Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 108

Uliwisa Phantsi Icebo Lokumbambisa

Uliwisa Phantsi Icebo Lokumbambisa

MATEYU 22:15-40 MARKO 12:13-34 LUKA 20:20-40

  • IZINTO ZIKAKESARE KUKESARE

  • KUZA KUTSHATWA ELUVUKWENI?

  • EYONA MITHETHO MIKHULU

Iintshaba zikaYesu zicaphukile. Usandokwenza umzekelo obonisa indlela ezingalunganga ngayo. Ngoku abaFarisi baceba ukumbambisa. Bazama ukumenza athethe into eza kumenza anikelwe kumlawuli wamaRoma, ngenxa yaloo nto babhatala abanye babafundi babo ukuba bamlinge.​—Luka 6:7.

Bathi: “Mfundisi, siyazi ukuba uthetha inyani, ibe awukhethi buso, kodwa ufundisa inyani ngoThixo: Kusemthethweni na ukubhatala irhafu kuKesare?” (Luka 20:21, 22) UYesu akaqhathwa kukumncoma kwabo kuba uyayazi ukuba abamncomi nyhani. Ukuba uthi ‘Hayi akulunganga ukubhatala irhafu,’ usenokutyholwa ngokwenza abantu bajikele urhulumente wamaRoma. Kodwa ukuba uthi, ‘Ewe, mayibhatalwe irhafu’ abantu abangafuni ukulawulwa ngamaRoma basenokungayiqondi into ayithethayo baze bamjikele. Uza kuphendula athini?

Uthi: “Kutheni nindilinga nje, bahanahanisindini? Ndiboniseni imali ekurhafwa ngayo.” Bamphathela idenariyo, aze ababuze athi: “Ngokabani lo mfanekiso nalo mbhalo?” Bathi: “NgokaKesare.” Uthi kubo: “Ngoko ke, buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.”​—Mateyu 22:18-21.

Impendulo kaYesu ibatsho bangabi nanto yokuthetha baze bahambe. Kodwa imini ayikapheli, ibe nabo abakancami. Emva kokuba icebo labaFarisi liwe phantsi, kuza elinye iqela lenkonzo.

AbaSadusi abathi akukho luvuko, bambuza ngovuko, nangokutshata umfazi womntakwenu oswelekileyo. Bathi: “Mfundisi, uMoses wathi: ‘Ukuba umntu ufa engenabantwana, umntakwabo umele atshate umfazi wakhe aze azalele umntakwabo abantwana.’ Kwakukho phakathi kwethu abantwana bomntu omnye abasixhenxe. Owokuqala watshata, wasweleka engenabantwana, umfazi wakhe watshatwa ngumntakwabo. Kwenzeka loo nto nakowesibini nakowesithathu, ukuya kutsho kowesixhenxe. Ekugqibeleni, naloo mfazi wasweleka. Uza kuba ngumfazi kabani ke kwaba basixhenxe xa kuvuswa abafileyo? Kuba wayengumfazi wabo bonke.”​—Mateyu 22:24-28.

UYesu ubaphendula ngezinto ezibhalwe nguMoses abazamkelayo abaSadusi. Uthi: “Niphazama kuba ningazazi kakuhle iZibhalo namandla kaThixo. Kuba xa bevuswa ekufeni, amadoda awazukutshata nabafazi abazukutshatiswa, kodwa baza kuba njengeengelosi ezisemazulwini. Anizange nifunde na ngokuvuswa kwabafileyo kwincwadi kaMoses ethetha ngetyholo elinameva, ukuba uThixo wathi kuye: ‘NdinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake noThixo kaYakobi’? AkangoThixo wabafileyo, kodwa ngowabaphilayo. Nenza impazamo enkulu.” (Marko 12:24-27; Eksodus 3:1-6) Le ndlela aphendule ngayo iyabamangalisa abantu abamameleyo.

UYesu ubaval’ umlomo abaFarisi nabaSadusi, ibe ngoku ezi nkokheli zingamfuniyo ziyaphinda zizokumlinga. Omnye wababhali uthi kuye: “Mfundisi, nguwuphi owona myalelo ubalulekileyo eMthethweni?”​—Mateyu 22:36.

UYesu umphendula athi: “Owokuqala uthi, ‘Mamela Sirayeli, uYehova uThixo wethu nguYehova mnye, ibe umele umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, ngomphefumlo wakho wonke, ngengqondo yakho yonke nangamandla akho onke.’ Owesibini uthi, ‘Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.’ Awukho omnye umyalelo omkhulu kunale.”​—Marko 12:29-31.

Xa esiva indlela aphendulwe ngayo, lo mbhali uthi: “Mfundisi, uthetha kamnandi, ibe uthetha inyaniso, ‘uThixo mnye, ibe akekho omnye ngaphandle kwakhe’; ibe ukumthanda ngentliziyo yakho yonke, ngengqondo yakho yonke, nangamandla akho onke, nokuthanda ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe, kubaluleke kakhulu kunayo yonke iminikelo etshiswa ngokupheleleyo nemibingelelo.” UYesu uyabona ukuba lo mbhali uphendule ngobulumko aze athi kuye: “Awukudanga eBukumkanini bukaThixo.”​—Marko 12:32-34.

UYesu ebefundisa etempileni iintsuku ezintathu (ngoNisan 9, 10 no-11). Abanye abantu njengalo mbhali baye bakuvuyela ukummamela. Ngaphandle kweenkokheli zenkonzo yamaYuda ‘ezingenasibindi sokuphinda zimbuze.’