Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 19

“Apho Ufika Khona Lo Mlambo Yonke Into Iza Kuphila”

“Apho Ufika Khona Lo Mlambo Yonke Into Iza Kuphila”

HEZEKILE 47:9

SIZA KUTHETHA: Ngendlela umbono womlambo ophuma etempileni owenzeka ngayo kudala, ngoku nakwixesha elizayo

1, 2. UHezekile 47:1-12 uthi uHezekile ubona aze afumanise ntoni? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

UHEZEKILE uphinda abone enye into emangalisayo kumbono wakhe wetempile. Ubona amanzi ephuma kwindawo engcwele. Khawube ngathi uyambona elandela la manzi acocekileyo. (Funda uHezekile 47:1-12.) Aphuma kumgubasi wendawo engcwele, azokuthi gqi ngakwigeyithi engasempuma yetempile. Ingelosi imsa kudana netempile, ihamba imeta umgama njengoko behamba. Le ngelosi imane inqumlisa uHezekile kula manzi, ibe lo mprofeti uqaphela ukuba akhawuleza abe ngumlambo, kuze kufuneke aqubhe ukuze adlule.

2 UHezekile ufumanisa ukuba lo mlambo uhamba uyokufika kuLwandle Olufileyo uze uphilise amanzi alo anetyiwa eninzi, ulwenze lugcwale iintlanzi. Ngasemacaleni alo mlambo, ubona kukhula imithi emininzi yeziqhamo ezahlukahlukeneyo. Qho ngenyanga kukhula iziqhamo kule mithi namagqabi aphilisayo. Inoba yonke le nto yamenza uHezekile wanethemba noxolo. Kodwa yayithetha ntoni le nto kuye nakumaYuda awayethinjwe kunye naye? Ithetha ntoni kuthi namhlanje?

Wawuthetha Ntoni Lo Mlambo KumaYuda Athinjiweyo?

3. Kutheni sinokuthi amaYuda ayesazi ukuba kwakungathethwa ngomlambo wokoqobo?

3 AmaYuda ayesazi ukuba ayingomlambo wokoqobo lo. Wawuwakhumbuza esinye isiprofeto esasibhalwe kwiminyaka enokuba ngaphezu kweyi-200 ngaphambili, sikamprofeti uYoweli. (Funda uYoweli 3:18.) Xa amaYuda awayethinjiwe afunda amazwi aphefumlelweyo kaYoweli, zange alindele ukuba iintaba ‘zivuze iwayini enencasa,’ okanye “iinduli zibe nobisi oluninzi” ngokoqobo. Awazange alindele nokuba kugqabhuke umthombo “endlini kaYehova.” Ngokufanayo, namaYuda exesha likaHezekile, inoba aqonda ukuba akuthethwa ngomlambo wokoqobo. * Wawusithini ke umyalezo kaYehova? IZibhalo zisinceda siwuqonde lo mbono. Siza kukhe sithethe ngezinto ezintathu ezicacileyo esinokuzifunda.

4. (a) Kusenokwenzeka ukuba umlambo okumbono kaHezekile wawenza amaYuda alindela ntoni? (b) Ukusebenzisa kweBhayibhile igama elithi “umlambo” nelithi “amanzi” kusiqinisekisa njani ukuba uYehova uza kubasikelela abantu bakhe? (Jonga ibhokisi ethi “Iintsikelelo Ezinjengomlambo Ezivela KuYehova.”)

4 Iintsikelelo ezinjengomlambo. IBhayibhile idla ngokuthetha ngomlambo namanzi ukuze ibonise iintsikelelo zikaYehova eziphilisayo. UHezekile wabona umlambo uphuma etempileni. Ngenxa yaloo nto, abantu bakaThixo basenokuba babelindele ukuba wayeza kuqhubeka ebasikelela. Njani? Babeza kuphinda bafumane imiyalelo kubabingeleli. Ekubeni kwakuphinde kwabingelelwa etempileni, babenokuqiniseka ukuba izono zabo zaziza kuhlawulelwa. (Hez. 44:15, 23; 45:17) Loo nto yayiza kuthetha ukuba babeza kuphinda bacoceke, babe ngathi bahlanjwe ngamanzi angcwele aphuma etempileni.

5. Lo mlambo wawaqinisekisa njani amaYuda ukuba iintsikelelo zikaYehova zaziza kuwanela onke?

5 Ngaba zaziza kusoloko zibonela bonke ezi ntsikelelo? Lo mbono usenza siqiniseke ngaloo nto, kuba amanzi alo mlambo aya esiba maninzi. (Hez. 47:3-5) Nokuba amaYuda ayesanda kangakanani na, neentsikelelo zikaYehova zaziza kuba ninzi, ziwanele. Lo mlambo wawubonisa ukuba iintsikelelo zaziza kuba ninzi kakhulu.

6. (a) Wawuqinisekisa ngantoni umbono kaHezekile? (b) Wawulumkisa ngantoni lo mbono? (Jonga nombhalo osemazantsi.)

6 Amanzi aphilisayo. Embonweni kaHezekile, lo mlambo uhamba uyokungena kuLwandle Olufileyo uze uluphilise. Qaphela ukuba la manzi alo mlambo enza ukuba kunyakazele iintlobo ezininzi zeentlanzi, lwade olu lwandle lwafaniswa noLwandle Olukhulu okanye uLwandle LweMeditera. Kwakukho neshishini lokuloba elaliqhuba kakuhle ngakunxweme loLwandle Olufileyo phakathi kweedolophu ezimbini ezaziqelelene. Ingelosi yathi: “Apho ufika khona lo mlambo yonke into iza kuphila.” Ngaba loo nto yayithetha ukuba la manzi aphuma endlini kaYehova, ayeza kufikelela kulo lonke uLwandle Olufileyo? Hayi. Le ngelosi yathi la manzi ayengazukungena kweminye imigxobhozo. Yona loo migxobhozo yayiza “kuhlala inetyiwa eninzi.” * (Hez. 47:8-11) Ngoko esi siprofeto sasiqinisekisa ukuba, ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo kwakuza kubaphilisa abantu, kubenze baphumelele. Kodwa sasikhona nesilumkiso: Yayingenguye wonke umntu owayeza kuzamkela iintsikelelo zikaYehova, ibe abanye babengazukuphiliswa.

7. Ukucinga ngemithi eyayisemacaleni omlambo, kwawanceda njani amaYuda awayethinjiwe?

7 Imithi eneziqhamo ezityiwayo nephilisayo. Imithi esemacaleni omlambo nayo idibana kakuhle nalo mbono. Ikhona nento eyithethayo. Inoba uHezekile namadoda awayehlala nawo babesele becinga ngeziqhamo ezimnandi ezaziza kuphuma kule mithi qho ngenyanga. Ukucinga ngaloo nto kwabanceda baqiniseka ukuba uYehova wayeza kubondla, ngokuthi aqinise ukholo lwabo. Yintoni enye? Qaphela ukuba amagqabi ale mithi ayeza kuba “ngawokuphilisa.” (Hez. 47:12) UYehova wayesazi ukuba ukholo lwamaYuda awayebuya ekuthinjweni lwaluseza kudinga ukuphiliswa, ibe wathembisa ukuyenza loo nto. Indlela awayenza ngayo loo nto ichazwe kwesinye isiprofeto esithetha ngokukhonzwa kukaYehova ngendlela ayifunayo ebesifunde ngaso kwiSahluko 9 sale ncwadi.

8. Yintoni ebonisa ukuba siza kuphinda senzeke isiprofeto sikaHezekile?

8 Kodwa ke, njengokuba besifundile kwiSahluko 9, ezi ziprofeto zenzeka kancinci ngexesha lamaYuda awayebuye ekuthinjweni. Yayingawo awayebangele loo nto. Kaloku ayeza kusikelelwa njani kodwa ayequq’ ebuyelela kwiindlela zawo ezimbi, engathobeli kwaye emane emshiya uYehova? Yayibakhathaza bona abantu abathembekileyo into eyayisenziwa ngamanye amaYuda. Kodwa ke, babesazi ukuba uYehova usoloko ezenza izinto azithembisileyo. (Funda uYoshuwa 23:14.) Yiloo nto siseza kuphinda senzeke isiprofeto sikaHezekile. Siza kwenzeka nini?

Usekhona Lo Mlambo Nanamhlanje

9. Uphinda wenzeke nini umbono kaHezekile wetempile?

9 Njengokuba sibonile kwiSahluko 14 sale ncwadi, umbono kaHezekile wetempile uphinda wenzeke “ekupheleni kwemihla,” xa kanye uYehova ekhonzwa ngeyona ndlela iphakamileyo. (Isa. 2:2) Wenzeka njani lo mbono kaHezekile ngexesha lethu?

10, 11. (a) Zeziphi iintsikelelo ezinjengomlambo esizifumanayo namhlanje? (b) Ziye zanda njani iintsikelelo ezivela kuYehova ukuze zanele bonke abantu bakhe kule mihla yokugqibela?

10 Iintsikelelo ezinjengomlambo. Amanzi aphuma endlini kaYehova asikhumbuza eziphi iintsikelelo namhlanje? Asikhumbuza izinto ezininzi eziqinisa ukholo uYehova asinika zona. Eyona iphambili ngamandla acocayo esiwafumana ngenxa yokusifela kukaKristu. Nenyaniso eseLizwini LikaThixo ifaniswa namanzi aphilisayo nacocayo. (Efe. 5:25-27) Afumaneke njani loo manzi ngexesha lethu?

11 Ngo-1919 babengamawaka ambalwa nje kuphela abakhonzi bakaYehova, ibe babekuvuyela ukuva inyaniso esuka eBhayibhileni. Kumashumi eminyaka awalandelayo baya besanda. Namhlanje, inani labantu bakaThixo lingaphaya kweemiliyoni ezisibhozo. Ngaba bonke bayayifumana le nyaniso iseBhayibhileni? Ewe. Zininz’ ukufa izinto ezisifundisa inyaniso eseBhayibhileni. Kukho iibhiliyoni zeeBhayibhile, iincwadi, iimagazini, iincwadana namaphecana aye afunyanwa ngabantu bakaThixo kule minyaka ilikhulu idlulileyo. Njengamanzi asembonweni kaHezekile, ziye zanda iindlela zokufumana inyaniso esuka eBhayibhileni ukuze ifikelele kubo bonke abantu abafuna ukwazi uThixo emhlabeni wonke. Iincwadi ezithetha ngeBhayibhile bezisoloko ziprintwa. Kodwa ngoku zifumaneka nakwiwebhsayithi yethu u-jw.org, ngeelwimi ezingaphezu kwe-900. La manzi abanceda njani abantu abathanda uThixo?

12. (a) Ibancede njani abantu inyaniso eseBhayibhileni? (b) Lo mbono usilumkisa ngantoni? (Jonga nombhalo osemazantsi.)

12 Amanzi aphilisayo. UHezekile waxelelwa oku: “Apho ufika khona lo mlambo yonke into iza kuphila.” Cinga ngendlela inyaniso esuka eBhayibhileni ebancede ngayo abo bakhonza uYehova kunye nathi. Le nyaniso iye yachukumisa iintliziyo zeemiliyoni zabantu yaza yabanceda baba nokholo kuYehova. Kodwa ke lo mbono unaso nesilumkiso esithi: Ayinguye wonke umntu oza kuqhubeka eyithanda inyaniso. Njengemigxobhozo yoLwandle Olufileyo kumbono kaHezekile, bakhona abaza kuyeka ukuyixabisa inyaniso eseBhayibhileni baze bamshiye uYehova. * Singaze sibe njalo!​—Funda iDuteronomi 10:16-18.

13. Yintoni esiyifundayo kwimithi ekumbono kaHezekile?

13 Imithi eneziqhamo ezityiwayo nephilisayo. Ngaba ikhona into ekhuthazayo esinokuyifunda kwimithi esemacaleni omlambo ekumbono kaHezekile? Ikhona! Kaloku khumbula ukuba le mithi yayivelisa iziqhamo qho ngenyanga, ibe inamagqabi aphilisayo. (Hez. 47:12) Ngaloo ndlela isikhumbuza ukuba sikhonza uThixo osiphilisa ngokusinika ukutya okuqinisa ukholo. Abantu abaninzi abayazi inyaniso ephilisayo eseBhayibhileni. Kodwa khawucinge ngezinto esizinikwa nguYehova. Ngaba wakha wathi ugqiba ukufunda inqaku kwenye yeencwadi zethu, wacula ingoma yokuvala endibanweni, okanye wathi xa ugqiba ukubukela ividiyo okanye ibroadcasting waziva usikelelekile zizinto uYehova asinike zona? Sondliwa nyhani nguThixo. (Isa. 65:13, 14) Ngaba loo nto isinceda siphile ngendlela ethandwayo nguYehova? Amacebiso esiwafumana kwiLizwi lakhe asinceda siphephe ukuziphatha kakubi, ukubawa nokuphelelwa lukholo. UYehova ulungiselele nokuba abantu abenze izono ezinzulu bancedwe. (Funda uYakobi 5:14.) Sisikelelwe nyhani, njengoko umbono kaHezekile wemithi ubonisile.

14, 15. (a) Sifunda ntoni kwimigxobhozo ekumbono kaHezekile engazange iphiliswe? (b) Asinceda njani namhlanje amanzi akumbono kaHezekile womlambo?

14 Ikhona into esiyifundayo nakwimigxobhozo engazange iphiliswe ngala manzi. Sifunda ukuba masisoloko sizamkela iintsikelelo zikaYehova. Iya kuba mbi into yokuba la manzi angasincedi, njengabantu abaninzi kweli hlabathi ligulayo. (Mat. 13:15) Kodwa ke, into emnandi kukuba thina siyakuvuyela ukufumana iintsikelelo zala manzi aphilisayo. Xa sisela kumanzi acocekileyo enyaniso eseLizwini LikaThixo, xa sixelela abanye le nyaniso ngokuya kushumayela, naxa sincedwa okanye sithuthuzelwa ngabadala abaqeqeshwe likhoboka elithembekileyo, sisenokucinga ngomlambo okumbono kaHezekile. Lo mlambo uyaphilisa naphi na apho udlula khona.

15 Uza kwenzeka njani lo mbono womlambo kwixesha elizayo? Njengoko siza kubona, lo mlambo uza kuba mkhulu nangakumbi kwiParadesi ezayo.

Uza Kwenzeka Njani Lo Mbono EParadesi?

16, 17. Zeziphi iintsikelelo ezinjengomlambo esiza kuzifumana eParadesi?

16 Ngaba uyazibona useParadesi, wonwabe nentsapho kunye nabahlobo bakho? Ukuwufunda kakuhle lo mbono, kunokukunceda uzibone useParadesi. Njani? Khawuphinde ucinge ngezinto ezintathu zalo mbono ezibonisa ukuba uYehova uyasithanda.

17 Iintsikelelo ezinjengomlambo. Lo mlambo uza kuba mkhulu kakhulu eParadesi, kuba awuzukunceda nje ukholo lwethu, kodwa nempilo yethu. KuLawulo LukaYesu Lweminyaka Eliwaka, uBukumkani BukaThixo buza kunceda abo bathembekileyo bazifumane kakhulu kunangaphambili iintsikelelo ezifumaneka ngenxa yokusifela kukaKristu. Baza kuya befezeka. Akuzukubakho zifo, oogqirha, oonesi, nezibhedlele. Loo manzi obomi aza kunceda abo baza kube besinde kwiArmagedon, “isihlwele esikhulu” esiza kube siphuma “kwixesha lentlungu engathethekiyo.” (ISityhi. 7:9, 14) Kodwa ke, nakuba iintsikelelo ezinjengomlambo ziza kuba ninzi, ziza kuba ngathi ngamanzana nje amancinci xa zithelekiswa nezisezayo. Njengasembonweni kaHezekile, lo mlambo uza kwanda ukuze uncede wonke umntu.

EParadesi, iintsikelelo ezinjengomlambo ziza kwenza wonke umntu abe mtsha aze abe sempilweni (Jonga isiqendu 17)

18. Uza kuba mkhulu kakhulu njani “umlambo wamanzi obomi” kuLawulo Lweminyaka Eliwaka?

18 Amanzi aphilisayo. KuLawulo Lweminyaka Eliwaka uza kuba mkhulu kakhulu “umlambo wamanzi obomi.” (ISityhi. 22:1) Kuza kuvuswa iimiliyoni okanye iibhiliyoni zabantu baze banikwe ithuba lokuphila ngonaphakade eParadesi. Enye yeentsikelelo eziza kuza noBukumkani BukaYehova, kukuvuswa kwabantu abaninzi abaswelekileyo. (Isa. 26:19) Kodwa ke, ngaba bonke abo bavusiweyo baza kuphila ngonaphakade?

19. (a) Yintoni ebonisa ukuba kuza kubakho amanzi ahlaziyayo eParadesi? (b) Kwixesha elizayo, abanye baza kufana njani nemigxobhozo ‘eyahlala inetyiwa eninzi’?

19 Umntu ngamnye kuza kufuneka azikhethele. Kaloku, ngelo xesha, kuza kuvulwa imisongo emitsha. Ngoko amanzi ahlaziyayo avela kuYehova aza kuquka iinyaniso ezisand’ ukuchazwa kunye nemiyalelo emitsha evela kuThixo. Kuyavuyisa ukucinga ngaloo nto, andithi? Kodwa ke, bakhona abangazukufuna ukuyithobela le miyalelo, bakhethe ukungamthobeli uYehova. Abanye basenokumjikela uYehova ngexesha loLawulo Lweminyaka Eliwaka, kodwa ke abazukuvunyelwa ukuba bamoshe iParadesi. (Isa. 65:20) Sisenokucinga ngemigxobhozo esembonweni kaHezekile ‘eyahlala inetyiwa eninzi.’ Bazizidenge nyhani abo bangafuniyo ukusela kula manzi axabisekileyo naphilisayo! Emva koLawulo Lweminyaka Eliwaka, bakhona abo baza kujikela uYehova baze bathathe icala likaSathana. Bonke abangawuthobeliyo umthetho kaThixo baza kutshabalala ngonaphakade.​—ISityhi. 20:7-12.

20. Yintoni eza kwenzeka kuLawulo Lweminyaka Eliwaka esikhumbuza imithi eyabonwa nguHezekile?

20 Imithi eneziqhamo ezityiwayo nephilisayo. UYehova akafuni kubekho namnye kuthi ophoswa bubomi obungunaphakade. Ukuze asincede sibufumane, uza kuphinda ngexesha loLawulo Lweminyaka Eliwaka enze into efana nala mbono kaHezekile wemithi. Kodwa ke, eParadesi uYehova uza kusinceda ngezinto eziza kusenza sibe sempilweni, neziza kuqinisa ukholo lwethu. UYesu Kristu kunye ne-144 000 baza kulawula njengookumkani ezulwini imiNyaka Eliwaka. Ekubeni bengababingeleli, uYesu ne-144 000 baza kunceda abantu abathembekileyo bafezeke. (ISityhi. 20:6) Le nto isikhumbuza imithi eyabonwa nguHezekile emacaleni omlambo, eyayikhula iziqhamo ezityiwayo namagqabi aphilisayo. Lo mbono kaHezekile ufana nesiprofeto esabhalwa ngumpostile uYohane. (Funda iSityhilelo 22:1, 2.) Amagqabi emithi eyabonwa nguYohane “ayengawokuphilisa iintlanga.” Izinto eziza kwenziwa ngababingeleli abayi-144 000 ziza kunceda iimiliyoni zabantu abathembekileyo.

21. Ukucinga ngomlambo okumbono kaHezekile kukunceda njani, ibe yintoni enye esiza kuthetha ngayo? (Jonga ibhokisi ethi “Amanzi Aba Ngumlambo”)

21 Ngaba ukucinga ngomlambo okumbono kaHezekile akukwenzi ube noxolo nethemba? Kuseza kuba mnandi! Khawuyicinge le nto, uYehova wachaza kumawaka eminyaka eyadlulayo iziprofeto ezininzi ezisenza sibe ngathi siyayibona ukuba iza kuba njani iParadesi. Ngaba uza kuba lapho? Mhlawumbi awuqinisekanga ukuba uza kubakhona nyhani na wena eParadesi. Makhe sithethe ngendlela asiqinisekisa ngayo amazwi esivala ngawo esi siprofeto sikaHezekile.

^ isiqe. 3 Ukongezelela, amaYuda awayekhumbula ukuba lalime njani ilizwe lawo kusenokwenzeka ukuba ayesazi ukuba umlambo wawungenakusuka eYerusalem uyokungena kuLwandle Olufileyo, kuba loo nto yayiza kuthetha ukuba lo mlambo unyuka kwiindawo eziphakamileyo.

^ isiqe. 6 Abanye abantu bayibona njengento entle le nto, kuba kwakushishinwa ngayo ityiwa ekuLwandle Olufileyo. Kodwa ke, qaphela ukuba esi sibhalo sithi loo migxobhozo “ayizukuphiliswa.” Akukho nto iphilayo kuyo, kuba amanzi aphilisayo aphuma endlini kaYehova awafiki kuyo. Ngoko apha kubonakala ukuba, ukuba netyiwa kwaloo migxobhozo akuyonto intle.​—INdu. 107:33, 34; Yer. 17:6.

^ isiqe. 12 Le nto singayifanisa nomzekelo kaYesu womnatha orhuqwayo. Lo mnatha wabambisa iintlanzi ezininzi, kodwa ezinye ‘zazingafanelekanga.’ Zona zazimele zilahlwe. Ngaloo ndlela uYesu wayelumkisa ukuba abantu abaninzi entlanganweni kaYehova babeza kuphelelwa lukholo.​—Mat. 13:47-50; 2 Tim. 2:20, 21.