Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 2

Ncokola

Ncokola

2 Korinte 2:17

INTO OMELE UYENZE: Thetha ngendlela oqhele ukuthetha ngayo nendlela eyenza abantu abakumameleyo bayiqonde indlela ovakalelwa ngayo ngale nto uyithethayo.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Thandaza uze ulungiselele kakuhle. Mcele uYehova akuncede ungacingi ngawe, kodwa ucinge ngale nto uza kuyifundisa. Cinga ngezinto ezibalulekileyo ekufuneka uzithethile. Thetha ngamazwi akho, kunokuwabiza ngendlela abhalwe ngayo amagama.

  • Mayisuke entliziyweni into oyithethayo. Cinga ukuba kutheni ibalulekile le nto kubantu abakumameleyo. Cinga ngabo. Indlela omi ngayo nendlela ozisebenzisa ngayo izandla, iingalo nobuso bakho iza kubonisa ukuba into oyithethayo isuka entliziyweni.

  • Bajonge abantu obafundisayo. Bajonge emehlweni ukuba loo nto ayizukubakhubekisa. Xa unikela intetho, jonga umntu abe mnye ngexesha kunokugqithisa nje amehlo kubo bonke.