Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 7

Fundisa Into Eyinyani

Fundisa Into Eyinyani

Luka 1:3

INTO OMELE UYENZE: Phanda uze usebenzise into eyinyani ukuze uncede abantu abakumameleyo.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Phanda kakuhle. Le nto uyithethayo mayisuke kwiLizwi LikaThixo, ufunde ngqo kulo ukuba kunokwenzeka. Ukuba uza kuthetha ngesayensi, into ibikwiindaba, amava omntu okanye nantoni na efuna ukuphandwa, qiniseka ukuba injalo nyhani ibe isasebenziseka.

  • Yisebenzise kakuhle le nto uyiphandileyo. Cacisa isibhalo ngale ndlela siyiyo, sidibane nento ethethwa yiBhayibhile ‘nalikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’. (Mat. 24:45) Ukuba le nto uyithethayo ayisuki eBhayibhileni, qiniseka ukuba ichanile ibe uyithetha ngale ndlela umbhali wayo ayithethe ngayo.

  • Yicacise le nto uyiphandileyo. Emva kokuba ufunde iBhayibhile okanye uthethe ngento oyiphandileyo, buza imibuzo okanye wenze umzekelo ukuze uncede abantu abakumameleyo bayiqonde le nto uthetha ngayo.