Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 54

UYesu​​—⁠“Isonka Sobomi”

UYesu​​—⁠“Isonka Sobomi”

YOHANE 6:25-48

  • UYESU ‘USISONKA ESIVELA EZULWINI’

Kwimpuma yoLwandle LwaseGalili uYesu utyise amawaka abantu ngokungummangaliso, waza wabaleka xa bebefuna ukumenza ukumkani. Ebusuku ngaloo mini uye wahamba phezu kolwandle kukho isaqhwithi waza wasindisa uPetros naye obehamba phezu kwamanzi kodwa waphelelwa lukholo waza waqalisa ukutshona. Uye wazolisa nolwandle esindisa abafundi bakhe ukuba bangatshoni.

Ngoku uYesu ubuyele kwintshona yoLwandle LwaseGalili, eKapernahum. Aba bantu ebebatyise ngokungummangaliso bayamfumana baze bathi kuye: “Mfundisi, ufike nini apha?” UYesu uthi bamkhangela kuba befuna ukuphinda bafumane ukutya. Uthi “mabasebenzele ukutya okungatshabalaliyo, okunika ubomi obungunaphakade.” Ngenxa yaloo nto bayambuza bathi: “Simele senze ntoni ukuze senze izinto ezithandwa nguThixo?”​—Yohane 6:25-28.

Mhlawumbi bona bacinga ngezinto ezibhalwe eMthethweni, kodwa uYesu uthetha ngento ebaluleke kakhulu. Uthi: “UThixo uthanda ukuba nizikholelwe nize nizenze izinto ezithethwa ngulowo amthumileyo.” Kodwa bona abantu abamkholelwa uYesu ngoku enze izinto ezingaka. Bathi ukuze bamkholelwe makenze ummangaliso. Bayambuza bathi: “Ngowuphi ummangaliso oza kusenzela wona?” Baphinde bathi: “Okhokho bethu batya imana entlango, kanye njengokuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Wabanika isonka esivela ezulwini batya.’”​—Yohane 6:29-31; INdumiso 78:24.

Xa bemcela ukuba abenzele ummangaliso, uYesu uyabacacisela ukuba ngubani onokunika abantu izinto abazidingayo ngokungummangaliso. Uthi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, ayingoMoses owaninika isonka esivela ezulwini, kodwa isonka sokwenene esivela ezulwini nisinikwa nguTata. Kuba isonka sikaThixo ngulowo uhla evela ezulwini aze alinike ubomi ihlabathi.” Abamva ukuba uthetha ukuthini, baze bamcenge besithi: “Nkosi, hlala usinika esi sonka.” (Yohane 6:32-34) Sesiphi esi “sonka” athetha ngaso uYesu?

Uthi: “Ndim isonka sobomi. Nabani na oza kum, soze alambe, ibe nabani na okholwayo kum aze azenze izinto endizithethayo, soze anxanwe. Kodwa ke njengoko benditshilo kuni, nindibonile kodwa anikholwa. . . . Ndehla ndivela ezulwini ndingezanga kwenza ukuthanda kwam, kodwa ukuthanda kwaLowo undithumileyo. Ukuthanda kwaLowo undithumileyo kukuba ndingalahlekelwa nangomnye kwabo andinike bona, kodwa ufuna ndibavuse ngomhla wokugqibela. Kuba ukuthanda kukaTata kukuba, wonke umntu omamkelayo uNyana, akholwe aze azenze izinto azithethayo, afumane ubomi obungunaphakade.”​—Yohane 6:35-40.

Xa esiva le nto, amaYuda ayakhalaza ngaye. Ayabuza ukuba utsho njani ukuba ‘usisonka esehla sivela ezulwini’? (Yohane 6:41) Kaloku amazi engunyana wabazali baseGalili kwisixeko saseNazarete. Abantu bayabuza bathi: “AyingoYesu na lo, unyana kaYosefu, onotata nomama esibaziyo?”​—Yohane 6:42.

UYesu uyabaphendula athi: “Yekani ukukhalaza. Akukho mntu unokuza kum engatsalwanga nguLowo undithumileyo, uTata, ibe ndiza kumvusa ngomhla wokugqibela. Kubhaliwe kwiincwadi zabaProfeti kwathiwa: ‘Bonke baza kufundiswa nguYehova.’ Wonke umntu omvileyo uTata, waza wazamkela iimfundiso zakhe, uyeza kum. Loo nto ayithethi kuthi kukho umntu ombonileyo uTata. Akukho mntu umbonileyo uTata, ngaphandle kwalowo uvela kuye. Ndiyaniqinisekisa ukuba, nabani na okholwayo uza kufumana ubomi obungunaphakade.”​—Yohane 6:43-47; Isaya 54:13.

Xa uYesu wayencokola noNikodemo wathetha ngobomi obungunaphakade, waza wabudibanisa nokukholwa kuNyana womntu, esithi: “Wonke umntu ozikholelwayo izinto azifundisayo [uNyana KaThixo ekuphela kwakhe] aze azenze, akazukutshabalala, kodwa uza kufumana ubomi obungunaphakade.” (Yohane 3:15, 16) Kodwa ngoku uthetha nabantu abaninzi ebaxelela ukuba nguye onokubanceda bafumane ubomi obungunaphakade, hayi imana okanye nesiphi na isonka esifumaneka eGalili. Bunokufunyanwa njani ke ubomi obungunaphakade? UYesu uphinda into ebeyithethile athi: “Ndim isonka sobomi.”​—Yohane 6:48.

Le ngxoxo engesonka esivela ezulwini ayipheleli apha kodwa iyaqhubeka, ize ibe shushu xa uYesu efundisa kwindlu akhonzela kuyo amaYuda eKapernahum.