Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 73

Ummelwane OngumSamariya

Ummelwane OngumSamariya

LUKA 10:25-37

  • INDLELA YOKUFUMANA UBOMI OBUNGUNAPHAKADE

  • UMSAMARIYA UBONISA UKUBA UNGUMMELWANE

UYesu useseYerusalem ibe amanye amaYuda eza kuye. Amanye afuna ukufunda kuye kanti amanye afuna ukumvavanya. Omnye wawo, indoda ewazi kakuhle uMthetho ithi: “Mfundisi, ndimele ndenze ntoni ukuze ndifumane ubomi obungunaphakade?”​—Luka 10:25.

UYesu uyayiqonda ukuba le ndoda ayibuzi nje kuba ifuna ukwazi, kusenokwenzeka ibuza kuba ifuna aphendule ngendlela eza kuwacaphukisa amaYuda. Uyayiqonda ukuba le ndoda sele inayo impendulo. Ngenxa yaloo nto uyiphendula ngendlela eza kwenza le ndoda iveze eyona nto iyicingayo.

Uyayibuza athi: “Kubhalwe ntoni eMthethweni? Uwuva njani?” Impendulo yale ndoda ibonisa ukuba iyawufunda uMthetho KaThixo. Ithetha into ebhalwe kwiDuteronomi 6:5 nakwiLevitikus 19:18. Ithi: “‘Umele umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo wakho wonke nangamandla akho onke nangengqondo yakho yonke, uthande nommelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo.’” (Luka 10:26, 27) Ngaba iphendule kakuhle?

UYesu uthi kule ndoda: “Unyanisile; hlala usenza loo nto uze ufumane ubomi.” Kodwa ngaba iphelela apho le ncoko? Le ndoda ayifuni nje impendulo echanileyo, ifuna “ukuzenza ilungisa.” Ifuna ukubonisa ukuba indlela ezenza ngayo izinto ichanile ibe yona ibaphatha kakuhle abantu. Ngenxa yaloo nto iyabuza ithi: “Ngubani kanye kanye ummelwane wam?” (Luka 10:28, 29) Lo mbuzo ubonakala ngathi awunamsebenzi uza kuyitshintsha indlela abacinga ngayo abantu abamamele uYesu. Njani?

AmaYuda akholelwa ukuba igama elithi “ummelwane” lithetha ngomntu ongumYuda ibe iLevitikus 19:18 isenokubonakala ngathi iyayixhasa loo nto. UmYuda usenokuthi “akukho semthethweni” ukuvana nomntu ongengomYuda. (IZenzo 10:28) Ngenxa yaloo nto, le ndoda nabanye abafundi bakaYesu bazibona bengamalungisa xa bephatha amanye amaYuda ngobubele. Kodwa basenokuphatha umntu ongengomYuda kakubi kuba besithi ‘akangommelwane.’

UYesu angayilungisa njani le ndlela yokucinga engakhange ayikhubekise le ndoda namanye amaYuda? Ubalisa ibali, uthi: “Kwakukho omnye umntu owayesihla evela eYerusalem esiya eYeriko, wahlaselwa ngootsotsi, bathatha impahla yakhe, bambetha, baza bemka bemshiya sele eza kufa. Kwathi gqi umbingeleli owayezihambela, kodwa wathi akumbona, wahambela kude. Kwagqitha nomLevi, naye wathi akumbona, wahambela kude. Kodwa kwathi gqi umSamariya, owathi akumbona waba nosizi.”​—Luka 10:30-33.

Le ndoda uYesu ayibalisela eli bali iyayazi ukuba ababingeleli abaninzi nabaLevi abancedisa etempileni bahlala eYeriko. Ukuze babuyele etempileni kufuneka bahambe endleleni iikhilomitha ezimalunga neziyi-23. Le ndlela bahamba ngayo inokuba yingozi kuba kukho ootsotsi ngakuyo. Ukuba umbingeleli okanye umLevi ubona umYuda esengxakini ngaba akamele amncede? Kwibali likaYesu abayenzi loo nto. Umntu oyenzayo ngumSamariya, osuka kuhlanga olucatshukelwayo ngamaYuda.​—Yohane 8:48.

Lo mSamariya umnceda njani lo mYuda uhlaselweyo? UYesu uqhubeka athi: “Weza kuye, wagalela amanxeba akhe ioli newayini, waza wawabopha. Emva koko wamkhwelisa kwidonki yakhe, wayokumhoya kwindawo yabahambi. Ngengomso wanika umnikazi waloo ndawo iidenariyo ezimbini, wathi kuye: ‘Ndicela umhoye; ukuba kuye kwafuneka enye imali, ndiza kuyibhatala xa ndibuya.’”​—Luka 10:34, 35.

Emva kokuba ebalise eli bali, uMfundisi Omkhulu uYesu ubuza le ndoda athi: “Kwaba bantu bathathu, ucinga ukuba ngubani ummelwane walo mntu wahlaselwa ngootsotsi?” Mhlawumbi le ndoda ayifuni ukuthi “ngumSamariya.” Ngenxa yaloo nto ithi: “Ngulo uye wamnceda.” Emva koko uYesu uthetha eyona nto ayifundisayo ngeli bali. Uthi: “Hamba ke, uyokwenza loo nto nawe.”​—Luka 10:36, 37.

Iyasebenza nyhani le ndlela kaYesu yokufundisa. Ukuba ebevele nje wathi nabantu abangengomaYuda bangabamelwane, ucinga ukuba le ndoda namanye amaYuda bebeza kuyamkela loo nto? Kusenokwenzeka ukuba bebengazokuyamkela. Kodwa ukubalisa ibali elinezinto abantu abamameleyo abazaziyo, kuyenze yacaca impendulo yombuzo othi: “Ngubani kanye kanye ummelwane wam?” Oyena mmelwane ngumntu obonisa uthando nobubele njengokuba iZibhalo zisitsho.