Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 6

Umntwana Owayethenjisiwe

Umntwana Owayethenjisiwe

LUKA 2:21-39

  • UYESU UYOLUSWA AZE AZISWE ETEMPILENI

Endaweni yokuba uYosefu noMariya babuyele eNazarete, baqhubeka behlala eBhetelehem. Xa uYesu eneentsuku ezisibhozo bayamolusa njengoko uMthetho KaThixo oya kumaSirayeli usitsho. (Levitikus 12:2, 3) Kwangolu suku umele athiywe igama lakhe umntwana oyinkwenkwe. Bamthiya igama elinguYesu unyana wabo njengoko ingelosi enguGabriyeli ibitshilo.

UYesu ngoku uneentsuku eziyi-40. Bamsa phi ngoku abazali bakhe? Bamsa etempileni eYerusalem, engekho kude kakhulu kule ndawo bahlala kuyo. UMthetho uthi emva kweentsuku eziyi-40 ezele unyana, umama umele ase umnikelo wokuzicoca etempileni.​—Levitikus 12:4-8.

UMariya wenza kanye loo nto. Unikela ngeentaka ezimbini ezincinci. Umnikelo kaMariya usixelela ntoni ngemeko yemali yakhe noYosefu? NgokoMthetho, kumele kunikelwe ngetakane legusha kunye nentaka. Ukuba umntu akanayo imali yokunikela ngetakane umele anikele ngamahobe amabini okanye amantshontsho amabini amahobe. NoMariya ukwazi ukunikela ngeentaka ezimbini kuphela.

Etempileni, kuza kubo indoda esele ikhulile. Igama layo nguSimeyon. UThixo uye wamtyhilela uSimeyon ukuba, akazokufa engambonanga uKristu kaYehova othenjisiweyo okanye uMesiya. Ngale mini, uSimeyon uya etempileni eqhutywa ngumoya oyingcwele aze adibane noYosefu noMariya kunye nosana lwabo. USimeyon uyalufunqula olu sana.

Njengoko efunqule uYesu, uSimeyon ubulela uThixo athi: “Ngoku, Nkosi enguMongami, uyamkhulula umkhonzi wakho, afe eseluxolweni, ngokwelizwi lakho, kuba amehlo am ayibonile indlela oza kubasindisa ngayo abantu bakho, indlela oyilungisileyo ukuze ibonwe nguye wonke umntu, isibane esiza kukhanyisela zonke iintlanga, sizise uzuko kubantu bakho amaSirayeli.”​—Luka 2:29-32.

UMariya noYosefu bayothuka xa besiva le nto. USimeyon uyabasikelela aze athi kuMariya, ngenxa yonyana wakhe “abaninzi kwaSirayeli baza kuwa abanye baphakame” ibe loo ntlungu iza kuba ngathi uMariya uhlatywa ngekrele elide.​—Luka 2:34.

Ukhona nomnye umntu oza kubo ngale mini. NguAna ongumprofetikazi noneminyaka eyi-84. Usoloko esiza qho etempile. Ngoku uza kuYosefu noMariya nomntwana wabo uYesu. UAna uqalisa ukumbulela uThixo aze athethe ngoYesu kubo bonke abantu abammamelayo.

Khawucinge nje indlela uYosefu noMariya abavuya ngayo xa kusenzeka ezi zinto etempileni! Yonke le nto ibenza baqiniseke ukuba unyana wabo ungoThenjisiweyo KaThixo.