Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 114

Xa UKristu Esiza Uza Kugweba Iigusha Neebhokwe

Xa UKristu Esiza Uza Kugweba Iigusha Neebhokwe

MATEYU 25:31-46

  • UYESU WENZA UMZEKELO WEEGUSHA NEEBHOKWE

KwiNtaba YemiNquma uYesu usandokwenza umzekelo weentombi ezilishumi noweetalente. Usaphendula umbuzo wabapostile wokuba baza kubona njani xa ekho naxa kupheliswa eli hlabathi? Ngoku ubaphendula ngomzekelo wokugqibela, oweegusha neebhokwe.

Uwuqala ngokuthi: “Xa uNyana womntu esiza ekuzuko lwakhe, ehamba nazo zonke iingelosi, uza kuhlala kwitrone yakhe ezukileyo.” (Mateyu 25:31) Wenza kucace ukuba nguye oyena mntu kuthethwa ngaye kulo mzekelo. Ebesoloko ezibiza ngokuba ‘unguNyana womntu.’​—Mateyu 8:20; 9:6; 20:18, 28.

Uza kwenzeka nini lo mzekelo? Xa uYesu “esiza ekuzuko lwakhe” ehamba neengelosi aze ahlale “kwitrone yakhe ezukileyo.” Ebesele etshilo ukuba ‘uNyana womntu uza kuza esemafini, enamandla nozuko olukhulu’ ehamba neengelosi. Iza kwenzeka nini le nto? “Ngoko nangoko emva kwentlungu [engathethekiyo].” (Mateyu 24:29-31; Marko 13:26, 27; Luka 21:27) Ngoko lo mzekelo uza kwenzeka xa uYesu esiza ekuzuko lwakhe. Uza kwenza ntoni ukufika kwakhe?

UYesu uthi: “Xa uNyana womntu esiza ekuzuko lwakhe . . . , zonke iintlanga ziza kuqokelelwa phambi kwakhe, aze ahlule abantu babe ngamaqela amabini, kanye njengokuba umalusi esahlula iigusha ezibhokhweni. Iigusha uza kuzibeka ngasekunene kwakhe, aze iibhokhwe azibeke ngasekhohlo.”​—Mateyu 25:31-33.

Uthi ngeegusha ezingasekunene: “Emva koko uKumkani uza kuthi kwabo bangasekunene kwakhe, ‘Yizani, nina basikelelweyo nguTata, nifumane uBukumkani obalungiselelwa nina kwasekusekweni kwehlabathi.’” (Mateyu 25:34) Kutheni uKumkani ezithanda nje iigusha?

UKumkani uthi: “Kuba nandinika into yokutya xa ndandilambile; nandinika nento yokusela xa ndandinxaniwe. Nandamkela xa ndandingowasemzini; nandinika impahla xa ndandihamba ze. Nandihoya xa ndandigula. Nazokundibona xa ndandivalelwe ejele.” Xa ezi gusha, okanye “amalungisa,” ebuza ukuba azenza nini ezi zinto, uthi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, nantoni na eniyenzele oyena uphantsi kwaba bazalwana bam, niyenzele mna.” (Mateyu 25:35, 36, 40, 46) Ezi zinto zintle abazenzanga ezulwini, kuba abekho abantu abagulayo okanye abalambayo ezulwini. Kumele ukuba bebezenzela abazalwana bakaKristu abalapha emhlabeni.

Kuza kwenzeka ntoni kwiibhokwe ezibekwe ngasekhohlo? UYesu uthi: “Emva koko uKumkani uza kuthi kwabo bangasekhohlo kwakhe: ‘Hamban’ apha, nina niqalekisiweyo, niye emlilweni ongunaphakade owalungiselelwa uMtyholi neengelosi zakhe. Kuba xa ndandilambile anizange nindiphe kutya; naxa ndandinxaniwe, anizange nindiphe into yokusela. Xa ndandingumntu wasemzini, anizange nindamkele; xa ndandihamba ze, anizange nindinike mpahla; xa ndandigula, ndisejele, anizange nindihoye.’” (Mateyu 25:41-43) Esi sigwebo siyafaneleka kuba iibhokhwe azikhange zibaphathe kakuhle abazalwana bakaKristu abalapha emhlabeni.

Abapostile bafunda ukuba xa umntu egwetywa njengegusha okanye ibhokhwe, loo nto igqiba ukuba uza kubufumana na ubomi obungunaphakade okanye uza kutshatyalaliswa. UYesu uthi kubo: “[UKumkani] uza [kuthi]: ‘Ndiyaniqinisekisa ukuba, nantoni na eningayenzelanga oyena uphantsi kwaba bazalwana bam, ndim eningamenzelanga.’ Aba baza kufa ngonaphakade, kodwa wona amalungisa aza kufumana ubomi obungunaphakade.”​—Mateyu 25:45, 46.

Indlela uYesu awuphendula ngayo umbuzo wabapostile ibonisa ukuba ininzi into ekufuneka bacinge ngayo bonke abafundi bakhe ukuze balungise indlela abazenza ngayo izinto.