Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 13

Zicacise Kakuhle Izinto Ozifundisayo

Zicacise Kakuhle Izinto Ozifundisayo

IMizekeliso 3:21

INTO OMELE UYENZE: Nceda abantu abakumameleyo baqonde ukuba le nto uyifundisayo inokubanceda njani, uze ubabonise ukuba bamele benze ntoni ngento abayifundileyo.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Cinga ngabantu abaza kukumamela. Cinga ngokuba kutheni abantu abakumameleyo kufuneka bayive le nto uyithethayo, uze ucinge ngezona zinto ziza kubanceda.

  • Bonisa abantu abakumameleyo into abamele bayenze. Uqala nje ukuthetha, mntu ngamnye kufuneka aqonde ukuba iza kumnceda le nto uyithethayo. Njengoko uqhubeka uthetha, babonise into abamele bayenze. Sukugwegweleza, ngqala.