Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 6

Sicacise Ukuba Singena Njani Isibhalo

Sicacise Ukuba Singena Njani Isibhalo

Yohane 10:33-36

INTO OMELE UYENZE: Sukusifunda nje isibhalo uze ugqithe. Zama ukuba babone sidibana njani nento obafundisa yona.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Khetha amagama abalulekileyo. Emva kokuba ufunde isibhalo, phinda ubuyele kumagama adibana nale nto uyifundisayo. Usenokuwaphinda-phinda loo magama, okanye ubuze umbuzo oza kunceda abantu bawabone ngokwabo.

  • Yiphinde into ofuna bayikhumbule. Ukuba uqale wasichaza isizathu sokuba ufunde isibhalo ngaphambi kokuba usifunde, ufanele ucacise ukuba amagama abalulekileyo akweso sibhalo adibana njani naloo nto ubuyithethile.

  • Sicacise lula isibhalo ukuba singena njani kwinto oyifundisayo. Sukuthetha izinto ezininzi ezingadibaniyo nale nto uyifundisayo. Cinga ngezinto abazaziyo abantu ngaloo nto uyifundisayo, uze ukhethe ukuba zingaphi izinto onokuzithetha ukuze ubenze bacacelwe.