Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 109

Ugxeka Abachasi Bakhe

Ugxeka Abachasi Bakhe

MATEYU 22:41–23:24 MARKO 12:35-40 LUKA 20:41-47

  • UKRISTU UNGUNYANA KABANI?

  • UYESU UVEZA INTO ABAYIYO ABACHASI BAKHE ABAHANAHANISAYO

Icebo labachasi bakaYesu lokumbambisa baze bamnikele kumaRoma liwe phantsi. (Luka 20:20) Ngoku kusengoNisan 11, uYesu ujika izinto aze azichaze ukuba ungubani. Uyababuza athi: “Nicinga ukuba ungubani uKristu? Ngunyana kabani?” (Mateyu 22:42) Wonke umntu uyayazi ukuba uKristu, okanye uMesiya, uza kuphuma kwinzala kaDavide. Nabo baphendula batsho.​—Mateyu 9:27; 12:23; Yohane 7:42.

UYesu uyababuza athi: “Kwenzeka njani ke ukuba uDavide, eqhutywa ngumoya oyingcwele, ambize Nkosi, esithi, ‘UYehova wathi eNkosini yam: “Hlala ngasekunene kwam de iintshaba zakho ndizenze zibe yindawo yokubeka iinyawo zakho”’? Ukuba uDavide uthi Nkosi xa embiza, unguye njani ke unyana wakhe?”​—Mateyu 22:43-45.

AbaFarisi bayathula kuba kaloku banethemba lomntu oza kuphuma kwinzala kaDavide aze abakhulule kulawulo lwamaRoma. Kodwa uYesu uthetha ngento eyathethwa nguDavide kwiNdumiso 110:1, 2, aze abonise ukuba uMesiya akazokuba ngumlawuli nje ongumntu. UyiNkosi kaDavide, uza kuhlala ngasekunene kukaThixo, aze emva koko aqalise ukulawula. Impendulo kaYesu ibaval’ umlomo aba bachasi.

Abafundi kunye nabanye abantu bamamele. Ngoku uYesu uthetha nabo aze abalumkise ngababhali nabaFarisi. La madoda “azibeke endaweni kaMoses” kuba afundisa uMthetho KaThixo. UYesu uthi kwabo bammameleyo: “Zenzeni zonke izinto abanixelela zona, kodwa ningazenzi izinto abazenzayo, kuba abazenzi izinto abazithethayo.”​—Mateyu 23:2, 3.

Wenza imizekelo ebonisa ukuba bazenza into abangeyiyo, uthi: “Bawenza makhulu amaqhaga anezibhalo abawanxibayo.” Amanye amaYuda ayenxiba ebunzi okanye engalweni amaqhaga amancinci anezibhalo ezifutshane ezithathwe eMthethweni. AbaFarisi bawenza makhulu awabo ukuze ibe ngathi bayawuthanda uMthetho. Enye into, “bayenza mide imisonto yempahla yabo.” AmaSirayeli kwakufuneka enze imisonto ezimpahleni zawo, kodwa abaFarisi bayaqiniseka ukuba bayenze ibe mide eyabo. (Numeri 15:38-40) Yonke le nto “bayenzela ukubonwa ngabantu.”​—Mateyu 23:5.

Nabafundi bakaYesu banokuzibona sebefuna ukubaluleka, ngoko uyabalumkisa. Uthi: “Maningabizwa Mfundisi, kuba mnye uMfundisi wenu, kanti nonke nina ningabazalwana. Ngaphezu koko, ningabizi nabani na ngokuthi ngutata emhlabeni, kuba mnye uTata wenu, nguLowo usezulwini. Ningabizwa nangokuba niziinkokheli, kuba inye iNkokheli yenu, nguKristu.” Kufuneka bazijonge baze benze njani ke abafundi bakhe? UYesu uthi: “Kodwa oyena mkhulu phakathi kwenu mayibe nguye osebenzela abanye. Nabani na oziphakamisayo uza kuthotywa, kodwa yena ozithobayo uza kuphakanyiswa.”​—Mateyu 23:8-12.

UYesu uthetha nangezinto eziza kubenza bathi shu aba babhali nabaFarisi abazenza into abangeyiyo. Uthi: “Niza kuthi shu nina babhali nani baFarisi, bahanahanisindini! ngenxa yokuba nivalela abantu ukuba bangabufumani uBukumkani bamazulu kuba nina anizukubufumana, ibe nababufunayo anibavumeli ukuba babufumane.”​—Mateyu 23:13.

Ugweba abaFarisi kuba abazixabisi ezona zinto zibalulekileyo. Ngokomzekelo bathi: “Ukuba nabani na ufunga ngetempile, asiyongxaki leyo; kodwa ukuba nabani na ufunga ngegolide yetempile, unyanzelekile enze ngokwesifungo sakhe.” Babonisa indlela egqwetheke ngayo indlela abazijonga ngayo izinto kuba eyona nto ibalulekileyo kubo yigolide esetempileni kunendawo akhonzelwa kuyo uYehova. Ibe ‘bazibekele ecaleni ezona zinto zibalulekileyo zoMthetho, ezinjengobulungisa, inceba nokuthembeka.’​—Mateyu 23:16, 23; Luka 11:42.

UYesu uthi aba baFarisi ‘ziinkokheli eziziimfama, ezihluza imbuzane kodwa ziginye inkamela!’ (Mateyu 23:24) Bahluza imbuzane kwiwayini yabo kuba esi sinambuzane asicocekanga. Kodwa ukungazihoyi kwabo izinto ezibalulekileyo njengoMthetho, kufana nokuginya inkamela nayo engacocekanga kodwa enkulu kakhulu.​—Levitikus 11:4, 21-24.