Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 77

UYesu Uthetha Ngobutyebi

UYesu Uthetha Ngobutyebi

LUKA 12:1-34

  • UMZEKELO WENDODA ESISITYEBI

  • UYESU UTHETHA NGAMAHLUNGULU NEENTYATYAMBO ZASENDLE

  • ‘UMHLAMBI OMNCINCI’ UZA KUBA KUBUKUMKANI

Njengoko uYesu esitya ekhayeni lomFarisi, amawakawaka abantu amlindile phandle. Ayiqali ukwenzeka le nto, naseGalili bekunje. (Marko 1:33; 2:2; 3:9) Apha kwaYuda abantu bafuna ukumbona baze bamve, ibe indlela abanomdla ngayo yahlukile kweyabaFarisi ebesitya nabo.

Into yokuqala ayithethayo uyitsho kubafundi bakhe. Uthi: “Lilumkeleni igwele labaFarisi, balumkeleni banganiqhathi.” UYesu akaqali ukubalumkisa ngale ndlela. Kodwa into ayibonileyo xa ebesitya nabaFarisi imbonise indlela esibaluleke ngayo esi silumkiso. (Luka 12:1; Marko 8:15) AbaFarisi banokuzama ukuzifihla izinto ezimbi abazenzayo ngokuzenza amakholwa kodwa bayingozi ibe abantu kufuneka bayazi loo nto. UYesu uthi: “Akukho nto ifihliweyo ingazukuvezwa, kungekho nanto iyimfihlo ingazukwaziwa.”​—Luka 12:2.

Kusenokwenzeka ukuba abantu abaninzi abajikeleze uYesu ngamaYuda ibe abakhange bamve xa ebeshumayela eGalili. Ngenxa yaloo nto uphinda ezinye izinto ezibalulekileyo ebekhe wazithetha. Uthi kubantu abamameleyo: “Sanukuboyika abo babulala umzimba kodwa bangakwazi ukwenza enye into engaphezu koko.” (Luka 12:4) Njengoko ebekhe wenza ngaphambili, uxelela abalandeli bakhe indlela ekubaluleke ngayo ukuba bamthembe uThixo ukuba uza kubakhathalela. Bamele bamazi noNyana womntu baze baqonde ukuba uThixo angabanceda.​—Mateyu 10:19, 20, 26-33; 12:31, 32.

Emva koko indoda elapha phakathi kwabantu ithi: “Mfundisi, xelela umntakwethu ahlulelane nam ngelifa.” (Luka 12:13) UMthetho utsho ngokucacileyo ukuba unyana olizibulo umele ohlulelwe kabini kwilifa. (Duteronomi 21:17) Kubonakala ngathi le ndoda ayaneli, ifuna into eninzi ngaphezu kwale uthi uMthetho mayiyifumane. UYesu akafuni ukuyingena le nto. Ngenxa yaloo nto uthi: “Mfondini, ngubani othe ndingangumgwebi okanye umlamli phakathi kwenu?”​—Luka 12:14.

Emva koko ulumkisa athi: “Vulani amehlo nize nizigade ninganyoluki, kuba nokuba umntu unezinto ezininzi, ubomi bakhe abuxhomekekanga kwizinto anazo.” (Luka 12:15) Nokuba umntu angasisityebi kangakanani, akazukufa na aze ayishiye yonke loo nto ngasemva? UYesu uyicacisa le nto ngokwenza umzekelo ongenakulibaleka obonisa indlela ekubaluleke ngayo ukwaziwa kakuhle nguThixo.

Uthi: “Umhlaba wesinye isityebi wachuma kakhulu. Sathi, ‘Ndithini kanene ngoku, kuba andisenayo indawo yokufaka isivuno sam?’ Sathi, ‘Nantsi into endiza kuyenza: Ndiza kubadiliza oovimba bam ndize ndakhe abakhulu kunabo, ndisifake apho sonke isivuno sam nazo zonke izinto zam, ibe ndiza kuzixelela ukuba: “Ndizigcinele izinto ezininzi eziza kundiqhuba iminyaka; ndiza kuzipholela, nditye, ndisele, ndonwabe.”’ Kodwa uThixo wathi kuso, ‘Mntundini ongasebenzisi ngqondo, uza kubulawa ngobu busuku banamhlanje. Ziza kuba zezikabani ke ezi zinto uzigcinileyo?’ Siba njalo ke isiphelo somntu oziqwebela ubutyebi, kodwa engesosityebi kuThixo.”​—Luka 12:16-21.

Abafundi bakaYesu nabanye abantu abammameleyo basenokuxakeka kukufuna nokuqokelela ubutyebi. Okanye izinto zobu bomi zinokubaphazamisa kwindlela abamkhonza ngayo uYehova. Ngenxa yaloo nto uYesu uphinda into ebeyithethe malunga nonyaka onehafu odlulileyo kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni.

Uthi: “Yekani ukuxhalela ubomi benu, ukuba niza kutya ntoni, okanye nixhalele imizimba yenu, ukuba niza kunxiba ntoni. . . . Khanikhe nicinge ngamahlungulu: Awatyali, awavuni, awaqokeleli kutya koovimba, kodwa ondliwa nguThixo. Anibalulekanga ngaphezu kweentaka na nina? . . . Khanicinge nje ngendlela ezikhula ngayo iintyatyambo zasendle: Azisebenzi nzima, zingazithungeli nampahla; kodwa ndithi kuni, kwaneempahla ezimbeje-mbeje zikaSolomon zazingazogqithi ngobuhle. . . . Ngoko yekani ukuba nexhala lokuba niza kutya ntoni, nisele ntoni; yekani ukuzikhathaza kangaka . . . uTata wenu uyazi ukuba niyazidinga ezi zinto. . . . Qhubekani nifuna uBukumkani bukaThixo, yaye ezi zinto ziza kongezelelwa kuni.”​—Luka 12:22-31; Mateyu 6:25-33.

Ngoobani abaza kufuna uBukumkani BukaThixo? UYesu uchaza ukuba linani elincinci labantu abathembekileyo ababizwa ukuba ‘ngumhlambi omncinci.’ Ekuhambeni kwexesha kuza kuchazwa ukuba inani labo yi-144 000 qha. Balindelwe yintoni? UYesu ubaqinisekisile wathi: “UTata wenu uza kuninika uBukumkani.” Abazukuzixakekisa ngokuqokelela ubutyebi basemhlabeni obunokubiwa ngamasela. Endaweni yaloo nto iintliziyo zabo ziza kufuna “ubutyebi obungasoze buphele emazulwini,” apho baza kulawula kunye noKristu.​—Luka 12:32-34.