ISIFUNDO 3
Buza Imibuzo
Mateyu 16:13-16
INTO OMELE UYENZE: Buza imibuzo eza kwenza abantu babe nomdla. Benze bacinge, baze bayibambe into oyifundisayo.
INDLELA YOKUYENZA LE NTO:
-
Benze bahlale benomdla. Buza imibuzo ebenza bacinge okanye babe nomdla wokwazi.
-
Cacisa. Nceda abantu abakumameleyo bayilandele kakuhle le nto uthetha ngayo baze bazibonele ngokwabo ukuba injalo.
-
Bethelela ezona zinto zibalulekileyo. Buza umbuzo oza kuveza loo nto ufuna bayikhumbule. Xa ugqiba kuthetha ngento ebalulekileyo okanye xa ugqiba intetho yakho, buza imibuzo.