Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 16

Khuthaza, Ungagxeki

Khuthaza, Ungagxeki

Yobhi 16:5

INTO OMELE UYENZE: Thetha ngendlela ezinokulungiswa ngayo iingxaki uze ubakhuthaze abantu othetha nabo.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Sukubajongela phantsi abantu. Bathembe abazalwana ukuba nabo bayamthanda uYehova. Naxa sekufuneka ululekile, qal’ uncome ngokusuka entliziyweni nanini na kunokwenzeka.

  • Sukuthetha kakhulu ngezinto ezimbi. Thetha ngezinto ezimbi xa ziza kunceda nyhani. Kodwa ke kuyo yonke loo nto, thetha kakuhle.

  • Sebenzisa iLizwi LikaThixo. Thetha ngezinto uYehova azenzele abantu, azenzayo naseza kuzenza. Bakhuthaze uze ubenze babe nesibindi abantu abakumameleyo.