Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 1

“Umele Ukhonze UYehova UThixo Wakho”

“Umele Ukhonze UYehova UThixo Wakho”

MATEYU 4:10

SIZA KUTHETHA: Ngesizathu sokuba sithi uYehova ebekade engakhonzwa ngendlela ayifunayo

1, 2. Yintoni eyenza uYesu waya entlango yakwaYuda ngo-29 C.E., ibe yintoni eyenzeka kuye apho? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

KUNGASEKUPHELENI kukaOktobha okanye ekuqaleni kukaNovemba ngo-29 C.E., uYesu ukwintlango yakwaYuda kumntla woLwandle Olufileyo. Umoya oyingcwele umthumele kule ndawo emva kokubhaptizwa nokuthanjiswa kwakhe. Apha kule ntlango inamatye namawa, uYesu uchithe iintsuku eziyi-40 ezile ukutya, ethandaza ibe ecingisisa. Ngeli xesha, mhlawumbi uYehova ebencokola noNyana wakhe, emnceda alungele izinto ezizayo.

2 Xa kanye uYesu engenamandla, ngenxa yokulamba, kuthi gqi uSathana amlinge. Izinto awamlinga ngazo, ziyasiquka nathi namhlanje.

“Ukuba Ungunyana KaThixo . . .”

3, 4. (a) USathana waziqala ngamazwi athini izilingo zakhe, ibe kusenokwenzeka ukuba wayefuna uYesu angaqiniseki ngantoni? (b) USathana uwasebenzisa njani amaqhinga afanayo kule mihla?

3 Funda uMateyu 4:1-7. Kwizilingo ezibini zokuqala, uSathana uqala ngokusebenzisa amazwi akhethwe kakuhle athi, “Ukuba ungunyana kaThixo.” Ngaba uSathana wayengamazi ukuba uYesu unguNyana kaThixo? Wayemazi. Le ngelosi eyayikade ingunyana kaThixo yaza yaphoselwa emhlabeni, yayisazi kakuhle ukuba uYesu nguNyana wokuqala kaThixo. (Kol. 1:15) USathana umele ukuba wayewazi amazwi uYehova awawathetha esezulwini xa kwakubhaptizwa uYesu, athi: “Lo nguNyana wam endimthandayo, nondivuyisayo.” (Mat. 3:17) Mhlawumbi uSathana wayefuna uYesu acinge ukuba uTata wakhe akamkhathalelanga yaye akanakuthenjwa. Xa wayemlinga okokuqala, esithi makajike amatye abe zizonka, eyona nto wayeyibuza uSathana yile: ‘Ekubeni ke unguNyana kaThixo, kutheni uTata wakho ekuyeka ulambe kule ntlango?’ Xa wayemlinga okwesibini, esithi makaziphose ezantsi esuka kweyona ndawo iphakamileyo etempileni, kufana nokuba uSathana wayesithi: ‘Ekubeni ke unguNyana kaThixo, umthembe nyhani uTata wakho ukuba uza kukukhusela?’

4 USathana usebenzisa amaqhinga afanayo nakule mihla. (2 Kor. 2:11) Ulinda de abantu bakaThixo batyhafe okanye bakhathazeke, aze abahlasele esebenzisa iindlela ezingazukumveza ukuba nguye. (2 Kor. 11:14) Uzama ukusenza sicinge ukuba uYehova soze asithande okanye soze simvuyise. UMtyholi uzama ukusenza singamthembi uYehova, sithi izinto asithembise zona kwiLizwi lakhe soze zenzeke. Kodwa bubuxoki obuphindaphindeneyo obo. (Yoh. 8:44) Singenza njani ukuze angasiqhathi?

5. UYesu waziphendula njani izilingo ezibini zokuqala?

5 Cinga ngendlela uYesu awaphendula ngayo kwezi zilingo zibini zokuqala. Wayeqinisekile ukuba uTata wakhe uyamthanda, ibe naye wayemthemba nyhani. UYesu zange avume ukuqhathwa nguSathana. Wamphendula ngoko nangoko ngamazwi akwiLizwi LikaThixo eliphefumlelweyo. Wasebenzisa izibhalo ezinegama likaThixo, uYehova. (Dut. 6:16; 8:3) Le yeyona ndlela uNyana kaThixo awayenokubonisa ngayo ukuba uyamthemba uTata wakhe, ngokusebenzisa igama lakhe elikhethekileyo elithetha ukuba nantoni na ayithembisayo iza kwenzeka. *

6, 7. Kufuneka senze ntoni ukuze singaqhathwa nguSathana?

6 Ukuze singaqhathwa nguSathana kufuneka sithembele kwiLizwi LikaThixo size sicingisise ngoko kuthethwa ligama lakhe. IZibhalo zisixelela ukuba uYehova uyabathanda abakhonzi bakhe ingakumbi abo baphuke iintliziyo. Xa siqinisekile ukuba nathi usithanda ngendlela efanayo, sakutsho singaqhathwa nguSathana xa esithi uYehova soze asithande okanye soze simvuyise. (INdu. 34:18; 1 Pet. 5:8) Xa sihlala sikhumbula ukuba izinto uYehova azithethayo zisoloko zisenzeka, siza kuqiniseka ukuba sifanele simthembe ngokupheleleyo.​—IMize. 3:5, 6.

7 Yintoni eyona nto uSathana ayifunayo? Yintoni kanye kanye ayifunayo kuthi? Icaca kakuhle kwinto yesithathu awamlinga ngayo uYesu.

‘Qubuda Kum Undikhonze Nje Kube Kanye’

8. Xa wayelinga uYesu okwesithathu, uSathana wayenza yacaca njani eyona nto wayeyifuna?

8 Funda uMateyu 4:8-11. Xa wayelinga uYesu okwesithathu, uSathana wayenza yacaca eyona nto wayeyifuna. Wabonisa uYesu (mhlawumbi ngombono) “onke amazwe ehlabathi nobutyebi bawo,” kodwa akakuveza ukuqhatha kwawo. Emva koko wathi kuye: “Ndingakunika zonke ezi zinto ukuba ungaqubuda kum undikhonze nje kube kanye.” * Nantso eyona nto wayeyifuna uSathana, ukukhonzwa. Wayefuna uYesu alahle uTata wakhe aze akhonze yena. Wayethembisa ukunika uYesu into eyayibonakala ingundlela-lula. Wayefuna acinge ukuba uza kuba sisikhulu aze abe nobutyebi beli hlabathi, kwaye wayengazukufumana iintlungu zesithsaba sameva, ezokubethwa kakhulu nezesibonda sokungcungcutheka. Wayemlinga ngento ekhoyo. UYesu wayesazi ukuba oorhulumente behlabathi balawulwa nguSathana. (Yoh. 12:31; 1 Yoh. 5:19) Ngokuqinisekileyo uSathana wayenokwenza nantoni na ukuze enze uYesu ayeke ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo.

9. (a) Yintoni uSathana afuna bayenze abakhonzi bokwenene, ibe uzama ukusilinga njani? (b) Kuquka ntoni ukukhonza? (Jonga ibhokisi ethi “Kukuthini Ukukhonza?”)

9 Nanamhlanje uSathana ufuna simkhonze, nokuba simkhonza ngokungqalileyo okanye ngokungangqalanga. Ekubeni ‘enguthixo weli hlabathi,’ lonke unqulo lobuxoki lweBhabhiloni Enkulu luya kuye. (2 Kor. 4:4) Kodwa akanelanga kukukhonzwa zezo bhiliyoni zabantu, ufuna nokuyekisa abakhonzi bokwenene ukwenza ukuthanda kukaThixo. Uzama ukusenza sifune ubutyebi nokuhlonitshwa lihlabathi lakhe, kunokwehlelwa ‘zizinto ezibuhlungu ngenxa yokuba singamalungisa.’ (1 Pet. 3:14) Ukuba besinokunikezela kwisilingo sikaSathana sokuyeka ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo size siye kwihlabathi lakhe, besiya kufana nokuba siqubuda kwaye sikhonza yena, simenza uthixo wethu. Sinokwenza njani ukuze singanikezeli kwesi silingo sikaSathana?

10. UYesu wamphendula njani uSathana xa wayemlinga okwesithathu, ibe ngoba?

10 Jonga indlela uYesu awamphendula ngayo uSathana xa wayemlinga okwesithathu. Wakhawuleza wathi: “Hamb’ apha Sathana!” ebonisa ukuba soze amshiye uYehova. Njengakwizilingo ezibini zokuqala, waphinda wathetha amazwi akwiDuteronomi anegama likaThixo, athi: “Kubhaliwe kwathiwa: ‘Umele ukhonze uYehova uThixo wakho kuphela, ukhonze yena yedwa.’” (Mat. 4:10; Dut. 6:13) Ngaloo ndlela, uYesu zange asifune isikhundla esibonakala sibalulekile, nokuphila kamnandi. Wayesazi ukuba zaziza kuphelela esithubeni ezo zinto, kwaye eqonda ukuba nguTata wakhe qha omele akhonzwe. Ngoko ukuba ‘wayenokukhonza uSathana nokuba nje kukanye’ wayeza kuba uzinikele kuye. UYesu zange avume ukuba uSathana abe nguthixo wakhe. Ngenxa yokuba engazange avume, “wemka ke uMtyholi.” *

“HAMB’ APHA SATHANA!” (Jonga isiqendu 10)

11. Sinokwenza njani ukuze singoyiswa zizilingo zikaSathana?

11 Nathi njengoYesu sinokuzikhethela ukungavumi ukuqhathwa nokulingwa nguSathana nalihlabathi lakhe elikhohlakeleyo. UYehova usinike isipho esixabisekileyo sokuzikhethela. Yiloo nto kungekho nomnye umntu onokusinyanzela ukuba siyeke ukumkhonza ngendlela ayifunayo, kwanoMtyholi lo unamandla. Xa ‘simxhathisa uSathana, siqine elukholweni,’ kuba ngathi sithi: “Hamb’ apha Sathana!” (1 Pet. 5:9) Khumbula ukuba uSathana wemka kuYesu emva kokuba engazange avume ukuqhathwa nguye. Nathi iBhayibhile isiqinisekisa isithi: “Mchaseni uMtyholi, ibe uza kunibaleka.”​—Yak. 4:7.

Sinako ukukhetha ukungaqhathwa lihlabathi likaSathana (Jonga isiqendu 11, 19)

Oyena Mntu Ungafuni UYehova Akhonzwe Ngendlela Ayifunayo

12. E-Eden uSathana waziveza njani ukuba akafuni uYehova akhonzwe ngendlela ayifunayo?

12 Xa uSathana wayelinga uYesu okokugqibela, waziveza ukuba ungumntu wokuqala ongazange afune uYehova akhonzwe ngendlela ayifunayo. Kumawaka eminyaka ngaphambili, kumyezo wase-Eden, uSathana wabonisa indlela akucaphukela ngayo ukukhonzwa kukaYehova. Waqhatha uEva, waza yena uEva wenza uAdam wophula umthetho kaYehova, wabe uSathana uyaqala ukubalawula. (Funda iGenesis 3:1-5; 2 Kor. 11:3; ISityhi. 12:9) Waba nguthixo wabo, baza bona baba ngabakhonzi bakhe, nangona bona kusenokwenzeka ukuba babengayazi ukuba ngubani lo ubaqhathayo. Ukongezelela, xa uSathana wenza uAdam noEva bangathobeli e-Eden, wayengaphikisi nje ilungelo likaYehova lokulawula, kodwa wayekwalwa nokukhonzwa kukaYehova ngendlela ayifunayo. Njani?

13. Ilungelo likaYehova lokulawula lidibana njani nokukhonzwa kwakhe ngendlela ayifunayo?

13 Ekubeni uYehova enelungelo lokulawula, ukwanelungelo lokufuna ukuba simkhonze ngendlela ayifunayo. NguMongami wokwenene, lowo “wadala zonke izinto,” kuphela ofanele akhonzwe. (ISityhi. 4:11) Xa uYehova wayedala uAdam noEva abafezekileyo waza wababeka kumyezo wase-Eden, wayefuna ukuba ekugqibeleni umhlaba ugcwale ngabantu abafezekileyo nabakufunayo ukumkhonza ngentliziyo yabo yonke. (Gen. 1:28) USathana wayesilwa nelungelo likaYehova lokulawula kuba wayefuna ukukhonzwa, nto leyo engamfanelanga, nemele yenziwe kwiNkosi enguMongami uYehova kuphela.​—Yak. 1:14, 15.

14. Ngaba uSathana wakwazi ukuyekisa abantu ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo? Cacisa.

14 Ngaba uSathana wakwazi ukuyekisa abantu ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo? Ewe kona wakwazi ukuyekisa uAdam noEva ukukhonza uThixo. USathana usazimisele nangoku ukuyekisa abantu abaninzi kangangoko anako ukukhonza uYehova uThixo. Waqhubeka elinga abakhonzi bakaYehova nangaphambi kwexesha lamaKristu. Ngexesha labapostile, wenza ukuba amanye amaKristu ebandleni amjikele uYehova. Loo nto yalingcolisa ibandla, kwaza ekugqibeleni kwabonakala ngathi abasekho abantu abakhonza uYehova ngendlela ayifunayo. (Mat. 13:24-30, 36-43; IZe. 20:29, 30) Emva nje kokufa kwabapostile, amaKristu amkela iimfundiso ezininzi zobuxoki zeBhabhiloni Enkulu. Kodwa uSathana akakwazanga ukuyekisa wonke umntu ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo. UYehova ufuna wonke umntu emhlabeni amkhonze, ibe ayikho into enokunqanda loo nto. (Isa. 46:10; 55:8-11) Kaloku le nto iquka igama lakhe, kwaye usoloko esenza into ethethwa lilo. UYehova uhlala eyenza into ayifunayo!

Oyena Mntu Ukhonza UYehova Ngendlela Ayifunayo

15. Wenza ntoni uYehova e-Eden ukuze aqinisekise ukuba oko akufunayo kuza kwenzeka?

15 UYehova zange abayeke nje abantu abangazange bamthobele e-Eden, ibe waqinisekisa ukuba oko akufunayo kuza kwenzeka. (Funda iGenesis 3:14-19.) Wabagweba bobathathu, ibe loo nto yenzeka uAdam noEva besesemyezweni. Waqala ngoSathana, kuba nguye owaqala wona, walandela ngoEva waza wagqibela ngoAdam. Xa uYehova wayethetha noSathana, owenza uAdam noEva bona, wathetha ‘ngenzala’ eyayiza kulungisa umonakalo ababewenzile ngokungathobeli. Le ‘nzala’ yayiza kunceda ekwenzeni bonke abantu emhlabeni bakhonze uYehova ngendlela ayifunayo.

16. Emva kwento eyenzeka e-Eden, uYehova wenza ntoni ukuze ukuthanda kwakhe kwenzeke?

16 Emva kwento eyenzeka e-Eden, uYehova waqhubeka esebenza ukuze ukuthanda kwakhe kwenzeke. Walungiselela ukuba abantu abangafezekanga bamkhonze ngendlela ayifunayo, njengoko siza kubona kwisahluko esilandelayo. (Heb. 11:4–12:1) Waphefumlela ababhali beBhayibhile abaliqela abanjengoIsaya, uYeremiya noHezekile ukuba babhale iziprofeto ezinik’ umdla ezithi uza kuphinda akhonzwe ngendlela ayifunayo. IBhayibhile ithetha kakhulu ngaloo nto. Ezi zinto kwakuthethwe ngazo eBhayibhileni zaziza kwenziwa kusetyenziswa uYesu Kristu, ‘inzala’ eyayithenjisiwe. (Gal. 3:16) Xa wayephendula uSathana kwisilingo sakhe sesithathu, uYesu wabonisa ngokucacileyo ukuba ungoyena mntu ukhonza uYehova ngendlela ayifunayo. UYehova wakhetha yena ukuba ibe nguye owenza oko kwakuprofetiwe. (ISityhi. 19:10) Wayeza kukhulula abantu bakaThixo kwiBhabhiloni Enkulu, baze abantu bakhonze uThixo ngendlela ayifunayo.

Wena Uza Kuthini?

17. Kutheni sizithanda nje iziprofeto ezithetha ngexesha laxa zonke izidalwa ziza kube zikhonza kunye uYehova?

17 Kuyavuyisa kwaye kuqinisa ukholo ukufunda ngezi ziprofeto. Sizithanda nyhani kuba zithetha ngexesha esililindileyo laxa zonke izidalwa, ezasezulwini nezasemhlabeni, ziza kube zikhonza kunye iNkosi enguMongami uYehova. Zisinika nethemba, kuba ezinye zezinto ezikhuthazayo nesiqinisekileyo ngazo ezichazwe kwiLizwi LikaThixo sizifunda kwezi ziprofeto. Ngubani ongafuni zikhawuleze zenzeke izithembiso zikaYehova ezinjengokuvuswa kwabantu bethu esibathandayo, ukuba yimiqaba-qaba nokuphila kumhlaba oyiparadesi?​—Isa. 33:24; 35:5, 6; ISityhi. 20:12, 13; 21:3, 4.

18. Siza kufunda ngantoni kule ncwadi?

18 Kule ncwadi, siza kufunda ngeziprofeto ezinik’ umdla ezikwincwadi kaHezekile. Ezininzi zazo zithi uYehova uza kuphinda akhonzwe ngendlela ayifunayo. Siza kuthetha ngendlela iziprofeto zikaHezekile ezidibana ngayo nezinye iziprofeto, indlela eziza kwenzeka ngayo ngoKristu nokuba zidibana njani nathi.​—Jonga ibhokisi ethi “Oko Kuthethwa Kwincwadi KaHezekile.”

19. Uzimisele ukwenza ntoni, ibe ngoba?

19 Ngo-29 C.E., kwintlango yakwaYuda uSathana zange akwazi ukuyekisa uYesu ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo. Thina? USathana uzimisele kakhulu ngoku ukusenza simlahle uYehova. (ISityhi. 12:12, 17) Akwaba le ncwadi ingasinceda sizimisele ngakumbi ukungaqhathwa nguye. Kwaye nathi, akwaba singabonisa ngamazwi nangezinto esizenzayo ukuba siyavumelana namazwi athi, “Umele ukhonze uYehova uThixo wakho kuphela.” Ukuba senza loo nto, siza kukwazi ukubona ukuthanda kukaYehova kusenzeka ekugqibeleni, zonke izidalwa zakhe emhlabeni nasezulwini zimkhonza kunye ngendlela emfaneleyo nangeentliziyo zazo zonke!

^ isiqe. 5 Abanye abantu bathi igama likaYehova lithetha ukuba “Ubangela Kubekho.” Eli gama limfanela kakuhle uYehova njengoMdali nomntu ozenzayo iinjongo zakhe.

^ isiqe. 8 Xa ithetha ngento eyathethwa nguSathana, enye iBhayibhile ithi: “Njengakwisilingo sokuqala ukubakho, nesoyisa uAdam noEva . . . , kufuneka umntu azikhethele ukuba ufuna ukwenza ukuthanda kukaSathana okanye ukuthanda kukaThixo okuquka ukukhonza omnye wabo ngendlela engangqalanga. USathana uzama ukuzenza uthixo endaweni yokuphela koThixo.”

^ isiqe. 10 Ingxelo kaLuka ayizichazi ngokulandelelana kwazo ezi zilingo, kodwa uMateyu yena uzichaza ngokulandelelana kwazo. Nazi izizathu ezithathu zokuba sitsho. (1) Xa echaza isilingo sesibini uMateyu usiqala ngamazwi athi “emva koko,” into ebonisa ukuba sasilandela esokuqala. (2) Ngoko ayisothusi into yokuba emva kokuyifihla eyona nto ayifunayo kwizilingo ezibini zokuqala eziqala ngamazwi athi “Ukuba ungunyana kaThixo,” ayenze icace kwisilingo sesithathu ukuba ufuna ophule umthetho wokuqala. (Eks. 20:2, 3) (3) Namazwi kaYesu athi “Hamb’ apha Sathana!” amele ukuba aphendula isilingo sesithathu nesokugqibela.​—Mat. 4:5, 10, 11.