Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 22

“Khonza UThixo”

“Khonza UThixo”

ISITYHILELO 22:9

SIZA KUTHETHA: Ngezinto esizifunde kwincwadi kaHezekile nokuba zisebenza njani kwimihla yethu nakwixesha elizayo

1, 2. (a) Ngowuphi umbuzo esifanele sizibuze wona? (b) Yathini enye ingelosi xa uYohane wafuna ukuyikhonza?

MNTU ngamnye kuthi kufuneka azibuze lo mbuzo: Ndiza kukhonza bani? Abantu abaninzi basenokuthi ulula lo mbuzo, kuba nguThixo esifanele simkhonze. Kodwa asitsho nje ngomlomo ukuba siyamkhonza. Zizinto esizenzayo eziza kubonisa ukuba sikhonza uYehova uThixo okanye uSathana uMtyholi.

2 USathana ukufuna naphantsi kwamanzi ukukhonzwa. Loo nto yabonakala kakuhle xa wayelinga uYesu. Njengokuba iSahluko 1 sale ncwadi sibonisile, uSathana wathembisa uYesu eyona nto inkulu. Wamthembisa ukumnika onke amazwe ehlabathi ukuba awalawule. Wayefuna uYesu amenzele ntoni? Wathi kuye: ‘Qubuda kum undikhonze nje kube kanye.’ (Mat. 4:9) Ngokungafaniyo noSathana, yona ingelosi eyachazela umpostile uYohane isityhilelo zange ifune ukukhonzwa. (Funda iSityhilelo 22:8, 9.) Xa uYohane wafuna ukuyikhonza, le ngelosi yazithoba yathi: “Ungayenzi loo nto!” Endaweni yokuba ithi, ‘Khonza mna,’ yathi, “Khonza uThixo.”

3. (a) Le ncwadi yenzelwe ukusinceda senze ntoni? (b) Siza kuthetha ngantoni?

3 Le ncwadi yenzelwe ukusinceda sizimisele ngakumbi ukwenza into eyathethwa yile ngelosi, sikhonze uYehova uThixo yedwa. (Dut. 10:20; Mat. 4:10) Makhe siphinde sithethe ngezinto esizifunde kwiziprofeto nemibono kaHezekile ngendlela uYehova afuna ukukhonzwa ngayo. Emva koko, sincedwa ziZibhalo, siza kubona ukuba kuza kuba njani kwixesha elizayo xa wonke umntu emhlabeni evavanywa okokugqibela. Lolo vavanyo oluza kubonisa ukuba ngoobani abaza kubakhona xa uYehova ekhonzwa ngendlela ayifunayo ngumntu wonke.

Izinto Ezintathu Esizifunda Kwincwadi KaHezekile

4. Zeziphi izinto ezintathu esizifunda kwincwadi kaHezekile?

4 Incwadi kaHezekile isifundisa ukuba ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo kuthetha (1) ukukhonza yena yedwa, (2) simkhonze ngendlela ayifunayo simanyene, size (3) sithande abanye. Makhe sizikhumbuze ukuba zithini ezi ziprofeto nale mibono ngezi zinto zintathu.

Eyokuqala: Khonza uYehova yedwa

5-9. Yintoni esiyifundileyo ngokukhonza uYehova yedwa?

5 ISahluko 3: * Umbono kaYehova ejikelezwe ngumnyama kwaye esalathisa iikherubhi, usifundisa into ebalulekileyo yokuba nguSomandla yedwa esifanele simkhonze.​—Hez. 1:4, 15-28.

6 ISahluko 5: Kumele ukuba kwakusothusa nyhani ukubona umbono wokungcoliswa kwetempile kaYehova! Lo mbono ubonisa ukuba akukho nto angayiboniyo uYehova. Uyabona xa abantu besenza izinto angazifuniyo, njengokukhonza izithixo, nokuba bayazifihla kwabanye. Zimkhathaza kakhulu ezo zinto, ibe uyabohlwaya abo bazenzayo.​—Hez. 8:1-18.

7 ISahluko 7: Ukugwetywa kweentlanga ezazijikeleze amaSirayeli nezahlekisa ngawo, kubonisa ukuba uYehova uyabohlwaya abo baphatha kakubi abantu bakhe. (Hez. 25:6) Kodwa ikhona nenye into esiyifundayo kwindlela amaSirayeli awaphathana ngayo nezo ntlanga. Sifunda ukuba, nguYehova esimele sisoloko sithembekile kuye. Asinakwenza izinto esiyaziyo ukuba asifanelanga sizenze kuba abantu esizalana nabo bezenza, okanye sithembele kubutyebi okanye sizibone sesithobela urhulumente kunoYehova.

8 ISahluko 13 no-14: Umbono wetempile ekwintaba ephakamileyo usifundisa ukuba kufuneka simkhonze ngendlela ayifunayo uYehova, sisazi ukuba uphakame ngaphezu kwabo bonke abanye oothixo.​—Hez. 40:1–48:35.

9 ISahluko 15: Xa amaSirayeli namaYuda efaniswa nabafazi abathengisa umzimba, loo nto isikhumbuza indlela uYehova akucaphukela ngayo ukungathembeki kwabantu bakhe.​—Hez., isahl. 16, 23.

Eyesibini: Ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo simanyene

10-14. Ibethelelwe njani into yokubaluleka kokuqhubeka sikhonza uYehova simanyene?

10 ISahluko 8: Iziprofeto ezithembisa ukuba uYehova uza kuvelisa “umalusi omnye” oza kubaphatha kakuhle abantu bakhe, zibonisa ukubaluleka kokuba sisebenze simanyane kwaye sinoxolo phantsi kokhokelo lukaYesu.—Hez. 34:23, 24; 37:24-28.

11 ISahluko 9: Isiprofeto sikaHezekile sokukhululwa kwabantu bakaThixo ekuthinjweni eBhabhiloni baze babuyele kwilizwe labo, siyabanceda abo bafuna ukwenza ukuthanda kukaYehova namhlanje. Abakhonzi bakaThixo kufuneka bangabi nanto ibadibanisa nezinto ezenziwa kwiinkonzo zobuxoki. Nakuba sivela kwiinkonzo neentlanga ezahlukeneyo abanye besokola abanye beme kakuhle, kufuneka sihlale simanyene.—Hez. 11:17, 18; 12:24; Yoh. 17:20-23.

12 ISahluko 10: Ukumanyana sikubone kakuhle kumbono wokuvuswa kwamathambo omileyo. Yinyhweba enkulu ukuba phakathi kwabakhonzi bakaThixo abacociweyo nabasebenza kunye njengomkhosi.—Hez. 37:1-14.

13 ISahluko 12: Siphinde sakubona ukubaluleka kokumanyana kwisiprofeto seentonga ezimbini ezidityaniswayo zibe yintonga enye. Kukhuthaza nyhani ukusibona sisenzeka esi siprofeto kubathanjiswa kunye nezinye izimvu. Nangona sihlala kwilizwe elahlulwe ziinkonzo neepolitiki, siqhubeka simanyaniswa luthando nokuthembeka.—Hez. 37:15-23.

14 ISahluko 16: Umbono wendoda ephethe uphondo lweinki lukanobhala kunye namadoda aphethe izixhobo zokukroboza unesilumkiso esibalulekileyo. Ngabo baza kube bemkhonza ngendlela ayifunayo uYehova xa kuqala ‘ixesha lentlungu engathethekiyo’ abaza kuphawulelwa ukusinda.—Mat. 24:21; Hez. 9:1-11.

Eyesithathu: Bathande abanye

15-18. Kutheni kufuneka siqhubeke sibathanda abanye, ibe sinokuyenza njani loo nto?

15 ISahluko 4: Umbono wezidalwa eziphilayo ezine usifundise ngeempawu zikaYehova. Olona luphambili kuzo luthando. Xa sithetha size senze izinto ngothando, sibonisa ukuba uYehova nguThixo wethu.—Hez. 1:5-14; 1 Yoh. 4:8.

16 ISahluko 6 no-11: UThixo wamisela abalindi abanjengoHezekile, kuba enothando. Ekubeni eluthando, akafuni kutshabalale mntu xa ephelisa ulawulo lukaSathana emhlabeni. (2 Pet. 3:9) Sinenyhweba yokubonisa ukuba nathi sinothando njengoThixo ngokuxhasa umlindi wale mihla.—Hez. 33:1-9.

17 ISahluko 17 no-18: UYehova uyayazi ukuba abantu abaninzi abazokuyamkela inceba yakhe, ibe baza kuzama ukubulala abakhonzi bakhe. Ngenxa yokuba ebathanda abakhonzi bakhe, uza kubalwela xa “uGogi welizwe lakwaMagogi” ebahlasela. Nathi silumkisa abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ukuba uYehova uza kubatshabalalisa abo bacinezela abantu bakhe.—Hez. 38:1–39:20; 2 Tes. 1:6, 7.

18 ISahluko  19, 20, no-21: Indlela uYehova abathanda ngayo abantu ibonakala kumbono womlambo onamanzi aphilisayo nowokwabiwa komhlaba. Le mibono ichaza izinto eziza kwenzeka ngenxa yothando olwaboniswa nguYehova lokunikela ngoNyana wakhe ukuze sixolelwe izono size siphile kamnandi njengentsapho yakhe. Enye yeendlela esinokubonisa ngazo ukuba siyabathanda abantu, kukubaxelela ngekamva elihle uYehova alilungiselele abantu abanokholo kuNyana wakhe.​—Hez. 45:1-7; 47:1–48:35; ISityhi. 21:1-4; 22:17.

Into Eza Kwenzeka Emva KoLawulo Lweminyaka Eliwaka

19. Uza kwenza ntoni uYesu kuLawulo Lweminyaka Eliwaka? (Jonga ibhokisi ethi “Ukuvavanywa Okokugqibela.”)

19 KuLawulo Lweminyaka Eliwaka, uYesu uza kuvusa iibhiliyoni zabantu aze aphelise intlungu ebangelwe ‘lutshaba lwethu olukukufa.’ (1 Kor. 15:26; Marko 5:38-42; IZe. 24:15) Ukususela kwixesha lokona kuka-Adam noEva, abantu bebephila kabuhlungu. Kodwa uYesu uza kuyiphelisa loo ntlungu xa evusa abo baye basweleka, aze abanike ithuba lokuphila kamnandi emhlabeni njengaphambi kokuba uAdam noEva bone. Uza kuphelisa umonakalo owenziwe kukugula, iimfazwe, izifo nendlala. Eyona nto ibaluleke ngakumbi kukuba uza kuphelisa le nto yenza ukuba sifumane ezi ntlungu, isono esasifumana kuAdam. (Roma 5:18, 19) UYesu uza ‘kuyitshabalalisa imisebenzi kaMtyholi.’ (1 Yoh. 3:8) Kuza kwenzeka ntoni emva koko?

Abo baza kube bevusiwe baza kuba nethuba lokuphila kamnandi

20. UYesu ne-144 000 baza kubonisa njani ukuba bathobekile? Cacisa. (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

20 Funda eyoku-1  kwabaseKorinte 15:24-28. Xa bonke abantu befezekile, nomhlaba ulungiswe wayilaa Paradesi uYehova wayeyifuna kwasekuqaleni, uYesu ne-144 000 baza kubuyisela uBukumkani kuYehova bebonisa ukuba bathobekile. Ngokuzithandela, baza kuliyeka igunya ebebenalo kangangeminyaka eliwaka. Yonke into eyenziwe buBukumkani iza kuhlala ngonaphakade.

Ukuvavanywa Okokugqibela

21, 22. (a) Kuza kube kunjani emhlabeni ekupheleni kweminyaka eliwaka? (b) Kutheni uYehova eza kukhulula uSathana needemon zakhe?

21 UYehova uza kwenza into ebonisa ukuba ubathembile abantu bakhe. Uza kuyalela ukuba uSathana needemon zakhe bakhutshwe emngxunyeni ongenasiphelo ebebevalelwe kuwo kangangeminyaka eliwaka. (Funda iSityhilelo 20:1-3.) Baza kuphuma izinto zitshintshile. Kaloku ngaphambi kweArmagedon, abantu abaninzi baza kube bebelahlekiswe nguSathana kwaye bohlukaniswe bubuhlanga nokucaphukelana. (ISityhi. 12:9) Kodwa ekupheleni kweminyaka eliwaka, bonke abantu baza kube bekhonza kunye uYehova, njengentsapho ethandanayo. Umhlaba uza kuba yiParadesi enoxolo.

22 Kutheni uYehova eza kukhulula ezi zikhohlakali zinguSathana needemon zakhe? Kuba abantu abaninzi abaza kube bephila ngasekupheleni kweminyaka eliwaka, baza kube bengazange bavavanywe ukuba bathembekile na kuYehova. Abaninzi basweleka bengekamazi uYehova baza bavuselwa eParadesi. UYehova ubanike ubomi waza waqinisekisa ukuba bayazifumana zonke izinto abazidingayo. EParadesi bebehleli nabantu abalungileyo abathanda nabakhonza uYehova. USathana usenokuthi bamkhonza uThixo kuba ebakhusela kwaye ebasikelela, njengokuba wayetshilo nangoYobhi. (Yobhi 1:9, 10) Ngenxa yoko, ngaphambi kokuba uYehova awabhale ngonaphakade amagama ethu kwincwadi yobomi, uza kuqala asinike ithuba lokubonisa ukuba sithembekile kuye njengoTata noMongami wethu.​—ISityhi. 20:12, 15.

23. Loluphi ukhetho ekuza kufuneka balwenze abantu?

23 Kangangexeshana, uSathana uza kunikwa ithuba lokuzama ukuyekisa abantu ukukhonza uThixo. Uza kuyenza njani loo nto? Mntu ngamnye uza kuba kwimeko efana neka-Adam noEva, yokukhetha phakathi kokwenza izinto ngendlela kaYehova, axhase ulawulo lwakhe aze amkhonze, okanye amjikele aze axhase uSathana.

24. Kutheni abo baza kujikela uYehova bebizwa ngokuba nguGogi noMagogi?

24 Funda iSityhilelo 20:7-10. Abo baza kujikela uYehova ekupheleni koLawulo Lweminyaka Eliwaka babizwa ngokuba nguGogi noMagogi. Baza kwenza izinto ezifana neziza kwenziwa ngabantu uHezekile awaprofeta ngabo esithi baza kuhlasela abantu bakaThixo ngexesha lentlungu engathethekiyo. Elo qela labantu elibizwa ngokuba ‘nguGogi welizwe lakwaMagogi,’ liza kuba ziintlanga ezingalufuniyo ulawulo lukaYehova. (Hez. 38:2) Ngokufanayo, nabantu abaza kujikela uYehova ekupheleni koLawulo Lweminyaka Eliwaka lukaKristu, kuthiwa ‘ziintlanga.’ Ukusetyenziswa kwegama elithi “iintlanga” kubangel’ umdla. Ngoba? Kuba ngexesha loLawulo Lweminyaka Eliwaka, abantu baza kube bengohlulwa bubuhlanga, kodwa baza kube belawulwa ngurhulumente omnye, uBukumkani BukaThixo. Sonke siza kuba luhlanga olunye lwabantu bakaThixo. Xa esi siprofeto sibiza abantu abaza kumjikela uYehova ngokuthi nguGogi nomaGogi, nangokuthi ‘ziintlanga,’ sibonisa ukuba uSathana uza kukwazi ukubahlukanisa abantu bakaThixo. Akukho mntu uza kunyanzelwa ukuba akhethe icala likaSathana. Mntu ngamnye uza kuzikhethela ngokwakhe.

Abo baza kujikela uYehova babizwa ngokuba nguGogi noMagogi (Jonga isiqendu 24)

25, 26. Bangaphi abantu abaza kuthatha icala likaSathana, ibe kuza kwenzeka ntoni kubo?

25 Bangaphi abantu abaza kukhetha icala likaSathana? Inani labo “lilingana nesanti yolwandle.” Loo nto ayithethi ukuba nakanjani na baza kuba baninzi kakhulu. Siyazi njani loo nto? Khawucinge ngesithembiso esenziwa kuAbraham. UYehova wathi inzala ka-Abraham iza kuba ‘njengesanti eselunxwemeni lolwandle.’ (Gen. 22:17, 18) Kodwa inzala yakhe yaba ngabantu abayi-144 001. (Gal. 3:16, 29) Nakuba elo nani lilikhulu, lincinci gqitha xa lithelekiswa nenani labo bonke abantu. Ngokufanayo, basenokuba baninzi nabantu abaza kuthatha icala likaSathana, kodwa abazukuba baninzi kakhulu. Kwaye abasoze bakwazi ukuyekisa abanye abantu ukukhonza uYehova.

26 Abo baza kujikela uYehova baza kukhawuleza batshatyalaliswe kunye noSathana needemon zakhe, bangaze baphinde bavuswe. Zizigqibo zabo ezibi nemiphumo yazo eza kuhlala ikhunjulwa.​—ISityhi. 20:10.

27-29. Yintoni eza kufunyanwa ngabo baza kuhlala bethembekile?

27 Kwelinye icala, amagama abo baza kuhlala bethembekile aza kubhalwa ngonaphakade “encwadini yobomi.” (ISityhi. 20:15) Emva koko, bonke abantu bakaYehova baza kumkhonza ngendlela ayifunayo njengentsapho emanyeneyo.

28 Khawucinge ngelo xesha. Uza kufumana umsebenzi omnandi nabahlobo abakhuthazayo. Soze kuphinde kwenzeke izinto ezibuhlungu kuwe nentsapho yakho. Awuzukuxhomekeka ekusifeleni kukaYesu ukuze usondele kuYehova, kuba uza kube ungenasono. Wonke umntu uza kube engumhlobo kaThixo. Kwaye eyona nto ibaluleke ngakumbi, kukuba wonke umntu, ezulwini nasemhlabeni, uza kube ekhonza uYehova kakuhle. Ekugqibeleni uza kube ekhonzwa ngendlela ayifunayo.

Xa ufezekile, awuzukuxhomekeka ekusifeleni kukaYesu ukuze usondele kuYehova (Jonga isiqendu 28)

29 Ngaba uza kube ulapho ukuze uyibone le mini inkulu? Ungalapho, ukuba wenza ezi zinto zintathu sizifunde kwincwadi kaHezekile, ukukhonza uYehova yedwa, ukumkhonza ngendlela ayifunayo simanyene, nokuthanda abanye. Kukho nento yokugqibela esiyifundayo kwisiprofeto sikaHezekile. Yintoni leyo?

Khawube ngathi uyayibona indlela eza kuvuya ngayo yonke indalo kaYehova, ezulwini nasemhlabeni, xa imkhonza kunye (Jonga isiqendu 27-29)

“Bazi Ukuba NdinguYehova”

30, 31. Aza kuthetha ntoni amazwi athi “baza kutsho bazi ukuba ndinguYehova” (a) kwiintshaba zikaThixo? (b) kubantu bakaThixo?

30 Amazwi athi “baza kutsho bazi ukuba ndinguYehova” avela kaninzi kwincwadi kaHezekile. (Hez. 6:14; 39:28) Loo mazwi aza kuthetha imfazwe nokufa kwiintshaba zikaThixo. Azizukwazi nje ukuba uYehova ukhona, kodwa ziza kwazi nokuba igama lakhe lithetha ukuba “Ubangela Kubekho.” ‘UYehova wemikhosi’ uza kuba “likroti elinamandla” eliza kulwa nazo. Iza kuba sisifundo esibuhlungu eso. (1 Sam. 17:45; Eks. 15:3) Ziza kuqonda seziphelelwe lixesha ukuba usoloko eyenza into afuna yenzeke.

31 Amazwi athi “baza kutsho bazi ukuba ndinguYehova” aza kuthetha uxolo nobomi kubantu bakaThixo. Siza kuba yilaa nto uYehova wayeyifuna kwasekuqaleni, oonyana neentombi zakhe ezineempawu zakhe. (Gen. 1:26) UYehova sele enguTata osithandayo noMalusi osikhuselayo. Kungekudala uza kuba nguKumkani wethu owoyisayo. Ngaphambi kokuba loo mini ifike, masenze into eyathethwa nguHezekile. Masibonise ngezinto esizithethayo nesizenzayo yonke imihla ukuba siyamazi ukuba ungubani uYehova ibe ulindele ntoni kuthi. Ukuba senza loo nto, soze soyike xa kufika ixesha lentlungu engathethekiyo. Endaweni yaloo nto, siza kuphakamisa iintloko zethu, kuba sisazi ukuba sesiza kusindiswa. (Luka 21:28) Okwangoku, masincede bonke abantu kuyo yonke indawo, ukuba bazi baze bathande okuphela koThixo omele akhonzwe, nonelona gama liphakamileyo, uYehova.​—Hez. 28:26.

^ isiqe. 5 Izahluko ekuthethwa ngazo apha, zezale ncwadi.