehova ngendlela ayifunayo okwaprofetwa nguHezekile

1-3. AmaBhabhiloni ayebagezela esithini abakhonzi bakaYehova, yaye ngoba?

KHAWUZIBONE ungumYuda othembekileyo ohlala kwisixeko saseBhabhiloni. Sekuphele iminyaka emalunga neyi-50 abantu belizwe lakho bethinjiwe. Njengokuba uqhele ukwenza ngeSabatha, usendleleni eyokukhonza uYehova kunye namanye amaYuda. Njengoko uhamba kwezo zitrato ziphithizelayo, ugqitha kwiitempile ezinkulu nezindlu zokukhonza ezininzi. Ezi ndawo zigcwala abantu abeze kubingelela nabeze kuculela oothixo babo abanjengoMarduk.

2 Emva kokuba ugqithile kwabo bantu baninzi, udibana neqela elincinci lamaYuda okhonza nawo. * Nifumana indawo ethuleyo, mhlawumbi ngakomnye wemijelo yesixeko, nifike nithandaze, nicule, nize nicingisise ngeLizwi LikaThixo. Njengoko nithandaza, uva ukukrikriza kwesikhephe samaplanga esibotshelelwe kuloo mjelo. Kuthe cwaka kamnandi kule ndawo. Uthandazela ukuba ningaphazanyiswa ngabantu bale ndawo, abaqhele ukuniphazamisa. Bayenzela ntoni loo nto?

3 IBhabhiloni kudala isoyisa ezimfazweni, ibe abantu bayo bathi bancedwa ngoothixo babo bobuxoki abanamandla. AmaBhabhiloni athi ukutshabalalisa kwawo iYerusalem kubonisa ukuba uthixo wawo uMarduk unamandla kunoYehova! Ngoko ayamthuka uThixo wakho nabantu bakowenu. Ngamanye amaxesha ade anigezele esithi: “Siculeleni enye yeengoma zaseZiyon.” (INdu. 137:3) Iingoma ezininzi zidumisa iZiyon, oko kukuthi iYerusalem, ngokoyisa kwayo iintshaba zikaYehova. Mhlawumbi amaBhabhiloni ayethanda ukuhlekisa ngezo ngoma. Kodwa ezinye iingoma zazithetha ngokoyisa kwamaBhabhiloni. Ngokomzekelo, enye yazo ithi: ‘IYerusalem ayenze imfumba yamabhodlo. Abantu abasingqongileyo bayasigxeka besigezela.’—INdu. 79:1, 3, 4.

4, 5. Yintoni ethenjiswa sisiprofeto sikaHezekile, ibe siza kuthetha ngantoni kwesi sahluko? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

4 Kukwakho namaYuda amjikeleyo uYehova, ahlekisa ngokumkhonza kwakho, ehlekisa nangabaprofeti. Nangona la maYuda enigxeka, ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo kuyakuthuthuzela wena nentsapho yakho. Niyakuthanda ukuthandaza nokucula kunye. Ukufunda iLizwi LikaThixo kuninceda nizole. (INdu. 94:19; Roma 15:4) Masithi ngale mini, omnye wabantu okhonza nabo uphethe into ekhethekileyo, umsongo onesiprofeto sikaHezekile. Uyakuthanda ukuva isithembiso sikaYehova sokuba uza kubabuyisela elizweni labo abantu bakhe. Uvuya nyhani njengoko usiva eso siprofeto sifundwa ngokuvakalayo, kwaye ingathi ayisafiki imini yokubuyela kwenu ekhaya nize nincede abanye bakhonze uYehova ngendlela ayifunayo!

5 Isiprofeto sikaHezekile sithetha kakhulu ngezithembiso zokuba uYehova uza kuphinda akhonzwe ngendlela ayifunayo. Makhe sithethe ngezo zithembiso. Zenzeka njani? Zithetha ntoni kwixesha lethu? Siza kuthetha nangendlela eziza kwenzeka ngayo kwixesha elizayo.

“Baza Kuya Ekuthinjweni, Ekubanjweni”

6. UThixo wayemane ebalumkisa njani abantu bakhe ababemjikela?

6 UYehova wayalela uHezekile ukuba achazele abantu bakhe indlela awayeza kubohlwaya ngayo ngenxa yokumjikela kwabo. Babeza “kuya ekuthinjweni, ekubanjweni.” (Hez. 12:11) Njengoko sibonile kwiSahluko 6 sale ncwadi, uHezekile wade wabonisa ukuba iza kwenzeka njani loo nto. Kodwa babengaqali ukulumkiswa. Kwiminyaka ephantse ibe yi-1 000 ngaphambi koko, uYehova wabalumkisa esebenzisa uMoses esithi babeza kuthinjwa ukuba babeqhubeka bemjikela. (Dut. 28:36, 37) Nabanye abaprofeti abanjengoIsaya noYeremiya babebalumkisile.​—Isa. 39:5-7; Yer. 20:3-6.

7. UYehova wabohlwaya njani abantu bakhe?

7 Into ebuhlungu kukuba, abaninzi abazange bazimamele ezo zilumkiso, baza bamkhathaza uYehova. Ngenxa yabalusi babo ababesenza izinto ezimbi, abantu bamjikela uYehova, bakhonza izithixo, baza benza izinto ezimbi. Ngoko wabayeka babhuqwa yindlala, nto leyo eyayilihlazo, ekubeni ilizwe labo lalikade ‘ligcwele ubisi nobusi.’ (Hez. 20:6, 7) Njengokuba wayebalumkisile kwakudala, wabayeka bathinjwa abantu bakhe. Ngo-607 B.C.E. uNebhukadenetsare wabagqibezela ngokutshabalalisa iYerusalem netempile yayo, waza wawathimbela eBhabhiloni amawaka-waka amaYuda asindileyo. Aphathwa kakubi apho, ethukwa, njengokuba kuchaziwe ekuqaleni kwesi sahluko.

8, 9. UYehova walilumkisa wathini ibandla lamaKristu okuqala?

8 Ngaba kwenzeka into efanayo nakwibandla lamaKristu okuqala? Ewe. Njengaloo maYuda akudala, nabalandeli bakaKristu balumkiswa ngento eyayiza kwenzeka kwixesha elizayo. UYesu wathi kubo: “Balumkeleni abaprofeti bobuxoki abeza kuni bembethe ufele lwegusha, kodwa ngaphakathi beziingcuka ezinyolukileyo.” (Mat. 7:15) Kwiminyaka eliqela emva koko, nompostile uPawulos waphefumlelwa ukuba aphinde abalumkise athi: “Ndiyazi ukuba emva kokuba ndimkile, kuza kufika iingcuka ezikhohlakeleyo, yaye azizukuwuphatha kakuhle umhlambi. Amanye amadoda kwalapha kuni, aza kuqalisa ukuthetha izinto ezigqwethekileyo kuba efuna abafundi balandele wona.”​—IZe. 20:29, 30.

9 AmaKristu afundiswa indlela awayenokuwabona aze awaphephe ngayo loo madoda ayingozi. Abadala abangamaKristu bayalelwa ukuba babagxothe ebandleni abantu ababejikela uYehova. (1 Tim. 1:19; 2 Tim. 2:16-19; 2 Pet. 2:1-3; 2 Yoh. 10) Kodwa ke, kanye njengokuba kwakunjalo kumaSirayeli nakumaYuda akudala, amaKristu amaninzi awazange azihoye ezo zilumkiso. Malunga nonyaka ka-100 C.E., babesele bebaninzi abantu ababejikele uYehova ebandleni. Umpostile wokugqibela, uYohane, wawabona amaKristu esenza izinto ezimbi ebandleni kwaye ejikela uYehova. Nguye kuphela owayesawanqanda la maKristu awayezimisele ukwenza izinto ezimbi. (2 Tes. 2:6-8; 1 Yoh. 2:18) Kwenzeka ntoni emva kokuba efile?

10, 11. Yenzeka njani into awayeyithethile uYesu ngengqolowa nokhula ukususela kwiminyaka yoo-100 C.E.?

10 Emva kokufa kukaYohane, yenzeka into awayeyithethile uYesu kumzekelo wakhe wengqolowa nokhula. (Funda uMateyu 13:24-30.) Kanye njengokuba uYesu wayetshilo, uSathana watyala “ukhula” olungamaKristu obuxoki ebandleni, laza lakhawuleza lonakala. Umele ukuba wakhathazeka nyhani uYehova xa ebona ibandla elaqalwa nguNyana wakhe lingcoliswa kukukhonzwa kwezithixo, iiholide nezinto ezazisenziwa ngabantu abangamkhonziyo, kunye neemfundiso zeenkonzo zobuxoki. Wenza ntoni? Njengokuba wenzayo kumaSirayeli angathembekanga, wabayeka abantu bakhe bathinjwa. Ukususela pha kwiminyaka yoo-100 C.E., amaKristu anjengengqolowa ayembalwa kakhulu phakathi kwamaKristu amaninzi obuxoki. Ngoko ibandla lamaKristu okwenene lalithinjwe yiBhabhiloni Enkulu, eyingqokelela yazo zonke iicawa zobuxoki, ibe wona amaKristu obuxoki ayengene aphelela kwizinto zeBhabhiloni Enkulu. Njengoko ayesanda amaKristu obuxoki, kwavela iicawa.

11 Ngalo lonke elo xesha lokulawula kweecawa, ayekhona amaKristu ambalwa okwenene, afana ‘nengqolowa’ ekumzekelo kaYesu. Njengala maYuda ayethinjiwe, ekuthethwe ngawo kuHezekile 6:9, amkhumbula uThixo wokwenene. Amanye awo aba nesibindi aza aziphikisa iimfundiso zeecawa zobuxoki. Anyamezela ukuthukwa nokutshutshiswa. Ngaba uYehova wayeza kubayeka abantu bakhe bahlale kwezo cawa zobuxoki? Wayengasoze abayeke! Njengokuba kwakunjalo kumaSirayeli, uYehova wayewubonisa ngendlela efanelekileyo nangexesha elaneleyo umsindo wakhe. (Yer. 46:28) Ngaphezu koko, uYehova zange abashiye bengenathemba abantu bakhe. Makhe sibuyele kula maYuda awayethinjelwe eBhabhiloni, sibone indlela uYehova awawathembisa ngayo ukuba ayeza kukhululeka.

Kangangamakhulu eminyaka amaKristu okwenene ebetshutshiswa yiBhabhiloni Enkulu (Jonga isiqendu  10, 11)

“Uza Kutsho Uphele Umsindo Wam”

12, 13. Yintoni eyayiza kwenza uYehova ayeke ukubaqumbela abantu bakhe ababethinjiwe ngexesha likaHezekile?

12 UYehova wayenza yacaca into yokuba wayebaqumbele abantu bakhe, kodwa wabaqinisekisa ukuba wayengazukuhlala equmbile. Ngokomzekelo, wathi: “Uza kutsho uphele umsindo wam, ndiyeke ukubaqumbela, ibe ndiza kwaneliseka. Xa ndigqibile ukukhuphela umsindo wam kubo, baza kutsho bazi ukuba mna, Yehova, ndithethe kuba ndifuna nyhani bazinikele ngokupheleleyo kum.” (Hez. 5:13) Yintoni eyayiza kuphelisa umsindo kaYehova?

13 Phakathi kwamaYuda athinjiweyo awayemjikele uYehova, kwakukho nalawo awayemkhonza kakuhle. Kwakhona, uThixo wasebenzisa uHezekile ukuchaza ukuba abanye babantu bakhe babeza kuguquka ngoxa babesathinjiwe. Loo maYuda aguqukileyo ayeza kuzivuma izono zawo, aze acele uYehova ukuba awaxolele. (Hez. 6:8-10; 12:16) Amanye amaYuda awayemkhonza kakuhle uYehova, yayinguHezekile, umprofeti uDaniyeli nabahlobo bakhe abathathu. UDaniyeli wayekhona xa ayeqala ukuthinjwa naxa ayekhululwa. Umthandazo wakhe wokucela uxolo ngezono zamaSirayeli ubhalwe kuDaniyeli isahluko 9. Ngokuqinisekileyo ayeziva ngaloo ndlela namanye amaYuda amaninzi awayefuna ukuxolelwa nokusikelelwa nguYehova. Ngoko zimele ukuba zawavuyisa nyhani iziprofeto zikaHezekile zokuba ayeza kukhululwa aze abuyiselwe kwilizwe lawo!

14. Yintoni eyayibaluleke kakhulu ngokubuyisela kukaYehova abantu bakhe kwilizwe labo?

14 Kukho into eyayibaluleke kakhulu ngokukhululwa kwabantu bakaYehova baze babuyiselwe kwilizwe labo. Babeza kukhululwa ekuthinjweni, hayi kuba ibafanele loo nto, kodwa kuba yayilixesha lokuba uYehova acoce igama lakhe kuzo zonke iintlanga. (Hez. 36:22) AmaBhabhiloni ayeza kwazi ukuba oothixo bawo bobudemon abanjengoMarduk, babengeyonto xa bethelekiswa neNkosi enguMongami uYehova! Makhe sithethe ngezinto ezintlanu uHezekile awaprofeta ukuba uYehova wayeza kuzenzela abo babethinjiwe. Okokuqala, masithethe ngezinto awayethembise ukuzenzela loo maYuda. Emva koko, siza kuthetha ngendlela ezo zithembiso ezenzeka ngayo ngexesha lethu.

15. Loluphi utshintsho olwaluza kubakho kwindlela ababekhonza ngayo abantu ababuyele kwilizwe labo?

15 ISITHEMBISO SOKUQALA. Kwakungasoze kuphinde kukhonzwe izithixo okanye kwenziwe ezinye izinto ezenyanyekayo zeenkonzo zobuxoki. (Funda uHezekile 11:18; 12:24.) Njengokuba kuchaziwe kwiSahluko 5 sale ncwadi, iYerusalem netempile yayo zazingcoliswe zizinto zeenkonzo zobuxoki, ezinjengokukhonzwa kwezithixo. Ngoko abantu babesenza izinto ezimbi, bengasamkhonzi kakuhle uYehova. Esebenzisa uHezekile, uYehova waprofeta ukuba abo bathinjiweyo babeza kuphinda bamkhonze ngendlela ayifunayo. Ukumkhonza kwabo ngendlela ayifunayo kwakuza kubazisela iintsikelelo ezininzi.

16. UYehova wabathembisa ntoni abantu bakhe?

16 ISITHEMBISO SESIBINI. Abantu bakaYehova babeza kubuyela kwilizwe labo. UYehova wathi kubo: “Ndiza kuninika ilizwe lakwaSirayeli.” (Hez. 11:17) Esi sithembiso sasimangalisa ngeyona ndlela, kuba amaBhabhiloni awayebathuka abantu bakaThixo, abenza baphelelwa lithemba lokuba bangaze babuyele kwilizwe labo. (Isa. 14:4, 17) Ngaphezu koko, ukuba babehlala bemkhonza kakuhle uYehova, ilizwe laliza kuba nemveliso eninzi. Babeza kuyiva ngokubaliselwa indlala.—Funda uHezekile 36:30.

17. Kwakuza kwenzeka ntoni ngokunikela kwabantu kuYehova?

17 ISITHEMBISO SESITHATHU. Kwakuza kuphinda kunikelwe izipho kwisibingelelo sikaYehova. Njengoko sibonile kwiSahluko 2 sale ncwadi, phantsi koMthetho KaMoses, ukubingelela nokunikela kwakubaluleke kakhulu ekukhonzeni uYehova ngendlela ayifunayo. Ukuba nje babenokuhlala bethobela yaye bekhonza uYehova kuphela, wayeza kuyamkela iminikelo yabo. Wayeza kubaxolela izono zabo, baze bahlale bengabahlobo bakhe. UYehova wabathembisa wathi: “Yonke indlu kaSirayeli iza kundikhonza khona elizweni. Ndiza kukholiswa ngabo kuloo ndawo, ibe ndiza kuyifuna apho iminikelo yenu nesivuno sokuqala seminikelo yenu kuzo zonke izinto zenu ezingcwele.” (Hez. 20:40) Abantu babeza kuphinda bamkhonze kakuhle uYehova, bafumane neentsikelelo.

18. UYehova wayeza kubalusa njani abantu bakhe?

18 ISITHEMBISO SESINE. Ukususwa kwabalusi ababesenza izinto ezimbi. Eyona nto yayibangela ukuba abantu bakaThixo benze iimpazamo ezinkulu, yayingamadoda akhokelayo awayesenza izinto ezimbi. UYehova wathembisa ukuba uza kuyitshintsha loo nto. Wathi ngabo balusi: ‘Ndiza kubayekisa ukondla iigusha zam. Ndiza kuzisindisa iigusha zam emlonyeni wabo.’ Kodwa wathi ngabantu bakhe: “Ndiza kuzihoya iigusha zam.” (Hez. 34:10, 12) Wayeza kuyenza njani loo nto? Wayeza kusebenzisa abalusi abathembekileyo.

19. Yintoni enye uYehova awabathembisa yona abantu bakhe?

19 ISITHEMBISO SESIHLANU. Abakhonzi bakaYehova babeza kumanyana. Khawucinge nje indlela abamele ukuba baba buhlungu ngayo abakhonzi abathembekileyo bakaYehova xa babona ukuba amaYuda ayengamanyenanga ngaphambi kokuthinjwa kwawo. Abajikela abaprofeti abathembekileyo ababemela uYehova, ngenxa yabaprofeti bobuxoki nabalusi ababesenza izinto ezimbi. Ada ahlukana aba ngamaqela aphikisanayo. Yiloo nto esinye sezithembiso esithethwa nguHezekile sokuba uYehova uza uphinda akhonzwe kakuhle, sisithi: “Ndiza kubanika intliziyo emanyeneyo, ndifake umoya omtsha kubo.” (Hez. 11:19) Ukuba nje la maYuda ayehlala emanyene, aze abe nobuhlobo obuhle noYehova uThixo, akukho lutshaba lwalunokuwoyisa. Ayenokuphinda alenze lizukiswe igama likaYehova, endaweni yokuba lingcoliswe.

20, 21. Zenzeka njani izinto ezintlanu uThixo awayezithembise amaYuda awayebuye ekuthinjweni?

20 Ngaba ezo zithembiso zihlanu zenzeka kumaYuda awayebuye ekuthinjweni? Masikhumbule amazwi awabhalwa nguYoshuwa, esithi: “Akukho nasinye isithembiso esingenzekanga kuzo zonke izithembiso ezilungileyo azithethileyo kuni uYehova uThixo wenu. Ziye zenzeka zonke. Akukho nalinye ilizwi elingenzekanga.” (Yosh. 23:14) UYehova wasigcina isithembiso sakhe ngexesha likaYoshuwa. Ngoko wayeza kusigcina nangexesha lokubuya kwamaYuda awayethinjiwe.

21 AmaYuda ayeka ukukhonza izithixo, ayeka nokwenza izinto ezenyanyekayo ezazisenziwa ziinkonzo zobuxoki nezaziwahlukanisa noYehova. Aphinda ahlala kwilizwe lawo, alima aza onwaba. Enye yezinto zokuqala awazenzayo yayikukulungisa isibingelelo sikaYehova esiseYerusalem, aza enza imibingelelo efanelekileyo kuso. (Ezra 3:2-6) UYehova wawasikelela ngabalusi abafanelekileyo, abanjengombingeleli nomkhupheli othembekileyo uEzra, umlawuli uNehemiya noZerubhabheli, uMbingeleli Omkhulu uYoshuwa, nabaprofeti abanesibindi uHagayi, uZekariya noMalaki. Xa loo maYuda ayemthobela uYehova, ayehlala emanyene, nto leyo awayigqibela kudala kakhulu.​—Isa. 61:1-4; funda uYeremiya 3:15.

22. Sazi njani ukuba izithembiso zikaYehova zazisikrobisa kwinto enkulu eyayiseza kwenzeka?

22 Ukwenzeka kwezinto uYehova awayezithembisile, kufanele ukuba kwawakhuthaza nyhani loo maYuda! Kodwa oko kwakusikrobisa nje kwinto enkulu eyayiseza kwenzeka. Siyazi njani loo nto? Kaloku uYehova wayeza kuzenza ezo zithembiso kuphela xa amaYuda emthobela. Kodwa ekuhambeni kwexesha awazange amthobele, aza amjikela. Njengokuba uYoshuwa wayetshilo, into ethethwe nguYehova isoloko isenzeka. Ngoko ezo zithembiso zakhe zaziza kwenzeka nangenye indlela enkulu, zize zihlale ngonaphakade. Makhe sibone indlela eyenzeka ngayo loo nto.

“Ndiza Kukholwa Nini”

23, 24. Laqala nini ‘ixesha lokubuyiselwa kwazo zonke izinto,’ yaye njani?

23 Ekubeni singabafundi beBhayibhile, siyazi ukuba ngo-1914 kwaqala imihla yokugqibela yeli hlabathi lenza izinto ezimbi. Kodwa le nto ayibenzi bakhathazeke abakhonzi bakaYehova. IBhayibhile ithi, ngo-1914 kwaqala ixesha elivuyisayo, ‘ixesha lokubuyiselwa kwazo zonke izinto.’ (IZe. 3:21) Siyazi njani loo nto? Kaloku khumbula ukuba kwenzeka ntoni ezulwini ngo-1914. UYesu Kristu waba nguKumkani onguMesiya! Ngoku loo nto idibana njani nokubuyiselwa kwazo zonke izinto? Khumbula ukuba, uYehova wayethembise uKumkani uDavide ukuba inzala yakhe yayiza kulawula ngonaphakade. (1 Kron. 17:11-14) Olo lawulo lwaphazamiseka ngo-607 B.C.E. xa amaBhabhiloni atshabalalisa iYerusalem, aza awuphelisa umnombo wookumkani abaphuma kuDavide.

24 UYesu, ‘onguNyana womntu,’ noyinzala kaDavide, waba nelungelo elisemthethweni lokuba nguKumkani ophuma kumnombo kaDavide. (Mat. 1:1; 16:13-16; Luka 1:32, 33) Ngo-1914 kwaqala ‘ixesha lokubuyiselwa kwazo zonke izinto,’ xa uYehova wahlalisa uYesu kwitrone yasezulwini! Ngoku yayivulekile indlela yokuba uYehova asebenzise lo Kumkani ufezekileyo ukuba aqhubeke ebuyisela zonke izinto.

25, 26. (a) Kwaphela nini ukuthinjelwa eBhabhiloni Enkulu, yaye sikwazi njani oko? (Jonga nebhokisi ethi “Kwenzeka Ntoni Ngo-1919?”) (b) Yintoni eyaqala ukwenzeka ukususela ngo-1919?

25 Enye yezinto zokuqala awazenzayo uKristu onguKumkani, yayikukuhlola kunye noTata wakhe indlela awayekhonzwa ngayo uTata wakhe ngabantu bakhe. (Mal. 3:1-5) Njengokuba uYesu wayechazile kumzekelo wakhe wengqolowa nokhula, kangangexesha elide bekunzima ukwahlula amaKristu okwenene athanjisiweyo kumaKristu obuxoki. * Kodwa ngo-1914 kwafika ixesha lokuvuna, kwaza kwalula ukuwahlula. Kangangamashumi eminyaka ngaphambi kuka-1914, aBafundi BeBhayibhile abathembekileyo bazichaza ngokuphandle izono ezinzulu ezazisenziwa ziicawa, baza baqalisa ukuzahlula kuzo. Lalifikile ixesha lokuba uYehova aphinde akhonzwe ngendlela ayifunayo. Ngoko ekuqaleni kuka-1919, kwiminyaka nje liqalile ‘ixesha lokuvuna,’ abantu bakaThixo babesele bekhululwe ngokupheleleyo kwiBhabhiloni Enkulu. (Mat. 13:30) Babekhululwe ekuthinjweni!

26 Iziprofeto zikaHezekile ezithetha ngokukhululwa kwabantu bakaThixo, zenzeka ngendlela engazange ibonwe ngaphambili. Makhe sibone ngoku indlela enkulu ezenzeke ngayo izithembiso ezihlanu ebesithethe ngazo.

27. Yintoni eyanceda abantu bakaThixo bayeka ukukhonza izithixo?

27 ISITHEMBISO SOKUQALA. Abantu bakaThixo babeza kuyeka ukukhonza izithixo nokwenza ezinye izinto ezenyanyekayo ezenziwa ezicaweni. Ekupheleni kweminyaka yoo-1800 nasekuqaleni kweminyaka yoo-1900, amaKristu athembekileyo aba ngamaqela amancinci aza aqalisa ukuzigxeka izinto ezazisenziwa ziicawa zobuxoki. Akugxeka ukukhonzwa koThixo oneziqu ezithathu, inkolelo yomphefumlo ongafiyo, nemfundiso yesihogo, esithi ezi mfundiso azisuki eZibhalweni, kodwa zisuka kwiicawa zobuxoki. Ayenza yacaca into yokuba ukusetyenziswa kwemifanekiso xa kukhonzwa uThixo kukukhonza izithixo. Kancinci kancinci, aba bantu bakaThixo baye beqonda nokuba ukusebenzisa umnqamlezo xa bekhonza yayiyindlela yokukhonza izithixo.​—Hez. 14:6.

28. Abantu bakaYehova babuyiselwa njani kwilizwe labo?

28 ISITHEMBISO SESIBINI. Abantu bakaThixo babuyela kwilizwe labo. Njengoko amaKristu athembekileyo ayeshiya iimfundiso zeBhabhiloni Enkulu, abuyela kwilizwe lawo. Ngamany’ amazwi aqalisa ukuyazi kakuhle inyaniso aza asikelelwa, ibe awazange aphinde abuyele kwiimfundiso zobuxoki. (Funda uHezekile 34:13, 14.) Njengoko siza kubona kwiSahluko 19 sale ncwadi, uYehova ulisikelele elo lizwe ngeemfundiso ezininzi eziqinisa ukholo.​—Hez. 11:17.

29. Yintoni eyenza umsebenzi wokushumayela wanda ukususela ngo-1919?

29 ISITHEMBISO SESITHATHU. Kuza kuphinda kunikelwe izipho kwisibingelelo sikaYehova. Ngexesha labapostile, amaKristu afundiswa ukuba anganikeli ngezilwanyana zokoqobo, kodwa anikele ngezipho ezixabiseke kakhulu, ezingamazwi okudumisa uYehova nokushumayela ngaye kwabanye. (Heb. 13:15) Kangangamakhulu eminyaka, xa abantu bakaThixo babethinjiwe, babengakwazi ukunikela ngaloo ndlela. Kodwa ke, xa kwakusondela ixesha lokukhululwa kwabo, babesele beqalile ukumdumisa ngamazwi abo. Babexakekile beshumayela, yaye bedumisa uThixo ngovuyo kwiintlanganiso zabo. Ukususela ngo-1919, ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ lakukhuthaza kakhulu ukushumayela ngokucokisekileyo. (Mat. 24:45-47) Ngoko isibingelelo sikaYehova sagcwala yiminikelo yomkhosi owandayo wabantu ababedumisa igama lakhe elingcwele!

30. Yintoni ayenzileyo uYesu ukuze aqinisekise ukuba abantu bakhe baluswa kakuhle?

30 ISITHEMBISO SESINE. Ukususwa kwabalusi ababesenza izinto ezimbi. UKristu wabakhulula abantu bakaThixo ekuxhatshazweni ngabalusi bobuxoki ababesezicaweni, ababengathembekanga nababecingela iziqu zabo kuphela. Nasebandleni wabasusa abalusi ababesenza izinto ezazisenziwa ngabo balusi bobuxoki. (Hez. 20:38) UYesu, uMalusi Olungileyo, waqinisekisa ukuba izimvu zakhe ziyakhathalelwa. Ngo-1919 wamisela ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi. Elo qela lincinci lamaKristu athanjisiweyo labondla abantu bakaThixo, laza labakhathalela. Ekuhambeni kwexesha, kwaqeqeshwa abadala ukuze bancedise ekwaluseni “umhlambi kaThixo.” (1 Pet. 5:1, 2) Abalusi abangamaKristu bebesoloko bekhunjuzwa ngamazwi akuHezekile 34:15, 16, abonisa indlela uYehova uThixo noYesu Kristu abawukhathalele ngayo umhlambi.

31. Iye yenzeka njani into eyayiprofetwe nguYehova kuHezekile 11:19?

31 ISITHEMBISO SESIHLANU. Abakhonzi bakaYehova bayamanyana. Kangangamakhulu eminyaka, iicawa ziye zaqhekeka zaba ngamashumi amawaka, kwavela namahlelo aphikisanayo. Kodwa uYehova uye wenza into emangalisa ngeyona ndlela kubantu bakhe. Isithembiso sakhe esithi, “ndiza kubanika intliziyo emanyeneyo,” siye senzeka ngeyona ndlela inkulu. (Hez. 11:19) Emhlabeni wonke, uKristu uneemiliyoni zabalandeli ezivela kwiintlanga, iinkonzo neendawo ezahluka-hlukeneyo. Kodwa bonke bafundiswa inyaniso efanayo, yaye benza umsebenzi ofanayo bemanyene ngendlela engummangaliso. Ngobusuku bokugqibela bokuphila kwakhe emhlabeni, uYesu wathandazela ukuba abalandeli bakhe bamanyane. (Funda uYohane 17:11, 20-23.) Kwixesha lethu, uYehova uye wawuphendula ngendlela ekhethekileyo loo mthandazo.

32. Uziva njani ngokwenzeka kweziprofeto ezithetha ngokubuyiselwa kwabantu bakaThixo? (Jonga nebhokisi ethi “Iziprofeto Ezithetha Ngokuthinjwa Nokubuyiselwa.”)

32 Akuyivuyeli na into yokuba uphila kweli xesha lokubuyiselwa kwabantu bakaThixo? Indlela esikhonza ngayo namhlanje ibonisa ukuba ziye zenzeka izinto awayeziprofetile uHezekile. Sinokuqiniseka ukuba uYehova uyakholwa ngabantu bakhe, kanye njengokuba wayeprofetile ngoHezekile, wathi: “Ndiza kukholwa nini.” (Hez. 20:41) Uyayiqonda na inyhweba enkulu onayo yokuba yinxalenye yabantu abamanyeneyo, abadumisa uYehova emhlabeni wonke, nabakhululweyo emva kwamakhulu-khulu eminyaka bethinjiwe? Kodwa ke, ezinye iziprofeto zikaHezekile ziseza kwenzeka.

“Njengomyezo Wase-Eden”

33-35. (a) Sasithetha ntoni isiprofeto esikuHezekile 36:35 kumaYuda awayethinjiwe? (b) Eso siprofeto sithetha ntoni kubantu bakaYehova namhlanje? (Jonga nebhokisi ethi “Ixesha Lokubuyiselwa Kwazo Zonke Izinto.”)

33 Njengoko sibonile, ‘ixesha lokubuyiselwa kwazo zonke izinto’ laqala ngokubuyiselwa komnombo wookumkani abaphuma kuDavide, xa uYesu wenziwa uKumkani ngo-1914. (Hez. 37:24) Emva koko, uYehova wanika uKristu amandla okunceda abantu bakhe ababethinjwe kangangamakhulu eminyaka baphinde bamkhonze ngendlela ayifunayo. Kodwa ngaba uKristu waphelela apho? Tu ke khona! Useza kwenza izinto ezimangalisa ngakumbi kwixesha elizayo, ibe zichazwa ngokucacileyo kwiziprofeto zikaHezekile.

34 Ngokomzekelo, khawucinge nje ngamazwi athi: “Abantu baza kuthi: ‘Ilizwe elaliphanzile lisuke laba njengomyezo wase-Eden.’” (Hez. 36:35) Sasithetha ntoni eso sithembiso kuHezekile nabantu bexesha lakhe? Ngokuqinisekileyo babengalindelanga ukuba ilizwe labo laliza kuba ngula myezo, okanye iParadesi eyayenziwe nguYehova! (Gen. 2:8) Kunoko, babeqonda ukuba uYehova wayebaqinisekisa ukuba ilizwe labo laliza kuba lihle lize lichume.

35 Esi sithembiso sithetha ntoni kuthi namhlanje? Asilindelanga ukuba senzeke ngokoqobo ngoku, kweli hlabathi lenza izinto ezimbi nelilawulwa nguSathana uMtyholi. Kaloku siyaqonda ukuba loo mazwi awathethi ukuba kuza kubakho iparadesi yokoqobo namhlanje. Thina bakhonzi bakaYehova, sibuyele kwilizwe lethu; oko kukuthi ukukhonza uYehova kuyeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu. Eli lizwe liya liphucuka ngokuphucuka. Kodwa kuza kwenzeka ntoni kwixesha elizayo?

36, 37. Sesiphi isithembiso esiza kwenzeka kwixesha elizayo?

36 Emva kwemfazwe enkulu yeArmagedon, uYesu uza kuwulungisa lo mhlaba. Ngexesha lokuLawula Kwakhe Iminyaka Eliwaka, uza kukhokela abantu ekuwenzeni ube yiparadesi efana neyase-Eden, nto leyo uYehova wayeyifuna kwasekuqaleni. (Luka 23:43) Ngoko bonke abantu baza kumanyana baze baliphathe kakuhle ikhaya labo elingumhlaba. Akuzukubakho zingozi nazinto ziboyikisayo. Ngelo xesha kuza kwenzeka nkqu nesi sithembiso: ‘Ndiza kwenza isivumelwano soxolo kunye nabo, yaye ndiza kuwasusa elizweni amarhamncwa enzakalisayo, ukuze bahlale bekhuselekile entlango baze balale emahlathini.’​—Hez. 34:25.

37 Khawube ngathi uyayibona le nto! Ungaya naphi na emhlabeni, ungoyiki nto. Akukho silwanyana siza kukwenzakalisa. Akukho nto iza kukwenza uphakuzele. Uza kukwazi ukuhamba phakathi ehlathini, ubuke ubuhle balo, ude ulale kulo ukhuselekile, uqinisekile ukuba uza kuvuka uhlaziyekile kwaye ungenzakalanga!

Khawube nombono wethu ‘silala emahlathini’ sikhuselekile (Jonga isiqendu 36, 37)

38. Uziva njani ngokwenzeka kwezithembiso ezikuHezekile 28:26?

38 Siza kubona nesi isithembiso sisenzeka: ‘Baza kuhlala bekhuselekile, baze bakhe izindlu, batyale namasimi eediliya, yaye baza kuhlala bekhuselekile xa ndigweba bonke abo bayingqongileyo nabayigculelayo; baza kutsho bazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo.’ (Hez. 28:26) Emva kokuba zonke iintshaba zikaYehova zitshatyalalisiwe, kuza kubakho uxolo nokhuseleko emhlabeni wonke. Njengokuba siza kube silungisa umhlaba, siza kuhoya iziqu zethu, siphinde sincede nabantu esibathandayo, sakhe izindlu ezintle, size sityale amasimi eediliya.

39. Kutheni unokuqiniseka ukuba ziza kwenzeka iziprofeto zikaHezekile ezithetha ngeParadesi?

39 Ngaba ezi zithembiso zivakala ziliphupha nje kuwe? Khumbula oko sele ukubonile ngeli xesha ‘lokubuyiselwa kwazo zonke izinto.’ Nangona uSathana esilwa, uYesu unikwe amandla okunceda abantu bakaThixo baphinde bamkhonze ngendlela ayifunayo kweli hlabathi lisebumnyameni. Loo nto ibubungqina bokuba ziza kwenzeka zonke izinto uThixo azithembise ngoHezekile.

^ isiqe. 2 Amaninzi kula maYuda awayethinjiwe ayehlala ngaphandle kwesixeko saseBhabhiloni. Ngokomzekelo, uHezekile wayehlala namaYuda awayengakumlambo iKebhare. (Hez. 3:15) Kodwa ayekhona amaYuda ambalwa awayehlala esixekweni. Ayequka “awasebukhosini nawenzala yezikhulu.”​—Dan. 1:3, 6; 2 Kum. 24:15.

^ isiqe. 25 Ngokomzekelo, asinakutsho ukuba ngabaphi ababengamaKristu athanjisiweyo kubantu ababengahambisani neemfundiso zecawa yaseRoma ngeminyaka yoo-1500.