Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 34

UYesu Ukhetha Abapostile Abayi-12

UYesu Ukhetha Abapostile Abayi-12

MARKO 3:13-19 LUKA 6:12-16

  • ABAPOSTILE ABAYI-12

Sele kudlule malunga unyaka onehafu ngoku uYohane umBhaptizi echaze uYesu njengeMvana KaThixo. Ukuqalisa kukaYesu ukushumayela, uAndreya, uSimon Petros, uYohane, mhlawumbi uYakobi (ongumntakwaboYohane), uFilipu, noNathaniyeli (okwabizwa ngokuba nguBhartolomeyu) baba ngabafundi bakaYesu. Ekuhambeni kwexesha nabanye bamlandela uKristu.​—Yohane 1:45-47.

Ngoku uYesu uza kukhetha abapostile bakhe. Baza kuba ngabona bantu basondeleyo kuye baze baqeqeshwe ngendlela ekhethekileyo. Kodwa ngaphambi kokuba abakhethe, uYesu uya entabeni, mhlawumbi ekufutshane noLwandle LwaseGalili kufuphi naseKapernahum. Uhlala apho ubusuku bonke ethandaza, mhlawumbi ecela ubulumko nokuba uThixo amsikelele. Ngemini elandelayo ubiza abafundi bakhe aze akhethe kubo abayi-12 ukuba babe ngabapostile bakhe.

UYesu ukhetha aba bathandathu kuthethwe ngabo ekuqaleni kweli nqaku, noMateyu awambiza ekwiofisi yabaqokeleli berhafu. Abanye abahlanu abakhethayo nguYudas (okwabizwa ngokuba nguTadeyu nokuba ‘ngunyana kaYakobi’), uSimon waseKanan, uTomas, uYakobi unyana ka-Alfeyu, kunye noYudas Skariyoti.​—Mateyu 10:2-4; Luka 6:16.

Ngoku aba bayi-12 sele behambe ixesha elide noYesu ibe ubazi kakuhle. Abanye kubo bayazalana. UYakobi nomntakwabo uYohane ngabazala bakaYesu. Enye into, njengokuba abantu becinga, uAlfeyu wayengu mntakwaboYosefu, utata kaYesu, loo nto ithetha ukuba umpostile uYakobi, ongunyana kaAlfeyu, ngumzala kaYesu.

UYesu akanangxaki ekukhumbuleni amagama abapostile bakhe. Kodwa ngaba wena uyawakhumbula? Enye into enokukunceda kukukhumbula ukuba kukho ooSimon ababini, ooYakobi ababini nooYudas ababini. USimon (Petros) unomntakwabo onguAndreya, ibe uYakobi (unyana kaZebhedi) unomntakwabo onguYohane. Le yindlela elula yokukhumbula abapostile abasibhozo. Abanye abane ngumqokeleli werhafu (uMateyu), omnye owathi ekuhambeni kwexesha wathandabuza (uTomas), omnye owafunyanwa phantsi komthi (uNathaniyeli), nomhlobo kaNathaniyeli (uFilipu).

Abayi-11 kwaba bapostile basuka eGalili, apho uYesu akhulele khona. UNathaniyeli ngowaseKana. UFilipu, uPetros, noAndreya bona basuka eBhethesayida. Ekuhambeni kwexesha uPetros, noAndreya bafudukela eKapernahum, apho wayehlala khona uMateyu. UYakobi noYohane nabo bahlala eKapernahum okanye kufutshane nayo, ibe bebeneshishini lokuloba iintlanzi kufutshane apho. UYudas Skariyoti, oza kujikela uYesu, nguye yedwa umpostile osuka kwaYuda.