Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 41

Uyenza Ngamandla Kabani Imimangaliso?

Uyenza Ngamandla Kabani Imimangaliso?

MATEYU 12:22-32 MARKO 3:19-30 LUKA 8:1-3

  • UYESU UPHINDA AQALISE UKUSHUMAYELA OKWESIBINI

  • UKHUPHA IDEMON AZE ALUMKISE NGESONO ESINGENAKUXOLELWA

Emva kokuba ethethe ngokuxolela kwikhaya likaSimon umFarisi, uYesu uphinda aqalise ukushumayela okwesibini eGalili. Ngunyaka wesibini ngoku eshumayela ibe akahambi yedwa. Uhamba nabapostile bakhe abayi-12 “nabanye abafazi awayebaphilisile wakhupha needemon kubo.” (Luka 8:2) Abanye babo nguMariya Magadala, uSusana noYowana onomyeni osebenzela uKumkani uHerode Antipas.

Njengoko abantu abaninzi besiya bemazi uYesu, baye bephikisana ngemisebenzi yakhe. Le nto iyacaca xa indoda enedemon, engaboniyo nengakwaziyo ukuthetha isiziswa kuYesu ukuba ayiphilise. Ngoku le ndoda ayisenayo idemon, iyabona ibe iyakwazi nokuthetha. Abantu bayamangaliswa yile nto ibe bathi: “Akungebi nguNyana kaDavide lo?”​—Mateyu 12:23.

UYesu nabafundi bakhe abakwazi nokutya kuba abantu abaninzi bajikeleze le ndlu bakuyo. Kodwa ayingabo bonke abantu abacinga ukuba uYesu “nguNyana kaDavide” othenjisiweyo. Kukho nabanye ababhali nabaFarisi abasuka eYerusalem. Abezanga ukuze bazokufunda kuye okanye bazokumxhasa. Baxelela abantu ukuba “unoBhelezebhubhe” ibe usebenzisana ‘nomlawuli weedemon.’ (Marko 3:22) Xa abantu azalana nabo beyiva le nto bayeza baze bambambe. Kutheni?

Kaloku kwanabantakwabo abamkholelwa ukuba unguNyana KaThixo. (Yohane 7:5) Lo Yesu ubonakala ngathi uxabanisa abantu, akanguye lo bamaziyo nabakhule naye eNazarete. Bacinga ukuba uphazamiseke engqondweni. Bathi: “Ushiywe ziingqondo.”​—Marko 3:21.

Ubungqina bona buthini? UYesu usandokuphilisa indoda ebinedemon. Ngoku iyabona ibe iyakwazi ukuthetha. Akekho umntu onokuyiphikisa le nto. Ngenxa yaloo nto, ababhali nabaFarisi bazama ukumtyhola. Bathi: “Lo mfo ukhupha iidemon ngoBhelezebhubhe, umlawuli weedemon.”​—Mateyu 12:24.

UYesu uyayazi into abayicingayo. Uthi kubo: “Nabuphi na ubukumkani obulwa bodwa buyawa, ibe nasiphi na isixeko okanye ikhaya elilwa lodwa alizukuphumelela. Ngoko, ukuba uSathana ukhupha uSathana, ulwa yedwa; buza kuma njani ke ubukumkani bakhe?”​—Mateyu 12:25, 26.

Abanakuyiphikisa le ndlela acinga ngayo. AbaFarisi bayayazi ukuba amanye amaYuda athi akhupha iidemon. (IZenzo 19:13) Ngoko uYesu uyabuza athi: “Ukuba ndizikhupha ngoBhelezebhubhe iidemon, bazikhupha ngabani ke bona oonyana benu?” Ngamanye amazwi, uthi le nto bamtyhola ngayo yena bamele babatyhole ngayo nabo. UYesu uqhubeka athi: “Kodwa ukuba ndizikhupha ngomoya kaThixo iidemon, kucacile ukuba uBukumkani bukaThixo bunifikele ningalindelanga.”​—Mateyu 12:27, 28.

Ukuze acacise ukuba xa ekhupha idemon loo nto ibonisa ukuba unamandla ngaphezu koSathana, uthi: “Ukuba umntu ufuna ukungena endlini yendoda enamandla, aze athathe izinto zayo, engakhange aqale ayibophe, uza kuzithatha njani ezo zinto? Umntu ongekho kwicala lam, ulwa nam, nalowo ungandincedisiyo ekuqokeleleni, uyachitha.” (Mateyu 12:29, 30) Kuyacaca ukuba ababhali nabaFarisi abakho ngakwicala likaYesu, loo ithetha ukuba basebenza kunye noSathana. Bayababhekelisa abantu kuNyana KaThixo osebenza kunye noYehova.

Uyabalumkisa aba bachasi basebenza noSathana athi: “Bonke abantu baza kuzixolelwa zonke izono abazenzayo nokuthuka kwabo. Kodwa nabani na othuka umoya oyingcwele akasoze axolelwe naphakade, unetyala lesono sikanaphakade.” (Marko 3:28, 29) UYesu wakhupha iidemon esebenzisa umoya kaThixo kodwa bona bathi usebenzisa umoya kaSathana. Le nto ibonisa ukuba bathuka umoya oyingcwele.