ICANDELO 6 • IZENZO 15:36–18:22
“Ngoku Makhe Sibuyele Kubazalwana”
Yiyiphi indima ebalulekileyo ephunyezwa ngabaveleli besiphaluka kwibandla lamaKristu? Ziziphi iintsikelelo esizifumanayo xa sisamkela izabelo zobuthixo ngeentliziyo ezipheleleyo? Yintoni esinokuyenza ukuze sikwazi ukuqiqa kakuhle ngeZibhalo, ibe kutheni simele sivisisanise iimeko zethu nezo zabantu esithetha nabo? Iimpendulo zale mibuzo kwaneminye siza kuzifumana njengoko sipheleka umpostile uPawulos kuhambo lwakhe lwesibini njengomthunywa wevangeli.