Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 2

“UThixo Wazamkela Izipho” Zabo

“UThixo Wazamkela Izipho” Zabo

HEBHERE 11:4

SIZA KUTHETHA: Ngendlela ekwaqalwa ngayo ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo

1-3. (a) Yeyiphi imibuzo esinokuba nayo? (b) Zeziphi izinto ezine esiza kuthetha ngazo ezenza uThixo ayamkele indlela esimkhonza ngayo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

UABHELI ujonga igusha nganye kumhlambi wakhe. Uzikhulisile ezi gusha kwaye uyazithanda. Ngoku ukhetha aza kuzixhela, aze anikele ngazo kuThixo njengesipho. Ngaba uYehova uza kuyamkela le ndlela akhonzwa ngayo ngumntu ongafezekanga?

2 Umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba abhale athi ngoAbheli: “UThixo wazamkela izipho zakhe.” Kodwa uYehova zange awamkele umnikelo kaKayin. (Funda kumaHebhere 11:4.) Le nto isenza sibe nemibuzo. Kwakutheni ukuze uThixo ayamkele indlela awakhonzwa ngayo nguAbheli kodwa angayamkeli ekaKayin? Yintoni esinokuyifunda kumzekelo kaKayin noka-Abheli, neminye echazwe kumaHebhere isahluko 11? Iimpendulo zale mibuzo ziza kusinceda sibone ukuba singamkhonza njani uYehova ngendlela ayifunayo.

3 Njengoko sifunda ngezinto ezenzekayo ukusuka kwixesha lika-Abheli ukuya kwelikaHezekile, jonga izinto ezine ezenza ukuba uThixo ayamkele indlela esimkhonza ngayo: NguYehova omele akhonzwe, umele akhonzwe ngendlela efanelekileyo, ngendlela ayifunayo, nangenjongo entle.

Kwakutheni Ukuze Ingamkeleki Indlela Awayekhonza Ngayo UKayin?

4, 5. Yintoni eyenza uKayin waqiniseka ukuba unikela kuYehova?

4 Funda iGenesis 4:2-5. UKayin wayesazi ukuba wayemele anikele kuYehova. Wayenethuba kunye nexesha elininzi lokufunda ngaye. Inoba yena nomntakwabo uAbheli babesondele kwiminyaka eyi-100 xa babenikela ezi zipho. * Bawazi besebancinci umyezo wase-Eden, mhlawumbi bewubonela kude. Bamele ukuba babezibonile iikherubhi ezazigade ukuba kungangeni mntu kuloo myezo. (Gen. 3:24) Siqinisekile nokuba abazali babo babaxelela ukuba nguYehova owadala zonke izinto eziphilayo, kwaye indlela abantu abaphila ngayo yahlukile kwinto awayeyifuna xa wayedala. Wayengafuni baluphale baze bafe. (Gen. 1:24-28) Kusenokwenzeka ukuba kukwazi ezi zinto okwenza uKayin wafuna ukunikela kuThixo.

5 Inoba yintoni enye eyenza uKayin wanikela? Kaloku uYehova wayethe kuza kuvela ‘inzala’ engumntu eyayiza kutyumza “inyoka” eyaqhatha uEva, yaza yamenzisa into embi kakhulu. (Gen. 3:4-6, 14, 15) Mhlawumbi uKayin wayecinga ukuba uyiloo ‘nzala.’ (Gen. 4:1) Ukongezelela, uYehova zange ayeke ukuthetha nabantu abanesono, kuba nasemva kokona kuka-Adam, wathetha naye esebenzisa ingelosi. (Gen. 3:8-10) Kwaye wathetha noKayin emva kokunikela kwakhe. (Gen. 4:6) Ngokuqinisekileyo, wayesazi ukuba uYehova ukufanele ukukhonzwa.

6, 7. Ngaba umnikelo kaKayin wawungafanelekanga okanye kwakukho ingxaki ngendlela awanikela ngayo? Cacisa.

6 Kwakutheni ke ukuze uYehova angawamkeli umnikelo kaKayin? Ngaba wawungafanelekanga? IBhayibhile ayitsho. Ithi nje uKayin weza ‘neziqhamo zomhlaba.’ Ekuhambeni kwexesha, kuMthetho uYehova awawunika uMoses, wabonisa ukuba wayewamkela umnikelo onje. (Num. 15:8, 9) Cinga nangeemeko zelo xesha. Abantu babesitya izinto ezilinywayo kuphela. (Gen. 1:29) Kwakhona, ekubeni umhlaba ongaphandle kwe-Eden wawuqalekisiwe nguThixo, uKayin wawusebenzela nzima umnikelo wakhe. (Gen. 3:17-19) Wanikela ngokutya okunesondlo nakusebenzele nzima! Nangona kunjalo, uYehova akazange awamkele umnikelo kaKayin.

7 Ngaba ke kwakukho ingxaki ngendlela awanikela ngayo? Ngaba uKayin wanikela ngendlela engamkelekanga? Akubonakali njalo. Ngoba? Kuba xa uYehova engazange awamkele umnikelo kaKayin, zange ayigxeke indlela owanikelwa ngayo. Akukho nento ethethwayo ngendlela uKayin okanye uAbheli abanikela ngayo. Yayiphi ke ingxaki?

Injongo kaKayin yayingekho ntle (Jonga isiqendu 8, 9)

8, 9. (a) Kwakutheni ukuze uYehova angavuyiswa nguKayin nangumnikelo wakhe? (b) Yintoni oyiqaphelayo kwizinto iBhayibhile ezithethayo ngoKayin noAbheli?

8 Amazwi aphefumlelweyo kaPawulos akumaHebhere abonisa ukuba uKayin wayengenanjongo intle xa wayenikela. Wayengenalukholo. (Heb. 11:4; 1 Yoh. 3:11, 12) Yiloo nto uYehova engazange avuyiswe nguKayin, hayi nje umnikelo wakhe. (Gen. 4:5-8) Ekubeni uYehova enguTata onothando, wazama ukumlungisa ngobubele unyana wakhe. Kodwa uKayin zange alwamkele olo ncedo. Ngenxa yoko, wathi chatha ekubeni ‘nobutshaba, iingxabano nekhwele.’ (Gal. 5:19, 20) Intliziyo embi kaKayin yenza ukuba nezinye izinto ezintle azenzayo ukuze akhonze uThixo zingamkeleki. Umzekelo wakhe usifundisa ukuba ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo ayikokubonakala nje ukuba sizinikele kuye.

9 Ininzi into esiyifundayo ngoKayin eBhayibhileni. Sifunda izinto ezathethwa nguYehova kuye nendlela uKayin awamphendula ngayo. Siva nangamagama abantwana bakhe nangezinye izinto abazenzayo. (Gen. 4:17-24) Kodwa iBhayibhile ayitsho ukuba uAbheli wayenabantwana, ingasixeleli nangezinto awazithethayo. Kodwa izinto awazenzayo zisasinceda nanamhlanje. Njani?

UAbheli Waba Ngumzekelo Wokukhonza UYehova Ngendlela Ayifunayo

10. UAbheli waba nguwo njani umzekelo wokukhonza uYehova ngendlela ayifunayo?

10 UAbheli wayesazi ukuba nguYehova kuphela amele anikele kuye. Isipho sakhe sasifanelekile, kuba wakhetha ‘amanye kumazibulo omhlambi wakhe.’ IBhayibhile ayichazi ukuba wanikela esibingelelweni okanye akunjalo, kodwa kucacile ukuba indlela awanikela ngayo yayamkelekile. Nangona sekudlule iminyaka eyi-6 000, eyona nto isasichukumisayo nangoku ngomnikelo ka-Abheli, yinjongo yokunikela kwakhe. Wanikela kuba enokholo kuYehova, eyithanda nemithetho yakhe yobulungisa. Siyazi njani loo nto?

UAbheli wazenza zonke izinto ezine ezifunekayo ukuze umntu akhonze uYehova ngendlela ayifunayo (Jonga isiqendu 10)

11. Kwakutheni ukuze uYesu athi uAbheli lilungisa?

11 Okokuqala, cinga ngento eyathethwa nguYesu ngoAbheli. UYesu wayesezulwini xa uAbheli wayesaphila, ibe wayenomdla kulo nyana ka-Adam. (IMize. 8:22, 30, 31; Yoh. 8:58; Kol. 1:15, 16) Ngoko wayethetha ngento ayibonileyo xa wathi uAbheli yindoda elilungisa. (Mat. 23:35) Ilungisa ngumntu oyamkelayo imithetho kaYehova yokulungileyo nokubi. Kodwa akapheleli apho, ubonisa ngezinto azithethayo nazenzayo ukuba uyayithobela. (Thelekisa uLuka 1:5, 6.) Kuthath’ ixesha ukwaziwa njengelungisa. Kodwa uAbheli umele ukuba wayesele eyithobela imithetho kaYehova, kwanangaphambi kokuba anikele ngesipho kuye. Imele ukuba yayinzima loo nto. Kaloku akubonakali ngathi uKayin umntakwabo waba ngumzekelo omhle kuye, kuba wayenentliziyo embi. (1 Yoh. 3:12) Umama ka-Abheli akazange awuthobele umyalelo ocacileyo ovela kuThixo. Yena utata wakhe wajikela uYehova, efuna ukuzenzela ngokwakhe izigqibo ngento elungileyo nembi. (Gen. 2:16, 17; 3:6) Wabonisa isibindi nyhani uAbheli xa wakhetha indlela eyahlukileyo kweyabantu bakowabo!

12. Yintoni eyona nto babohluke ngayo uKayin noAbheli?

12 Kwakhona, qaphela ukuba umpostile uPawulos wathi umntu onokholo lilungisa. Wathi: “Ngenxa yokholo uAbheli wenza umbingelelo oxabiseke ngakumbi kuThixo kunokaKayin, ibe ngenxa yolo kholo wangqinelwa ukuba ulilungisa.” (Heb. 11:4) La mazwi abonisa ukuba ngokungafaniyo noKayin, uAbheli wanikela kuba ekholelwa kuYehova nakwindlela yakhe yokwenza izinto.

13. Usifundisa ntoni umzekelo ka-Abheli?

13 Umzekelo ka-Abheli usifundisa ukuba sinokumkhonza uYehova ngendlela ayifunayo kuphela xa sineenjongo ezintle, sinokholo kuye kwaye siyithobela imithetho yakhe yobulungisa. Ngaphezu koko, ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo ayikokwenza nje into enye ebonisa ukuba sizinikele kuye. Kumele kubonakale kwindlela esiphila ngayo, oko kukuthi, indlela esiziphatha ngayo.

Ookhokho Balandela Umzekelo Wakhe

14. Kwakutheni ukuze uYehova azamkele izipho ezanikelwa nguNowa, uAbraham noYakobi?

14 UAbheli ngumntu wokuqala ongafezekanga owakhonza uYehova ngendlela ayifunayo, kodwa wayengenguye owokugqibela. Umpostile uPawulos uthetha nangabanye abantu abamkhonza uYehova ngendlela ayifunayo, njengoNowa, uAbraham noYakobi. (Funda kumaHebhere 11:7, 8, 17-21.) Bonke aba khokho bakha benza imibingelelo kuYehova, ibe wazamkela izipho zabo. Ngoba? Kuba bazenza zonke izinto ekufuneka bazenze abantu ukuze bakhonze uYehova ngendlela ayifunayo. Makhe sithethe ngabo.

Siyafunda kwimibingelelo eyenziwa nguNowa (Jonga isiqendu 15, 16)

15, 16. UNowa wazenza njani izinto ezine ezifunekayo ukuze akhonze uYehova ngendlela ayifunayo?

15 UNowa wazalwa kwiminyaka eyi-126 emva kokufa kuka-Adam, kodwa abantu bexesha lakhe babesele bekhonza izithixo. * (Gen. 6:11) Kuzo zonke iintsapho ezazikho emhlabeni ngaphambi nje koMkhukula, nguye nentsapho yakhe kuphela ababekhonza uYehova ngendlela ayifunayo. (2 Pet. 2:5) Emva kokuba esindile kuMkhukula, wakha isibingelelo sokuqala ekuthethwe ngaso eBhayibhileni, waza wenza kuso imibingelelo kuYehova. Ngokwenza le mibingelelo ngentliziyo yakhe yonke, uNowa wabonisa intsapho yakhe nabo bonke abantu ababeza kuphila emva kwakhe, ukuba nguYehova kuphela omele akhonzwe. Kuzo zonke izilwanyana awayenokubingelela ngazo, wakhetha “ezinye kuzo zonke izilwanyana ezicocekileyo, nezinye kuzo zonke iintaka ezicocekileyo.” (Gen. 8:20) Le yayiyeyona minikelo ifanelekileyo, kuba uYehova wayethe ezi zilwanyana zicocekile.​—Gen. 7:2.

16 UNowa wayenza le mibingelelo itshiswayo kwisibingelelo awasakhayo. Ngaba wayamkela uYehova le ndlela yokumkhonza? Ewe. IBhayibhile ithi uYehova walithanda ivumba elimnandi laloo mibingelelo, waza wamsikelela uNowa noonyana bakhe. (Gen. 8:21; 9:1) Kodwa eyona nto yabangela ukuba uYehova awamkele umnikelo kaNowa, kukuba wawunikela ngenjongo entle. Imibingelelo yayiyenye yeendlela uNowa awabonisa ngazo ukuba wayekholelwa kuYehova nakwindlela yakhe yokwenza izinto. Ngenxa yokuba uNowa wayesoloko emthobela uYehova nemithetho yakhe, iBhayibhile ithi “wahamba noThixo wokwenene.” Ngoko waziwa ngokuba yindoda elilungisa.​—Gen. 6:9; Hez. 14:14; Heb. 11:7.

17, 18. UAbraham wazenza njani izinto ezine ezifunekayo ukuze akhonze uYehova ngendlela ayifunayo?

17 UAbraham wayehlala phakathi kwabantu ababekhonza izithixo. Kwisixeko sakokwabo iUre, kwakukho itempile yothixo wenyanga uNanna. * Notata wakhe wayekhe wazikhonza izithixo. (Yosh. 24:2) Kodwa yena wakhetha ukukhonza uYehova. Umele ukuba weva ngoThixo wokwenene kukhokho wakhe uShem, omnye woonyana bakaNowa. Kaloku uAbraham wayesele eneminyaka eyi-150 ukusweleka kukaShem.

18 Ubomi bakhe bonke, uAbraham wenza imibingelelo emininzi. Kodwa le mibingelelo wayesoloko eyenza kuYehova, oyena mntu umele akhonzwe. (Gen. 12:8; 13:18; 15:8-10) Ngaba wayekulungele ukunika uYehova umnikelo ofanelekileyo? Lo mbuzo waphenduleka kakuhle xa uAbraham walungela ukunikela ngonyana wakhe amthandayo, uIsake. Ngelo xesha, uYehova wamchazela indlela amele awenze ngayo lo mbingelelo. (Gen. 22:1, 2) Ibe wayekulungele ukuyithobela yonke loo miyalelo. Wanqandwa nguYehova ukuba angambulali unyana wakhe. (Gen. 22:9-12) UYehova wayamkela indlela awamkhonza ngayo, kuba wayeneenjongo ezintle. UPawulos wathi: “UAbraham wakholwa kuYehova kwaza kwathiwa ulilungisa.”​—Roma 4:3.

UYakobi waba ngumzekelo kwintsapho yakhe (Jonga isiqendu 19, 20)

19, 20. UYakobi wazenza njani izinto ezine ezifunekayo ukuze akhonze uYehova ngendlela ayifunayo?

19 UYakobi wahlala ixesha elininzi kwaKanan, ilizwe uYehova awayelithembise uAbraham nenzala yakhe. (Gen. 17:1, 8) Indlela ababekhonza ngayo abantu balapho yayimbi kakhulu. UYehova wade wathi ilizwe laliza “kubahlanza abemi balo.” (Lev. 18:24, 25) Xa wayeneminyaka eyi-77 wemka kwaKanan, watshata waza wabuya sele enentsapho enkulu. (Gen. 28:1, 2; 33:18) Kodwa abanye kwintsapho yakhe babekhonza izithixo. Nakuba kunjalo, xa uYehova wathi makaye eBheteli aze akhe isibingelelo, uYakobi wenza isigqibo. Wathi kwintsapho yakhe: “Basuseni oothixo basemzini abaphakathi kwenu, nizicoce.” Waza emva koko wenza loo nto wayeyithunyiwe.​—Gen. 35:1-7.

20 UYakobi wakha izibingelelo ezininzi kwiLizwe Lesithembiso, kodwa wayesoloko ekhonza uYehova kuzo, kuba wayesazi ukuba nguye omele akhonzwe. (Gen. 35:14; 46:1) Izinto ezifanelekileyo awanikela ngazo, indlela awamkhonza ngayo uThixo, nenjongo yakhe yokumkhonza, zenza ukuba ithi iBhayibhile ‘wayengenakusoleka.’ Eli gama lidla ngokusetyenziswa xa kuthethwa ngabantu abathandwayo nguThixo. (Gen. 25:27) Indlela awayezenza ngayo izinto, yaba ngumzekelo kwinzala yakhe eyaba luhlanga lakwaSirayeli.​—Gen. 35:9-12.

21. Umzekelo wookhokho ekuthethwa ngabo eBhayibhileni usifundisa ntoni ngokukhonza uYehova ngendlela ayifunayo?

21 Yintoni esinokuyifunda kumzekelo waba khokho ngokukhonza uYehova ngendlela ayifunayo? Njengabo, nathi sijikelezwe ngabantu, mhlawumbi neentsapho zethu, ezinokusenza singakwazi ukuzinikela ngokupheleleyo kuYehova. Ukuze sikwazi ukuyilwa loo nto, kufuneka sibe nokholo oluqinileyo kuYehova, size siqiniseke ukuba imithetho yakhe yobulungisa inceda thina. Sibonisa ukuba sinokholo xa simthobela, sisebenzisa ixesha, amandla kunye nezinto esinazo ukuze simkhonze. (Mat. 22:37-40; 1 Kor. 10:31) Kukhuthaza nyhani ukwazi ukuba xa simkhonza ngamandla ethu onke uYehova, ngendlela ayifunayo kwaye sineenjongo ezintle, usijonga njengamalungisa!​—Funda uYakobi 2:18-24.

Uhlanga Olwakhonza UYehova Ngendlela Ayifunayo

22-24. UMthetho wakubethelela njani ukubaluleka komntu awayemele anikele kuye amaSirayeli, ukubaluleka kokunikela ngezinto ezifanelekileyo, nendlela amele anikele ngayo?

22 UYehova wanika inzala kaYakobi uMthetho, owawuyenza iqiniseke ngezinto ekwakulindeleke ukuba izenze. Ukuba yayimthobela, yayiza kuba ‘ngabantu bakhe abakhethekileyo’ kunye ‘nesizwe esingcwele.’ (Eks. 19:5, 6) Jonga indlela uMthetho owazibonisa ngayo izinto ezine ezifunekayo ukuze umntu akhonze uYehova ngendlela ayifunayo.

23 UYehova watsho ngokucacileyo ukuba ngubani owayemele akhonzwe ngamaSirayeli. Wathi: “Uze ungabi nabanye oothixo ngaphandle kwam.” (Eks. 20:3-5) Kwakufuneka anikele ngezona zinto zifanelekileyo. Ngokomzekelo, kwakufuneka anikele ngesilwanyana esiphilileyo nesingenasiphene. (Lev. 1:3; Dut. 15:21; thelekisa noMalaki 1:6-8.) NabaLevi babefumana kwizipho ezazinikelwa kuYehova, kodwa nabo kwakufuneka benze eyabo iminikelo. ‘Kwezi zipho babezifumana, babefanele bakhethe ezona zihle’ baze banikele ngazo. (Num. 18:29) Ukuze amaSirayeli ayazi indlela awayemele akhonze ngayo, axelelwa ukuba amele anikele ngantoni, phi nokuba anikele njani kuYehova. Iyonke imithetho awayeyinikiwe nawayemele aphile ngayo yayingaphezu kwe-600. Ibe kwathiwa kuwo: “Nimele niqiniseke ukuba nenza kanye le nto uYehova uThixo wenu aniyalele yona, ningajiki niye ekunene okanye ekhohlo.”​—Dut. 5:32.

24 Ngaba yayibalulekile into yokuba amaSirayeli anikela phi? Ewe. UYehova wawayalela ukuba akhe intente engcwele, yaza yaba yindawo akhonzelwa kuyo ngendlela ayifunayo. (Eks. 40:1-3, 29, 34) Ukuba amaSirayeli ayefuna uYehova awamkele umnikelo wawo, kwakufuneka awuse kule ntente. *Dut. 12:17, 18.

25. Yintoni eyona nto yayibalulekile xa umSirayeli enikela? Cacisa.

25 Eyona nto yayibaluleke kakhulu xa umSirayeli enikela, yayiyinjongo yokunikela kwakhe! Kwakufuneka anikele kuba emthanda ngentliziyo yakhe yonke uYehova nemithetho yakhe. (Funda iDuteronomi 6:4-6.) Xa amaSirayeli ayemkhonza uYehova nje kuba kufuneka emkhonzile, wayengayamkeli imibingelelo yawo. (Isa. 1:10-13) Esebenzisa umprofeti uIsaya, uYehova wachaza ukuba akaqhathwa ngabantu abenza ngathi bazinikele kuye. Wathi: “Aba bantu . . . bandihlonipha nje ngomlomo, iintliziyo zabo zikude lee kum.”​—Isa. 29:13.

Ukukhonza Etempileni

26. Ekuqaleni yayisaziwa njani itempile eyakhiwa nguSolomon?

26 Emva kokuba amaSirayeli ehleli kwiLizwe Lesithembiso kangangeminyaka emininzi, uKumkani uSolomon wakha indawo awayeza kukhonzelwa kuyo uYehova ngendlela ayifunayo, enkulu nentle kunentente engcwele. (1 Kum. 7:51; 2 Kron. 3:1, 6, 7) Ekuqaleni, yayinguYehova yedwa ekwakunikelwa kuye kule tempile. USolomon kunye namaSirayeli babenikela ngezinto ezininzi nezifanelekileyo, kwaye benikela ngendlela echazwe kuMthetho KaThixo. (1 Kum. 8:63) Kodwa ke, yayingebobukhulu besakhiwo setempile kunye nobuninzi bezinto ezinikelwayo ezazisenza ukuba uYehova akwamkele ukukhonzwa kuyo. Eyona nto yayibalulekile yayiyinjongo yabantu ababenikela. USolomon wayibethelela loo nto xa wayenikezela itempile. Wathi: “Khonzani uYehova uThixo wethu ngentliziyo epheleleyo ngokuhamba ngemithetho yakhe nangokuthobela imiyalelo yakhe njengokuba kunjalo namhlanje.”​—1 Kum. 8:57-61.

27. Enza ntoni amaSirayeli kunye nookumkani bawo, ibe uYehova wenza ntoni?

27 Okubuhlungu kukuba, amaSirayeli ayeka ukwenza oko ayekucetyiswe ngulo kumkani ulumkileyo. Zange amkhonze uYehova ngendlela ayifunayo. AmaSirayeli kunye nookumkani bawo bavumela iintliziyo zabo zonakala, bayeka ukuba nokholo kuYehova baza abaphila ngemithetho yakhe yobulungisa. Ngenxa yokuba ebathanda, uYehova wayeman’ ethumela abaprofeti ukuze babancede, nokuze babalumkise ngezinto ezaziza kwenzeka ukuba abaguquki. (Yer. 7:13-15, 23-26) Omnye wabo baprofeti yayiyindoda ethembekileyo uHezekile. Wayephila ngexesha elibaluleke kakhulu.

UHezekile Ubona Abantu Beyeka Ukukhonza UYehova Ngendlela Ayifunayo

28, 29. Yintoni esiyaziyo ngoHezekile? (Jonga ibhokisi ethi “UHezekile​—Ubomi Bakhe Nexesha Awayephila Ngalo.”)

28 UHezekile wayeyazi kakuhle indlela ekwakukhonzwa ngayo kwitempile eyayakhiwe nguSolomon. Utata wakhe wayengumbingeleli, ibe kusenokwenzeka ukuba wayekhe wakhonza kule tempile. (Hez. 1:3) UHezekile umele ukuba ukhule onwabile. Ngokuqinisekileyo utata wakhe wamfundisa ngoYehova nangoMthetho. Kaloku wazalwa ngexesha ekwafunyanwa ngalo “incwadi yoMthetho” etempileni. * UKumkani uYosiya owayelawula ngelo xesha wayelungile, kwaye into awayiva kule ncwadi yamchukumisa kakhulu, waza wazama ngakumbi ukwenza ukuba uYehova akhonzwe ngendlela ayifunayo.​—2 Kum. 22:8-13.

Ngokuqinisekileyo utata kaHezekile wamfundisa ngoYehova nangoMthetho (Jonga isiqendu 28)

29 Njengamadoda athembekileyo awayephila ngaphambi kwakhe, uHezekile wazenza izinto ezine ezifunekayo ukuze umntu amkhonze kakuhle uYehova. Xa sifunda incwadi kaHezekile siva ukuba wakhonza uYehova kuphela, ibe wayesoloko emsebenzela ngamandla akhe onke. Wayemthobela kuyo yonke into awayesithi makayenze, ibe eyenza ngendlela athe makayenze ngayo. UHezekile wayenza yonke le nto kuba enokholo, engafani nabantu abaninzi awayephila nabo. Wakhula emamela iziprofeto zikaYeremiya, owaqala ukuprofeta ngo-647 B.C.E. elumkisa abantu ngomgwebo kaYehova ozayo.

30. (a) Iziprofeto ezibhalwe nguHezekile zisibonisa ntoni? (b) Yintoni isiprofeto, ibe zenzeka njani iziprofeto zikaHezekile? (Jonga ibhokisi ethi “Ukuzazi Kakuhle Iziprofeto ZikaHezekile.”)

30 Izinto ezabhalwa nguHezekile zibonisa indlela abantu bakaThixo ababemlahle ngayo. (Funda uHezekile 8:6.) Xa uYehova waqala ukohlwaya uYuda, uHezekile wayephakathi kwabantu abathinjelwa eBhabhiloni. (2 Kum. 24:11-17) Nakuba wayethinjiwe, uHezekile wayengohlwaywanga. UYehova wayembekele umsebenzi ekwakufuneka awenze kubantu bakhe abathinjiweyo. Imibono neziprofeto ezibhalwe nguHezekile zibonisa indlela uYehova awayeza kuphinda akhonzwe ngayo ngendlela ayifunayo eYerusalem, nangabo bonke abo bamthandayo.

31. Le ncwadi iza kusinceda ngantoni?

31 Kumacandelo alandelayo ale ncwadi, siza kukhe sive kancinci ngoko kwenzeka emazulwini, sibone nendlela ekwayekwa ngayo ukumkhonza kakuhle uYehova. Siza kufunda nangendlela uYehova awabanceda ngayo abantu bakhe ukuba baphinde bamkhonze kakuhle nendlela awabakhusela ngayo, ibe siza kuva ukuba kuza kuba njani kwixesha elizayo xa wonke umntu ekhonza uYehova. Kwisahluko esilandelayo, siza kufunda ngombono wokuqala uHezekile awabhala ngawo. Uza kusinceda sibe nombono wenxalenye esemazulwini yentlangano kaYehova kunye nobukhulu bakhe. Loo nto ibonisa ukuba nguye yedwa ofanele akhonzwe kanye ngendlela ayifunayo.

^ isiqe. 4 Kusenokwenzeka ukuba uEva wakhulelwa uAbheli emva kwexeshana begxothwe e-Eden. (Gen. 4:​1, 2) IGenesis 4:​25 ithi uThixo wabanika uSete “endaweni ka-Abheli.” UAdam wayena-130 ukuzalwa kukaSete, emva kokubulawa kabuhlungu kukaAbheli. (Gen. 5:3) Ngoko inoba uAbheli wayeneminyaka emalunga ne-100 xa wabulawa nguKayin.

^ isiqe. 15 IGenesis 4:​26 ithi ngexesha likaEnoshi, umzukulwana ka-Adam, ‘abantu baqalisa ukubiza egameni likaYehova.’ Kodwa ke babengalibizi kuba belihlonipha, kusenokwenzeka ukuba babelidibanisa nezithixo.

^ isiqe. 17 UNanna osisithixo wayekwabizwa ngokuba nguSin. Nakuba abantu baseUre babekhonza oothixo abaliqela, itempile kunye nezibingelelo ezazikuloo dolophu zazinikelwe kuye.

^ isiqe. 24 Emva kokumka kweTyeya kwitempile engcwele, kubonakala ukuba uYehova wayamkela nemibingelelo enikelwa kwezinye iindawo.​—1 Sam. 4:​3, 11; 7:​7-9; 10:8; 11:​14, 15; 16:​4, 5; 1 Kron. 21:​26-30.

^ isiqe. 28 Kubonakala ukuba uHezekile waqala ukuprofeta ngo-613 B.C.E., eneminyaka eyi-30. Kucaca ukuba wazalwa ngo-643 B.C.E. (Hez. 1:1) UYosiya waqala ukulawula ngo-659 B.C.E., ibe incwadi yoMthetho yafunyanwa xa wayeneminyaka eyi-18 elawula okanye malunga no-642-​641 B.C.E.