Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 19

Fikelela Intliziyo

Fikelela Intliziyo

IMizekeliso 3:1

INTO OMELE UYENZE: Bancede abantu abakumameleyo bayiqonde indlela ebaluleke ngayo le nto uyithethayo, baze bayenze.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Nceda abantu abakumameleyo bazihlole. Buza imibuzo eza kubenza bacinge ngeemeko zabo.

  • Bakhuthaze. Benze babone ukuba kutheni besenza izinto ezintle. Bancede ukuba bamthande nyhani uYehova, abantu neemfundiso zeBhayibhile. Bancede babone ubulumko obukwiimfundiso zeBhayibhile, kodwa ungabagxeki. Kunokuba ubenze bazive benetyala bakhuthaze uze ubenze bazimisele nangakumbi.

  • Zukisa uYehova. Bonisa indlela iimfundiso zeBhayibhile, imigaqo, nemithetho yayo ebonisa ngayo ukuba uThixo unjani, nendlela asithanda ngayo. Bancede bamthande uYehova baze bafune ukumthobela.