Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

‘Nifanele nibe ngabafundisi.’ (Heb. 5:12) Khawucinge nje, uYehova, oyena mfundisi ubodlula bonke, uthi masifundise abantu ngaye! Ukuthunywa nguYehova ukuba sifundise iintsapho zethu, ibandla kunye nabantu abasentsimini ngaye, kuyinyhweba yaye ngumsebenzi obaluleke kakhulu. Singayenza njani loo nto?

Impendulo ikumazwi umpostile uPawulos awawabhalela uTimoti, athi: ‘Qhubeka uzimisela xa ufunda phambi kwabantu, xa ukhuthaza naxa ufundisa, ndide ndifike.’ Waphinda wathi: “Ngokwenza oko uya kuzisindisa wena nabo bakuphulaphulayo.” (1 Tim. 4: 13, 16) Uthunywe umyalezo osindisa ubomi. Yiyo loo nto kubalulekile ukuba uzimisele ukuphucula indlela ofunda nofundisa ngayo. Le ncwadi iza kukunceda wenze kanye loo nto. Nazi ezinye izinto ezimbalwa ezikuyo:

Kwiphepha ngalinye kukho isibhalo esidibana nesifundo ekuthethwa ngaso okanye umzekelo odibana naso.

UYehova ‘ngumYaleli Ozukileyo.’ (Isa. 30:20) Nangona le ncwadi iza kukunceda ube ngumfundi nomfundisi ophum’ izandla, ungaze ulibale ukuba umyalezo esiwufundisayo usuka kuYehova ibe nguye otsala abantu. (Yoh. 6:44) Wuthandazele qho umoya oyingcwele. Lisebenzise qho iLizwi LikaThixo. Sukuzitsalela amehlo kodwa yenza abantu bamamele uYehova. Bancede abantu abakumameleyo bamthande nyhani.

Uthunywe ukuba uxelele abantu owona myalezo ubalulekileyo. Siqinisekile ukuba xa uthembele ‘kumandla owanikwa nguThixo,’ uza kuphumelela.—1 Pet. 4:11.

Abafundisa kunye nani,

IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova