Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 14

Mazicace Ezona Mfundiso Zibalulekileyo Zentetho Yakho

Mazicace Ezona Mfundiso Zibalulekileyo Zentetho Yakho

Hebhere 8:1

INTO OMELE UYENZE: Nceda abantu abakumameleyo bahambisane nawe xa unikela intetho, uze wenze kucace ukuba imfundiso nganye ephambili kwintetho yakho idibana njani nesizathu sentetho kunye nomxholo.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Intetho yakho mayibe nenjongo ecacileyo. Zibuze enoba injongo yentetho yakho kukuchaza nje, kukunceda abantu abakumameleyo bakholelwe into ethile okanye kukubakhuthaza na, uze uyilungiselele ngaloo ndlela. Qiniseka ukuba zonke izinto eziphambili oza kuthetha ngazo ziyadibana naloo njongo.

  • Wubethelele umxholo wentetho yakho. Njengoko uyinikela, sebenzisa amagama athile akumxholo okanye izithetha nto-nye ukuze uwubethelele.

  • Iimfundiso eziphambili zentetho yakho mazicace kwaye uzifundise ngendlela elula. Khetha iimfundiso eziphambili ezidibana nomxholo nonokukwazi ukuzifundisa kakuhle ngexesha olinikiweyo. Khetha izinto ezimbalwa ezibalulekileyo kwintetho, ucacise ibe nye ngexesha, ukhe ume kancinci ngaphambi kokuba udlulele kwenye, uze uqiniseke ukuba ziyadibana.