Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 132

“Ngokuqinisekileyo Lo Mntu EbenguNyana KaThixo”

“Ngokuqinisekileyo Lo Mntu EbenguNyana KaThixo”

MATEYU 27:45-56 MARKO 15:33-41 LUKA 23:44-49 YOHANE 19:25-30

  • UYESU UFA ESIBONDENI

  • KWENZAKA IZINTO EZINGAQHELEKANGA UKUFA KUKAYESU

‘Kumalunga nentsimbi ka-12 emini.’ Kuvele kube mnyama ‘elizweni lonke, de kube malunga nentsimbi yesithathu’ emva kwemini. (Marko 15:33) Obu bumnyama abenziwa kukusithwa kwelanga yinyanga. Kuba loo nto yenzeka kuphela ngexesha le nyanga entsha, kodwa ngoku inyanga iphelele kuba lixesha lePasika. Enye into, ukusithwa kwelanga yinyanga kudla ngokuthatha nje imizuzu embalwa, kodwa obu ubumnyama buthatha ixesha elide. Loo nto ithetha ukuba bubangelwa nguThixo. Unokuyicinga ukuba bathini ngoku aba bebehlekisa ngoYesu.

Njengokuba kumnyama, abafazi abane basondela kwisibonda sokungcungcutheka. Aba bafazi ngumama kaYesu, nguSalome, nguMariya Magadala, noMariya ongumama kaYakobi Omncinci.

Umpostile uYohane ukunye nomama kaYesu okhathazekileyo “ecaleni kwesibonda sikaYesu sokungcungcutheka.” UMariya ubukela unyana awamzalayo waza wamkhulisa esezintlungwini esibondeni. UMariya ingathi uhlatywa “ngekrele elide.” (Yohane 19:25; Luka 2:35) Nangona uYesu esezintlungwini ucinga ukuba uMariya uza kuthini ngoku. Uzama ukukhomba kuYohane ngentloko aze athi kumama wakhe: “Mama, nanko unyana wakho!” Aze akhombe uMariya ngentloko athi kuYohane: “Nanko umama wakho!”​—Yohane 19:26, 27.

UYesu ushiya umama wakhe, ekubonakala ukuba ngoku ungumhlolokazi, kumpostile amthanda kakhulu. Uyayazi ukuba abanye abantwana bakaMariya, abakabi nalukholo kuye. Ngenxa yaloo nto uyamlungiselela ukuba akwazi ukuncedwa emzimbeni naselukholweni. Ungumzekelo omhle kakhulu.

Phaa malunga nentsimbi yesithathu emva kwemini, uYesu uthi: “Ndinxaniwe.” Le nto uyenza ukuze kwenzeke into eyathethwa zizibhalo. (Yohane 19:28; INdumiso 22:15) Uyaqonda ukuba ngoku uTata wakhe akazokumkhusela, le nto iza kukuvavanya kakhulu ukungagungqi kwakhe. Ukhwaza kakhulu athi: “Eli, Eli, lama sabhaktani?” okuthetha ukuthi, “Thixo wam, Thixo wam, undishiyele ntoni na?” Abanye abantu abame kufutshane bayabhideka, baze bathi: “Jongani! Ubiza uEliya.” Omnye wabo uyabaleka athathe isiponji asifake kwiwayini emuncu, asibeke kwingcongolo, aze amseze. Kodwa abanye bathi: “Myeke! Makhe sibone ukuba uEliya uza kuza amothule na.”​—Marko 15:34-36.

Emva koko uYesu ukhwaza kakhulu athi: “Kugqityiwe!” (Yohane 19:30) Kaloku uyigqibile yonke into ayithunywe nguTata wakhe ukuba ayenze emhlabeni. Ekugqibeleni uthi: “Tata, ndiwuyekela ezandleni zakho umoya wam.” (Luka 23:46) UYesu uyamthemba uYehova uThixo ukuba uza kumvusa, ngoko emva kokuthetha le nto uyayiyekelela intloko yakhe aze afe.

Kuvela kubekho inyikima kuze kuqhekeke nolwalwa. Iba nkulu kakhulu inyikima kude ngaphandle kweYerusalem kuvuleke amangcwaba ize imizimba ityekezwe ngaphandle. Abantu abagqithayo baze babone le mizimba, bangena “kwisixeko esingcwele” baze bachaze into abayibonileyo.​—Mateyu 12:11; 27:51-53.

Xa uYesu esifa, ikhethini ende nenzima eyohlula iNdawo Engcwele neYona Ngcwele etempileni kaThixo ivela ikrazuke phakathi ukusuka phezulu ukuya kutsho ezantsi. Le nto ibonisa indlela uThixo anomsindo ngayo kubantu ababulele uNyana wakhe. Iphinda ibonise ukuba ukuqala ngoku, abantu banokungena kweYona Ngcwele, oko kuthetha ukuthi ezulwini.​—Hebhere 9:2, 3; 10:19, 20.

Ngokulindelekileyo abantu boyika kakhulu. Igosa le nkosi ebeliphambili ekubulaweni kukaYesu lithi: “Ngokuqinisekileyo lo mntu ebenguNyana kaThixo.” (Marko 15:39) Mhlawumbi belikhona ngoku bekuxoxwa ityala likaYesu phambi koPilato, kuthethwa nangokuba uYesu ungunyana kabani. Ngoku liqinisekile ukuba uYesu ulilungisa ibe unguNyana KaThixo nyhani.

Abanye abantu abothuswe zezi zinto zenzekileyo bayagoduka, “bezibetha isifuba” into ebonisa indlela ababuhlungu nabaneentloni ngayo. (Luka 23:48) Phakathi kwabantu ababukele bethe qelele, ngabafundi bakaYesu abangamabhinqa ebebekade bahamba naye. Nabo zibachukumise kakhulu ezi zinto zishiya amehlo zenzekileyo.