Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 74

Ufundisa Ngokubonisa Ububele Nangomthandazo

Ufundisa Ngokubonisa Ububele Nangomthandazo

LUKA 10:38–11:13

  • UYESU UYOKUBONA UMARTA NOMARIYA

  • KUFUNEKA SINGANCAMI XA SITHANDAZA

Kwicala elisempuma xa usehla iNtaba Yeminquma, malunga neekhilomitha ezintathu ukusuka eYerusalem, kukho ilali ekuthiwa yiBhethani. (Yohane 11:18) UYesu uya kule lali aze angene ekhayeni likaMarta noMariya abazalwa kunye. Bona kunye nomntakwabo uLazaro, bangabahlobo bakaYesu ibe bayamamkela ekhayeni labo.

Yinto enkulu ukufikelwa nguMesiya ekhayeni labo. UMarta ufuna ukumlungiselela kakuhle uYesu, ngenxa yoko wenza isidlo esikhulu. Njengokuba yena exakekile uMariya udadewabo uhleli ezinyaweni zikaYesu ibe ummamele. Ekuhambeni kwexesha uMarta uthi kuYesu: “Nkosi, ayikukhathazi na into yokuba udade wethu engandincedisi? Yithi makazokundincedisa.”​—Luka 10:40.

UYesu akamgxeki uMariya kodwa ulungisa uMarta ngokuzixakekisa ngezinto ezininzi. Uthi: “Marta, Marta, uzixakekise ngezinto ezininzi. Zimbalwa izinto ezifunekayo, ukuba ayinyanga. UMariya ukhethe eyona nto ibalulekileyo, ibe ayizukuthathwa kuye.” (Luka 10:41, 42) Akuyomfuneko ukuba uMarta ahlala ekhitshini enze izinto ezininzi. Unokwenza nje into elula.

Intle into ebefuna ukuyenza. Ebefuna ukubonisa ububele. Kodwa ngenxa yokuba exakeke kakhulu kukwenza ukutya, uphoswa kukufundiswa nguNyana KaThixo. UYesu uthi uMariya ukhethe kakuhle ibe isigqibo sakhe siza kumnceda ubomi bakhe bonke. Nathi eso sigqibo sisifundisa into esimele sihlale siyikhumbula.

Ngelinye ixesha uYesu ufundisa into eyahlukileyo kodwa ebaluleke njengale. Omnye umfundi uthi kuye: “Nkosi, sifundise ukuthandaza, njengokuba noYohane wabafundisayo abakhe abafundi.” (Luka 11:1) UYesu ebeyenzile le nto malunga nonyaka onehafu ophelileyo kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni. (Mateyu 6:9-13) Kodwa ke mhlawumbi lo mfundi ebengekho. Ngenxa yaloo nto uYesu uphinda ezona zinto zibalulekileyo. Emva koko enze umzekelo obonisa ukuba kubalulekile ukuba umntu angancami xa ethandaza.

Uthi: “Masithi omnye wenu uya kumhlobo wakhe ezinzulwini zobusuku, athi kuye, ‘Mhlobo wam, ndiboleke izonka ezithathu, kuba ndifikelwe ngumhlobo wam ovela kude, ibe andinakutya.’ Kodwa umhlobo wakhe umphendula engaphakathi esithi: ‘Khawundiyeke, senditshixile, nabantwana sebelele. Andinakuphakama ngoku ndikunike ukutya.’ Ndithi kuni, uza kuphakama nakanjani na amnike nantoni na ayifunayo, hayi kuba engumhlobo wakhe, kodwa kuba eye wamcenga, akancama.”​—Luka 11:5-8.

UYesu akathi uYehova akafuni ukubanika izinto abantu abamcelayo njengalo mhlobo. Kodwa ubonisa ukuba xa umhlobo obengafuni ephakama xa ecengwa, noTata wethu osezulwini osithandayo uza kubaphendula abakhonzi bakhe abathembekileyo. UYesu uqhubeka athi: “Ndithi kuni, qhubekani nicela, niza kuphiwa; qhubekani nifuna, niza kufumana; qhubekani ninkqonkqoza, niza kuvulelwa. Kuba wonke umntu ocelayo uyaphiwa, wonke umntu ofunayo uyafumana, yaye wonke umntu onkqonkqozayo uza kuvulelwa.”​—Luka 11:9, 10.

Uyibethelela le nto ngokufanisa uThixo nootata abangabantu. Uthi: “Ngubani ke nyhani apha kuni, onokuthi xa unyana wakhe ecela intlanzi, suke amnike inyoka endaweni yentlanzi? Okanye xa ecela iqanda, suke amnike unomadudwane? Ngoko ke, ukuba nina, nakubeni ningaboni, niyakwazi ukupha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uTata wenu osezulwini ukubapha umoya oyingcwele abo bamcelayo!” (Luka 11:11-13) Le nto iyasiqinisekisa ukuba uTata wethu uyafuna ukusimamela aze asinike izinto esizidingayo.