Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 15

Wenza Ummangaliso Wakhe Wokuqala

Wenza Ummangaliso Wakhe Wokuqala

YOHANE 2:1-12

  • UMTSHATO EKANA

  • UYESU UJIKA AMANZI ABE YIWAYINI

Lusuku lwesithathu uNathaniyeli engomnye wabafundi bakaYesu bokuqala. UYesu nabafundi bakhe abatsha baya eKana eseGalili, idolophu awazalelwa kuyo uNathaniyeli kuba bamenywe emtshatweni. IKana isezindulini, kwiikhilomitha ezimbalwa ukusuka eNazarete indawo uYesu akhulele kuyo.

Umama kaYesu naye uzile kulo mtshato. Kuba esisihlobo sentsapho yaba batshatayo, kubonakala ukuba uMariya uyancedisa ekuhoyeni iindwendwe ezize kulo mtshato. Ngenxa yaloo nto uyakhawuleza ukubona into eshotayo aze axelele uYesu athi: “Iwayini iyaphela.”​—Yohane 2:3.

UMariya ufuna uYesu abancede kule ngxaki. Kodwa uYesu uphendula athi: “Mfazi, mna nawe singena phi kuloo nto?” (Yohane 2:4) Ngenxa yokuba enguKumkani obekwe nguThixo, uYesu uza kuyalelwa nguTata wakhe osezulwini hayi yintsapho yakhe okanye abahlobo. Ngobulumko uMariya uthemba unyana wakhe aze athi kwabo bancedisayo: “Ze nenze nantoni na athi yenzeni.”​—Yohane 2:5.

Kukho imiphanda eyenziwe ngamatye emithandathu, umnye unokungena iilitha ezingaphezu kweziyi-40. UYesu uthi kubantu abancedisayo: “Yigcwaliseni imiphanda ngamanzi.” Aphinde athi: “Yikhani intwana nize niyise kumphathi wetheko.”​—Yohane 2:7, 8.

Umphathi wetheko uyayincoma indlela emnandi ngayo le wayini engayazi ukuba yenziwe ngommangaliso. Ubiza umyeni aze athi: “Abanye abantu baqale bakhuphe iwayini yodidi, ze kuthi xa abantu benxilile bakhuphe enganeno. Wena uye walinda de kwangoku ngaphambi kokuba ukhuphe eyodidi.”​—Yohane 2:10.

Lo ngummangaliso wokuqala kaYesu. Xa abafundi bakhe bewubona, ukholo lwabo luyaqina. Emva koko, uYesu, nomama wakhe, nabantakwabo baya eKapernahum kunxweme olusemntla ntshona loLwandle LwaseGalili.