Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 31

Ukukha Izikhwebu NgeSabatha

Ukukha Izikhwebu NgeSabatha

MATEYU 12:1-8 MARKO 2:23-28 LUKA 6:1-5

  • ABAFUNDI BAKHA IZIKHWEBU NGESABATHA

  • UYESU “UYINKOSI YESABATHA”

Ngoku uYesu nabafundi bakhe bayenyuka baya eGalili. Kusentwasahlobo, ibe amasimi anezikhwebu. Kuba belambile, abafundi bakha izikhwebu baze bazitye. Kodwa kungeSabatha ibe abaFarisi bayijongile le nto.

Ukhumbule ukuba amanye amaYuda eYerusalem ebefuna ukubulala uYesu, kuba esithi wenze into engekho mthethweni ngeSabatha. Ngoku abaFarisi batyhola abafundi bakaYesu besithi: “Jonga! Abafundi bakho benza into engekho mthethweni ngeSabatha.”​—Mateyu 12:2.

AbaFarisi bathi ukukha nokuchuba izikhwebu kukuvuna. (Eksodus 34:21) Imithetho ababeyibeka ngenxa yezinto ababesithi umntu uyasebenza xa ezenza ngeSabatha yayibacinezela abantu, kanti ekuqaleni yayenzelwe ukunceda abantu basondele kuThixo. UYesu uyayilungisa indlela abacinga ngayo ngokubenzela imizekelo ebonisa ukuba uYehova uThixo wayengafuni ukuba umthetho wakhe weSabatha usetyenziwe ngaloo ndlela.

Omnye wale mizekelo kaYesu ngokaDavide namadoda akhe. Xa babelambile bangena etempileni baza batya izonka ezazibekwe phambi kukaYehova. Ezi zonka zazisele zisusiwe phambi kukaYehova kubekwe ezinye ezazibhakwe ngala mini, ibe ezisusiweyo zazidla ngokutyiwa ngababingeleli. Kodwa kule meko, uDavide namadoda akhe abazange babe netyala ngokuzitya.​—Levitikus 24:5-9; 1 Samuweli 21:1-6.

UYesu wenza omnye umzekelo wakhe athi: “Anizange nifunde na eMthethweni ukuba ababingeleli abasebenza etempileni bayawaphula umthetho weSabatha, kodwa bangabi natyala?” UYesu uthetha ukuba nangeSabatha ababingeleli baxhela izilwanyana ukuze babingelele baze benze neminye imisebenzi etempileni. Uqhubkea athi: “Kodwa ndithi kuni, ngoku kufike umntu obaluleke ngaphezu kwetempile.”​—Mateyu 12:5, 6; Numeri 28:9.

Ukuze abacacisele kakuhle uYesu uphinda acaphule kwiZibhalo athi: “Ukuba beniwazi ukuba athetha ukuthini amazwi athi, ‘Ndithanda inceba kunemibingelelo,’ ngeningakhange nibagwebe abo bangenatyala.” Uqhubeka athi: “Kuba uNyana womntu uyiNkosi yeSabatha.” UYesu uthetha ngoBukumkani bakhe obuza kulawula ngoxolo iminyaka eliwaka.​—Mateyu 12:7, 8; Hoseya 6:6.

Kudala abantu betsaliswa nzima nguSathana ebenza baphathane kakubi baze balwe neemfazwe. Kodwa xa kulawula uKristu iminyaka eliwaka siza kutsho siphumle!