Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 120

Abafundi Kufuneka Bavelise Isiqhamo Baze Babe Ngabahlobo BakaYesu

Abafundi Kufuneka Bavelise Isiqhamo Baze Babe Ngabahlobo BakaYesu

YOHANE 15:1-27

  • UMTHI WEEDILIYA WOKWENENE NAMASEBE

  • INDLELA YOKUHLALA UTHANDWA NGUYESU

UYesu ebethetha nabapostile bakhe abathembekileyo ebakhuthaza ngokusuka entliziyweni. Ngoku, kusezinzulwini zobusuku, ibe wenza umzekelo okhuthazayo.

Uwuqala ngokuthi: “Mna ndingumthi weediliya wokwenene, ibe umlimi wawo nguTata.” (Yohane 15:1) Lo mzekelo wakhe ufana nento eyayikhe yathethwa kwiminyaka engaphezu kweyi-100 ngaphambili kusithiwa isizwe sakwaSirayeli ngumthi weediliya kaYehova. (Yeremiya 2:21; Hoseya 10:1, 2) Kodwa uYehova uyasilahla esi sizwe. (Mateyu 23:37, 38) Ngoko uYesu uza nento entsha. Nguye umthi weediliya uTata wakhe ebewulungisa ukususela ukuthanjiswa kukaYesu ngomoya oyingcwele ngo-29 C.E. Kodwa uYesu ubonisa ukuba umthi weediliya awumeli yena nje qha.

Uthi: “Onke amasebe akum angavelisi siqhamo [uTata] uyawasusa, yaye onke lawo avelisa isiqhamo uyawathena, ukuze avelise isiqhamo esininzi. . . . Njengoko isebe lingenakuvelisa siqhamo lingekho semthini, nani aninakuvelisa siqhamo ningamanyananga nam. Mna ndingumthi weediliya, nina ningamasebe.”​—Yohane 15:2-5.

UYesu uthembise abafundi bakhe abathembekileyo ukuba ukumka kwakhe, uza kubathumelela umncedi, umoya oyingcwele. Emva kweentsuku eziyi-51, xa abapostile befumana loo moya oyingcwele, baba ngamasebe omthi weediliya. Onke “amasebe” kuza kufuneka ahlale emanyene noYesu. Kutheni?

Uthi: “Lowo uhlala emanyene nam, ndibe nam ndimanyene naye, uza kuvelisa isiqhamo esininzi; kuba akukho nto ninokuyenza ngaphandle kwam.” La ‘masebe’ angabalandeli abathembekileyo bakaYesu, angaba nesiqhamo esininzi ukuba angalinganisa iimpawu ezifana nezakhe, ashumayele ebantwini ngoBukumkani BukaThixo aze enze abafundi abaninzi. Kodwa kuza kwenzeka ntoni ukuba umntu akahlali emanyene noYesu ibe akavelisi siqhamo? UYesu uthi: “Nabani na ongahlali emanyene nam, ulahlwa phandle.” Kwelinye icala uthi: “Ukuba nihlala nimanyene nam, nizenza nezinto endinifundise zona, niza kufumana nantoni na eniyicelayo.”​—Yohane 15:5-7.

Ngoku ubuyela kwinto asele eyithethe kabini, ukugcina imiyalelo yakhe. (Yohane 14:15, 21) Uthetha ngendlela abafundi abanokubonisa ngayo ukuba bayayenza le nto. Uthi: “Ukuba niyayithobela imiyalelo yam, ndiza kuhlala ndinithanda, njengoko nam ndiyithobele imiyalelo kaTata, waza naye wahlala endithanda.” Kodwa ke akuphelelanga nje ekuthandeni uYehova uThixo noNyana wakhe. UYesu uthi: “Ndiniyalela ukuba nithandane ngale ndlela nam ndinithande ngayo. Akakho umntu onothando ukogqitha umntu oncama ubomi bakhe, ebuncamela abahlobo bakhe. Ningabahlobo bam ukuba niyazenza izinto endiniyalela zona.”​—Yohane 15:10-14.

Kwiiyure nje ezimbalwa, uza kubonisa indlela abathanda ngayo abantu abanokholo kuye nabazenzayo izinto azifundisayo ngokuthi abancamele ubomi bakhe. Umzekelo wakhe umele ubenze abalandeli bakhe babathande abanye bade bazincame ngenxa yabo. Abantu baza kubabona ngokuba nolu thando, kuba uYesu ebekhe wathi ngaphambili: “Bonke baza kutsho bazi ukuba ningabafundi bam, ukuba niyathandana.”​—Yohane 13:35.

Abapostile bamele bangayithathi kancinci into yokuba ebabiza ngokuba ‘ngabahlobo.’ Uyasichaza isizathu sokuba athi bangabahlobo bakhe, uthi: “Ndinibiza abahlobo bam, kuba ndinixelele yonke into endiyixelelwe nguTata.” Yinto enkulu ukuba ngumhlobo osondeleyo kaYesu nokwazi izinto uTata amxelele zona! Kodwa ukuze bahlale bengabahlobo bakhe kufuneka ‘baqhubeke bevelisa isiqhamo.’ Ukuba bayayenza loo nto uYesu uthi, ‘nantoni na eniyicela kuTata egameni lam, uza kuninika.’​—Yohane 15:15, 16.

Ukuba “amasebe,” okanye abafundi, baqhubeka bethandana loo nto iza kubanceda banyamezele izinto eziza kwenzeka. Uyabalumkisa ukuba ihlabathi liza kubacaphukela, kodwa uphinda abathuthuzele athi: “Ukuba ihlabathi liyanicaphukela, ze nazi ukuba liye laqala lacaphukela mna ngaphambi kokuba licaphukele nina. Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi ngelinithanda. Kodwa aningabo abehlabathi, . . . yiloo nto linicaphukela.”​—Yohane 15:18, 19.

UYesu uphinda acacise ukuba kutheni ihlabathi liza kubacaphukela, uthi: “Baza kunenza zonke ezi zinto ngenxa yegama lam, kuba bengamazi Lowo undithumileyo.” Uthi imimangaliso ayenzileyo ifana ngathi iyabagweba abantu abamcaphukelayo. Uthi: “Ukuba bebengandibonanga ndisenza imimangaliso engazanga yenziwa, ngebengenasono; kodwa ke ngoku bandibonile baza bandicaphukela, bamcaphukela noTata.” Phofu ke, ukumcaphukela kwabo kuzalisekisa isiprofeto.​—Yohane 15:21, 24, 25; INdumiso 35:19; 69:4.

Uphinda abathembise ngokubathumelela umncedi ongumoya oyingcwele. Lo moya unokufunyanwa ngabo bonke abalandeli bakhe uze ubancede bavelise isiqhamo baze ‘bangqine ukuba ungubani.’​—Yohane 15:27.