Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 1

Intshayelelo Mayibangele Umdla

Intshayelelo Mayibangele Umdla

IZenzo 17:22

INTO OMELE UYENZE: Indlela oyiqala ngayo incoko okanye intetho ifanele ibenze babe nomdla abantu abakumameleyo. Wenze ucace umxholo uze ubabonise ukuba kutheni bemele babe nomdla kuwo.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Benze babe nomdla. Khetha umbuzo, into ekhe yenzeka, into esezindabeni okanye nantoni na enokubenza babe nomdla abantu abakumameleyo.

  • Wenze ucace umxholo. Qiniseka ukuba intshayelelo yakho iwenza ucace umxholo neyona nto ubafundisa yona abantu abakumameleyo.

  • Cacisa ukuba kutheni ubalulekile umxholo. Yenze icace indlela umxholo onokubanceda ngayo abantu abakumameleyo.