Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 79

Kutheni AmaYuda Angakholwayo Eza Kutshatyalaliswa?

Kutheni AmaYuda Angakholwayo Eza Kutshatyalaliswa?

LUKA 13:1-21

  • UYESU UFUNDISA ISIFUNDO NGEZINTO EZIMBINI EZIMBI EZENZEKAYO

  • UMFAZI OGULAYO UPHILISWA NGESABATHA

UYesu uthethe ngezinto ezininzi kuba ezama ukukhuthaza abantu bacinge ngendlela uThixo abajonga ngayo. Kuphinda kuvele elinye ithuba lokuba abakhuthaze xa ethetha nabantu kufutshane nendlu yomFarisi.

Abanye babo bathetha ngento embi eyenzekayo. Baxelela uYesu ukuba uMlawuli wamaRoma uPontiyo uPilato “wabulala amanye amaGalili awayezokunikela imibingelelo.” (Luka 13:1) Wayenza nini le nto uPilato?

Kusenokwenzeka ukuba wayenza xa amawakawaka amaYuda ayemtoyitoyela kuba esebenzise imali yetempile ukuze akhe umjelo ongenisa amanzi eYerusalem. Mhlawumbi uPilato wathetha nabantu abaphetheyo etempileni ukuze afumane le mali. Aba bantu baxelela uYesu ngale nto imbi, kusenokwenzeka bacinga ukuba la maGalili abulawa kuba ayesenza izinto ezimbi. Kodwa yena akavumi.

Uyababuza athi: “Nicinga ukuba la maGalili abulawa kuba ayengaboni ngaphezu kwamanye amaGalili?” Uthi awazange abulawe ngenxa yaloo nto. Usebenzisa le nto yayenzekile ukuze awalumkise amaYuda. Uthi: “Nani niza kufa ukuba aniguquki.” (Luka 13:2, 3) Emva koko uthetha ngenye into embi ekusenokuba isandokwenzeka edibene nalo mjelo. Uyababuza athi:

“Nicinga ukuba aba bantu bayi-18 bawelwa yinqaba yaseSilowam baza bafa, babengaboni ngaphezu kwabanye abantu baseYerusalem?” (Luka 13:4) Abantu abamameleyo basenokucinga ukuba abo bantu bafe kuba bebesenza izinto ezimbi. Nangoku uYesu akavumi. Uyayiqonda into yokuba abantu behlelwa “lixesha naziziganeko ezingalindelekanga” ibe kusenokuba kwenzeke loo nto nakwabo bantu. (INtshumayeli 9:11) Kodwa ikhona into abantu abanokuyifunda kule nto yenzekayo. UYesu uthi: “Nani niza kufa ukuba aniguquki.” (Luka 13:5) Kodwa kutheni ebafundisa le nto ngoku?

Kungenxa yokuba kufike ixesha elifanelekileyo. Ude enze umzekelo, uthi: “Kwakukho indoda eyayinomthi wamafiya otyalwe kwintsimi yayo yeediliya. Le ndoda yeza kufuna amafiya kulo mthi, kodwa ayafumana nto. Ngoko yathi kumntu osebenza kule ntsimi, ‘Sekuyiminyaka emithathu ndisiza kulo mthi, kodwa ndingafumani nto. Wugawule! Ugcinelwe ntoni xa ungavelisi nto?’ Lo mntu wathi, ‘Nkosi, khawundiphe omnye unyaka, ndikhe ndombe apha emacaleni, ndiwugalele umgquba. Ukuba uvelisa isiqhamo, kuhle, kodwa ukuba awuvelisi nto ungagawulwa.’”​—Luka 13:6-9.

Sekuyiminyaka emithathu ngoku uYesu ezama ukunceda amaYuda ukuba abe nokholo. Kodwa bambalwa abantu abaye baba ngabafundi kuba eshumayele kubo. Ngoku ngunyaka wesine eshumayela ibe uzimisele kakhulu kunakuqala. Kufana ngathi uyagrumba aze agalele umgquba kumthi wamafiya ongamaYuda. Loo nto uyenza ngokushumayela nokufundisa kwaYuda nasePereya. Kodwa ayincedi loo nto kuba ambalwa amaYuda aguqukayo. Esi sizwe asifuni ukuguquka ibe ngenxa yaloo nto siza kutshatyalaliswa.

Le nto iphinda ibonakale ngeSabatha. UYesu ufundisa kwindlu akhonzela kuyo amaYuda. Ubona umfazi onedemon ebimgulisa iminyaka eyi-18. Ugobile kuba akakwazi ukuma nkqo. Uyamsizela aze athi kuye: “Mfazindini, uphilisiwe.” (Luka 13:12) Umbeka izandla ibe lo mfazi ngoko nangoko uma nkqo aze azukise uThixo.

Le nto iyalicaphukisa igosa eliphethe indlu akhonzela kuyo amaYuda. Lithi: “Zintandathu iintsuku ekumele kusetyenzwe ngazo; yizani ngezo ntsuku ke, ningezi ngeSabatha.” (Luka 13:14) Eli gosa aliyiphikisi into yokuba uYesu unamandla okuphilisa. Ligxeka abantu abafuna ukuphiliswa ngeSabatha. UYesu uliphendula athi: “Bahanahanisindini, andithi akekho apha kuni ongayikhululiyo inkunzi yakhe yenkomo okanye idonki yakhe ayokuyiseza ngeSabatha? Lo mfazi yintombi ka-Abraham, ibe sele eneminyaka eyi-18 ephethwe kakubi nguSathana. Akufanelekanga na ukuba yena aphiliswe ngomhla weSabatha?”​—Luka 13:15, 16.

Abantu abangamfuniyo baba neentloni kodwa bona abanye abantu abamameleyo bayazivuyela ezi zinto azenzayo. Emva koko uYesu uphinda imizekelo emibini. Le mizekelo iprofeta ngoBukumkani ibe ebekhe wathetha ngayo xa ebekwisikhephe kuLwandle LwaseGalili.​—Mateyu 13:31-33; Luka 13:18-21.