Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 127

UYesu Usiwa KuPilato

UYesu Usiwa KuPilato

MATEYU 27:1-11 MARKO 15:1 LUKA 22:66–23:3 YOHANE 18:28-35

  • UKUXOXWA KWETYALA KWINKUNDLA EPHAKAMILEYO YAMAYUDA EKUSENI

  • UYUDAS SKARIYOTI UZAMA UKUZIBULALA

  • UYESU UTHUNYELWA KUPILATO UKUZE AMGWEBE

Sekuza kuba sekuseni xa uPetros ephika uYesu okwesithathu. Amalungu eNkundla Ephakamileyo YamaYuda aligqibile ityala lawo ebegezela kulo uYesu aza achithakala. Aphinda adibane kusasa ngoLwesihlanu ukuze enze ngathi elaa tyala ebelixoxa phezolo lisemthethweni. UYesu uziswa phambi kwawo.

Le nkundla iphinda ithi kuye: “Ukuba unguKristu, sixelele.” UYesu uphendula athi: “Nokuba ndinganixelela, soze nindikholelwe. Ngapha koko, nokuba ndinganibuza imibuzo, anizukundiphendula.” Kodwa ngesibindi uYesu uyixelela ukuba ungulowo kuthethwa ngaye kuDaniyeli 7:13. Uthi: “Ukususela ngoku uNyana womntu uza kuhlala ngasekunene kukaThixo onamandla.”​—Luka 22:67-69; Mateyu 26:63.

Abantu bale nkundla abancami, baphinda bathi: “Unguye na ke uNyana kaThixo?” Uphendula athi: “Nani nithi ndinguye.” Le nto ibonakala ikuthethelela ukufuna kwabo ukumbulala kuba besithi uthetha kakubi ngoThixo. Bayabuza bathi: “Sisabufunelani obunye ubungqina?” (Luka 22:70, 71; Marko 14:64) Bayambopha baze bamthumele kumlawuli wamaRoma uPontiyo Pilato.

Mhlawumbi uYudads Skariyoti uyambona uYesu esisiwa kuPilato. Xa ebona ukuba ugwetyiwe uyazisola aze akhathazeke. Kodwa akaguquki acele uxolo kuThixo, ubuyisela la maqhosha esilivere ayi-30. Uthi kubabingeleli abaziintloko: “Ndonile ngokunikela kuni igazi elingenatyala.” Bamphendula bathi: “Asiyongxaki yethu leyo. Bona ukuba mawuthini!”​—Mateyu 27:4.

Ujula le mali etempileni aze ongeze kwizinto ezirongo azenzileyo ngokuzama ukuzibulala. Uthi xa ezama ukuzibulala, lophuke eli sebe abophelele kulo intambo. Umzimba wakhe uyokuwa ezantsi ematyeni uze udlabhuke.​—IZenzo 1:17, 18.

UYesu usiwa kwakusasa kwindawo ahlala kuyo uPontiyo Pilato. Kodwa amaYuda amzisileyo awafuni ukungena. Acinga ukuba, ukuba kunye nabantu abangengomaYuda kuza kuwangcolisa. Loo nto iza kuwenza angakwazi ukutya ngoNisan 15, usuku lokuqala lweTheko Lwezonka Ezingenagwele elijongwa njengelidibana nexesha lePasika.

UPilato uza kuwo la maYuda aze athi: “Nimmangalela ngantoni lo mntu?” Athi: “Ukuba lo mntu ebengengomoni, ngesingamzisanga apha kuwe.” UPilato usenokuziva ngathi ayamnyanzela ngenxa yaloo nto uthi: “Mthatheni nize nimgwebe ngokomthetho wenu.” AmaYuda ayaziveza ukuba afuna uYesu abulawe, athi: “Akukho mthethweni ukuba sibulale nabani na.”​—Yohane 18:29-31.

Kaloku ukuba anokubulala uYesu ngexesha letheko lePasika, asenokucaphukisa abantu abaninzi. AmaRoma anegunya lokubulala umntu otyholwa ngokuvukela urhulumente, ngenxa yaloo nto amaYuda afuna amaRoma akholelwe ukuba uYesu unetyala aze ambulale. Ukuba loo nto iyenzeka amaYuda anethemba lokuba akuzokutyholwa wona nangona kuza kube kwenzeke le nto ebeyifuna.

Ezi nkokheli zenkonzo yamaYuda azimxeleli uPilato ukuba zimgwebe uYesu ngokuthetha kakubi ngoThixo. Ziza nelinye ityala elahlukileyo. Zithi: “Lo mntu simfumene [1] efundisa uhlanga lwethu ukungathobeli urhulumente, [2] esithi masingayibhatali irhafu kuKesare, [3] esitsho nokuba yena unguKristu ukumkani.”​—Luka 23:2.

Ekubeni emela iRoma, uPilato unesizathu sokuba nexhala ngesi sityholo sokuba uYesu uthi unguKumkani. Ngenxa yaloo nto uphinda angene endlini yakhe, abize uYesu aze athi: “Unguye na uKumkani wamaYuda?” Ngamanye amazwi uthi, ‘Uwophule na umthetho karhulumente ngokuthi ungukumkani ochasene noKesare?’ Mhlawumbi uYesu ufuna ukuva ukuba ingakanani into eviwe nguPilato ngaye, uyambuza athi: “Undibuza kuba ufuna ukwazi nyhani, okanye kuba kukho into oyivileyo ngam?”​—Yohane 18:33, 34.

UPilato ubonisa ukuba akazi nto ngoYesu kodwa unomdla wokwazi. Uyaphendula athi: “AndingomYuda mna? Luhlanga lwakowenu nababingeleli abaziintloko abakuzise kum. Wenze ntoni?”​—Yohane 18:35.

Xa uYesu ephendula uPilato uthetha kakhulu ngoBukumkani ibe imele ukuba imothusa nyhani uPilato into ayithethayo.