Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Isalathiso Semifanekiso

Isalathiso Semifanekiso

Ngokwamaphepha efumaneka kuwo

  • Imifanekiso Eseluqweqweni UPawulos, uTabhitha, uGaliyo, uLuka, igosa letempile nabapostile, umSadusi, uPawulos esisiwa eKesareya, nendlela yale mihla yokushumayela kusetyenziswa imoto enesandisi-lizwi negramafoni.

  • Iphepha 1 UPawulos, obotshwe ngamatsheyini, noLuka bakhwele kwisikhephe esithwala impahla esiya eRoma.

  • Iphepha 2, 3 UMzalwan’ uJ. E. Barr noT. Jaracz beQumrhu Elilawulayo phambi kwimaphu yomhlaba wonke.

  • Iphepha 11 UYesu uthuma abapostile abathembekileyo abayi-11 kunye nabanye abalandeli bakhe bekwintaba yaseGalili.

  • Iphepha 14 UYesu unyukela esibhakabhakeni. Abapostile bamjongile njengoko enyuka.

  • Iphepha 20 NgePentekoste, abafundi baqalisa ukuthetha neendwendwe ezikhoyo ngeelwimi zazo.

  • Iphepha 36 Abapostile phambi kukaKayafa olugcwabevu ngumsindo. Amagosa asetempileni ayalelwa yiSanhedrin ukuba avalele abantu.

  • Iphepha 44 Ezantsi: Emva kweMfazwe Yehlabathi II, inkundla yaseMpuma Jamani yabamba amaNgqina kaYehova ngokungekho semthethweni iwatyhola ngokuthi ziintlola zaseMerika.​—Periodical Neue Berliner Illustrierte, October 3, 1950.

  • Iphepha 46 UStefano ubekwa izityholo phambi kweSanhedrin. Ngasemva zizinhanha zabaSadusi, ngaphambili ngabaFarisi abangqongqo ngendlela ebaxekileyo.

  • Iphepha 54 UUPetros ubeka izandla zakhe phezu komfundi omtsha; uSimon uphethe ingxowa yemali.

  • Iphepha 75 UPetros nabo bahamba naye bangena kwikhaya likaKorneli. UKorneli uthe wambu isivatho esikhethekileyo esingenamikhono kwigxalaba lakhe lasekhohlo esibonisa ukuba ungumphathi wamajoni amalunga nayi-100.

  • Iphepha 83 UPetros ukhokelwa yingelosi; iNqaba yase-Antoniya imele ukuba yindawo awayevalelwe kuyo uPetros.

  • Iphepha 84 Ezantsi: Ihlokondiba elinobundlobongela kufuphi naseMontreal, eQuebec, ngo-1945.​—IPeriodical Weekend Magazine, July 1956.

  • Iphepha 91 UPawulos noBharnabhas bayagxothwa kwa-Antiyokwe yasePisidiya. Ngasemva phaya ngumsele omtsha ohambisa amanzi esixeko, osenokuba wakhiwa ekuqaleni kweminyaka yoo-C.E.

  • Iphepha 94 UPawulos noBharnabhas bayala ukunqulwa eListra. Amadini asesidlangalaleni ayedla ngokuba nobuyokoyoko nengxokozelo ekhatshwa ngumculo.

  • Iphepha 100 Phezulu: USilas noYudas bakhuthaza ibandla lakwa-Antiyokwe yaseSiriya. (IZenzo 15:30-32) Ezantsi: Umveleli wesiphaluka uthetha nebandla laseUganda.

  • Iphepha 107 Ibandla laseYerusalem lihlanganisana kwikhaya lomntu.

  • Iphepha 124 Umfanekiso kaPawulos noTimoti bekhwele kwinqanawa yabarhwebi yaseRoma. Inqaba enesibane sokukhanyisela iinqanawa ibonakala mgama.

  • Iphepha 139 Umfanekiso kaPawulos noSilas bephuma kwigeyithi yeyadi ebiyelweyo, bebaleka abantu abavuthayo ngumsindo.

  • Iphepha 155 UGaliyo ugxeka abantu abatyhola uPawulos. Unxibe iimpahla ezifanele isikhundla sakhe: isambatho esimhlophe esinombala opepuli necalcei, uhlobo oluthile lwesihlangu.

  • Iphepha 158 UDemetriyo uthetha nabakhandi besilivere abasebenza kwivenkile ese-Efese. Iitempile zesilivere zika-Artemis zithengiswa njengezinto ezisisikhumbuzo.

  • Iphepha 171 UPawulos noogxa bakhe bakhwela inqanawa. Ngasemva phayaa kubonakala iLitye Lesikhumbuzo Lezibuko Elikhulu, elakhiwa kwiminyaka esemva ko-100 B.C.E.

  • Iphepha 180 Ezantsi: Ngoo-1940 xa umthetho wawusithi azivumelekanga iincwadi zethu eKhanada, iNgqina eliselula lithubelezisa iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni. (Umboniso)

  • Iphepha 182 UPawulos uyayekelela ethobela isicelo sabadala. ULuka noTimoti bahleli ngasemva, bencedisa ekuhambiseni iminikelo.

  • Iphepha 190 Umtshana kaPawulos uthetha noKlawudiyo Lisiya kwiNqaba yaseAntoniya, ekusenokwenzeka ukuba yiloo ndawo wayevalelwe kuyo uPawulos. Ngasemva kubonakala itempile eyakhiwa nguHerode.

  • Iphepha 206 UPawulos uthandazela abahambi ngenqanawa abaphele tu kukudinwa kwinqanawa yemithwalo.

  • Iphepha 222 UPawulos olibanjwa, obotshelelwe kwijoni laseRoma ngetsheyini, ubuka indawo evelileyo yesixeko saseRoma.