Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 4

Zitshayelele kakuhle iZibhalo

Zitshayelele kakuhle iZibhalo

Mateyu 22:41-45

INTO OMELE UYENZE: Yenza abantu bafune ukusimamela isibhalo oza kusifunda.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Cinga ngokuba kutheni ufuna ukufunda eso sibhalo. Ngaphambi kokuba ufunde isibhalo, thetha ngaso ngendlela eza kwenza abantu bayazi eyona nto ufuna bayifunde kuso.

  • Yenze ibaluleke iBhayibhile. Xa uthetha ngeBhayibhile yibize ngokuba liLizwi LikaThixo, ukuba uthetha nabantu abakholelwayo kuThixo, ukuze bazi ukuba ubafundisa izinto ezisuka kuye.

  • Benze babe nomdla wokuva eso sibhalo. Buza umbuzo oza kuphendulwa seso sibhalo, bonisa ingxaki elungiswa seso sibhalo okanye uthethe ngomgaqo ocaciswa seso sibhalo.