Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 10

Tshintsha Ilizwi

Tshintsha Ilizwi

IMizekeliso 8:4, 7

INTO OMELE UYENZE: Ukuze abantu abakumameleyo bazive izinto ezibalulekileyo obafundisa zona, tshintsha-tshintsha ilizwi ulinyuse, ulihlise okanye ucothe.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Lazi ixesha lokunyusa ilizwi. Thetha uvakale xa uthetha ngezinto ezibalulekileyo naxa ukhuthaza abantu abakumameleyo. Yenza njalo naxa ufunda isibhalo esifuna abantu abakumameleyo benze isigqibo. Lihlise ilizwi xa ufuna babe nomdla kule nto uyithethayo okanye ukuveza uloyiko nexhala.

  • Tshintsha ilizwi lakho. Ukuba loo nto iyafaneleka, khwaza xa ufuna ukuba nehlombe naxa ubonisa ubukhulu bento okanye umgama. Lithobe ilizwi lakho xa uthetha ngentlungu okanye ngexhala.

  • Tshintsha isantya othetha ngaso. Thetha ngokukhawuleza xa uthetha ngento evuyisayo. Sukukhawulezisa xa uthetha ngezinto ezibalulekileyo.