ISIFUNDO 18
Bashiye Benento Abayifundileyo Abantu
1 Korinte 9:19-23
INTO OMELE UYENZE: Yenza abantu abakumameleyo bacinge uze ubashiye benento abayifundileyo.
INDLELA YOKUYENZA LE NTO:
-
Cinga ngezinto abasele bezazi abantu. Kunokuba ubafundise into abasele beyazi, bafundise into entsha.
-
Phanda uze ucingisise. Ukuba kunokwenzeka, yongeza nezinto abangazaziyo abantu okanye into esandul’ ukwenzeka ukuze into oyifundisayo icace. Cinga nzulu ngendlela loo nto uyiphandileyo edibana ngayo nale uza kuyifundisa.
-
Babonise indlela enokubanceda ngayo. Babonise indlela abanokuzisebenzisa ngazo iZibhalo ozifundileyo kubomi babo. Thetha ngeemeko, ngendlela yokucinga nezinto ezenziwayo ngabantu, abazaziyo abantu abakumameleyo.