Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 15

Makucace Ukuba Uyayikholelwa Le Nto Uyithethayo

Makucace Ukuba Uyayikholelwa Le Nto Uyithethayo

1 Tesalonika 1:5

INTO OMELE UYENZE: Makucace ukuba uyayikholelwa le nto uyifundisayo ibe ibalulekile.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Lungiselela kakuhle. Yilungiselele kakuhle into oza kuyithetha de uzazi iimfundiso ezibalulekileyo ezikuyo nendlela iBhayibhile ezicacisa ngayo. Zama ukuchaza ezo mfundiso ngamazwi nje ambalwa nalula. Cinga ngendlela ebaluleke ngayo le nto uza kuyithetha. Thandazela umoya oyingcwele.

  • Sebenzisa amagama abonisa ukuba uqinisekile ngale nto uyithethayo. Sukufunda nje le nto ibhalwe yintlangano, kodwa sebenzisa awakho amazwi. Khetha amazwi abonisa ukuba uqinisekile ngale nto uyithethayo.

  • Bonakala ukuba uyayikholelwa le nto uyithethayo. Thetha ngelizwi elivakalayo. Bajonge emehlweni abantu ukuba loo nto asiyongxaki.